bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 7
Matthew 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 8 →
1
NINGABEKI tyala, ukuze ningabekelwa tyala nani:
2
ngokuba ukubekwa kwetyala enibeka ngako, niya kubekelwa kona; nokulinganisa enilinganisa ngako, kwobuya kulinganiselwe nina.
3
Kuyinina ukuba ukangela icetyana elisesweni lomzalwana wako, kodwa umqadi osesweni lako akuwunakani?
4
Woti nina nokuti kumzalwana wako: Vuma ndiliku̔pe icetyana esweni lako; kanti nangu umqadi kwelako iliso?
5
Sihanahanisindini! wuku̔pe kuqala umqadi esweni lako, wauya kwandula ukolise ukubona ukuliku̔pa icetyana esweni lomzalwana wako.
6
Ninganiki okungcwele ezinjeni; kanjako ningaposi iperule zenu pambi kwehangu, hleze zizinyatele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge.
7
Celani, naniya kupiwa; funani, naniya kufumana: qongqotani, naniya kuvulelwa.
8
Ngokuba bonke abacelayo besamkela, nofunayo uyafumana, noqongqotayo uya kuvulelwa.
9
Nguwupina ke kuni engumntu oya kuti, ukuba unyana wake uyacela isonka, amnikele ilitye?
10
ati, ukuba uyacela intlanzi, amnikele inyoka?
11
Ngako ukuba nina, nikohlakele nje, niyazi ukupa abantwana benu izipo ezilungileyo, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuti uyihlo osezulwini ape abo bacelayo kuye into ezilungileyo?
12
Ngako zonke izinto enitanda ukuba abantu bazenze kuni, yenzani nani ngokunjalo kubo; ngokuba oku kungumteto nabaprofite.
13
Ngenani ngesango elixineneyo; ngokuba libanzi isango, inkulu nendlela esinga entshabalalweni, bebaninzi nabo abangenayo ngalo:
14
ngokuba lixinene isango, icutekile nendlela esinga ebomini, bebancinane nabo abayifumanayo.
15
Lumkelani ke abaprofite ababuxoki, abezayo kuni ngezivato zegusha, kanti ngapakati bazincu̔ka ezixwilayo.
16
Niya kubazi ngezixakato zabo. Kuka kukiwe idreyive emitolweni na? umhlaumbi amakiwane ezipingweni na?
17
Kwa njalo yonke imiti elungileyo iyahlanza izixakato ezilungileyo; kodwa umti obolileyo uyahlanza izixakato ezikohlakeleyo.
18
Umti olungileyo awungehlanze izixakato ezikohlakeleyo; kanjalo umti obolileyo awungehlanze izixakato ezilungileyo.
19
Yonke imiti engahlanziyo izixakato ezilungileyo iyagaulwa, iposwe emlilweni.
20
Ngoko ke niya kubazi ngezixakato zabo.
21
Asi ngabo bonke abati kum: Nkosi, Nkosi! abaya kungena ebukumkanini bezulu; koko ngowenzayo intando kabawo osezulwini.
22
Baninzi abaya kuti kum ngalomini: Nkosi, Nkosi! asati na ngegama lako saprofitesha, nangegama lako saziku̔pa idemoni, nangegama lako senza izenzo zamandla ezininzi?
23
ndandiya kwandula ndixele kubo ukuti: Andizanga ndinazi; mukani kum, nina bakwenzayo okungalungileyo!
24
Ngako lowo usukuba eweva lamazwi am, awenze, ndomfanekisa nomntu olumkileyo, owakayo indlu yake elulwalweni:
25
yaza yehla imvula, yeza nemisinga, yaquta nemimoya, yayiwela leyondlu; ayawa noko; ngokuba ibisekelwe elulwalweni.
26
Kanjalo osukuba eweva lamazwi am, angawenzi, wofanekiswa nomntu osidenge, owakayo indlu yake entlabatini:
27
yaza yehla imvula, yeza nemisinga, yaquta nemimoya, yabeta kuleyondlu; yawa ke; sati isiwo sayo sasikulu.
28
Kwaye kute, okuya abezigqibile u‐Yesu iziteto ezi, izihlwele zibe zimangaliswa pezu kwokufundisa kwake;
29
ngokuba ebezifundisa njengonegunya, bekungenjengababa̔li.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28