bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 21
Matthew 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 22 →
1
KEKALOKU xeshekweni babesondele e‐Yerusaleme, bese befikile e‐Betefage ngasentabeni yeminquma, wandula u‐Yesu watuma abadisipile ababini,
2
esiti kubo: Hambani niye emzini omalungana nani; nose nifumana ke iqwaṙashe libotshelelwe, netole ndawonye nalo; wa kululeni ni wa zise kum.
3
Nokuba umntu uyateta into kuni, niya kutsho ukuti: Inkosi iyawafuna; wosel’ ewatuma ke.
4
(Kekaloku oku konke kwenzekile, ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngumprofite, esiti:
5
Yitshoni kwintombi yase‐Ziyone: Bona ke, ukumkani wako uyeza kuwe; elulamile, ekwele eqwaṙasheni, kwa seqwaṙashaneni elilitole leqwaṙashekazi.)
6
Bahamba ke abadisipile, benza kwa njengokuba bebeyalelwe ngu‐Yesu,
7
bazisa iqwaṙashe netole, babeka ingubo zabo pezu kwawo, ba m hlalisa pezu kwazo.
8
Bati abaninzi kakulu besihlwele bandlala ingubo zabo endleleni; bebesiti abanye bagaula amasebe emitini, bawandlala endleleni.
9
Zaza izihlwele ezibe zihamba pambili, nezo zibe zilandela, zadanduluka, zisiti: Hosana kuye unyana ka‐Davide! Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova! Hosana enyangweni yapezulu!
10
Kekaloku akungena e‐Yerusaleme, sapitizeliswa sonke isixeko, sisiti: Ungubanina lo?
11
Zaye izihlwele zisiti: Lo ungu‐Yesu umprofite, owase‐Nazarete yase‐Galili.
12
Waza u‐Yesu wangena etempileni katixo, wabagxota bonke ababetengela nababetenga etempileni, wazipenula itafile zabananeli bemali, nezihlalo zababetengisa ngamahobe,
13
wati kubo: Kuba̔liwe ngokuti: Indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza; kanti nina niyenzile umqolomba wamabada.
14
Kwaye kusiza kuye imfama neziqwala etempileni apo: wazipilisa ke.
15
Kekaloku abaperisite abakulu nababa̔li bakubona imimangaliso wayenzayo, nabantwana bedanduluka etempileni, besiti nokuti: Hosana kuye unyana ka‐Davide! baqumba kunene,
16
bati kuye: Uyeva na into abayitetayo aba? Wayesiti u‐Yesu kubo: Ewe; anizanga nileseshe na ukuti: Ngomlomo wentsana nabanyayo umisile udumiso?
17
Waza wabashiya, wapuma esixekweni waya e‐Betaniya, walalisa kona.
18
Kekaloku kwakusa, xa abebuyela esixekweni, walamba.
19
Wati akubona umkiwane otile ngasendleleni, weza ngakuwo; kuloko engafumananga nto kuwo, kupela amagqabi odwa: waza wati kuwo: Makungabi savela isiqa̔mo kuwe kude kube ngunapakade. Wahla wabuna kamsinya umkiwane lowo.
20
Baza abadisipile, bakubona oko, bati nqa, besiti: Hai umkiwane ukubuna kamsinya kangakanana!
21
Koko wapendula u‐Yesu wati kubo: Ngokwenene nditi kuni: Ukuba ninalo ukolo, ningatandabuzi, aniyi kuyenza lento yomkiwane yodwa, koko nokuba niti kulentaba: Yiba ususwa, uposelwe elwandle; kuya kwenzeka.
22
Nento zonke enisukuba nizicela ekutandazeni, nikolwa, niya kuzamkela.
23
Kekaloku akungena etempileni, kweza kuye, xa afundisayo, abaperisite abakulu nabadala babantu, besiti: Uzenza ezizinto ngegunya lanina? kanjalo ngubanina owanika eligunya kuwe?
24
Koko wapendula u‐Yesu wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, endiya kuti, nxa nindixelele yona, ndandul’ ukunixelela nam kungelanina igunya endizenza ezizinto:
25
Ubapitizesho luka‐Johane beluvela pina? ezulwini, ebantwini, kusinina? Baza babuzana bodwa, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti kuti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye?
26
Kodwa ukuba siti: Ebantwini; siyoyika isihlwele; ngokuba bonke bebala u‐Johane ukuba ngumprofite.
27
Baza bapendula ku‐Yesu bati: Asazi. Wati kubo naye: Nam andixeleli nina kungelanina igunya endizenza ezizinto.
28
Kodwa niti nina ke? Umntu otile wabenonyana ababini; weza kowokuqala, wati: Nyana! yiya usebenze namhla esitiyeni sam.
29
Koko wapendula wati: Andivumi: kodwa kamva waguquka, waya.
30
Weza nakowesibini, watsho ngokunjalo. Waza wapendula wati: Nanku ndi siya, nkosi! kanti akaya.
31
Nguwupina kwabo babini owenza intando kayise? Bati kuye: Ngowokuqala. Wati kubo u‐Yesu: Ngokwenene nditi kuni: Ababuti beminikelo nabapinyiswa bayanipangela ukungena ebukumkanini bukatixo.
32
Ngokuba u‐Johane weza kuni endleleni yobulungisa, kanti anakolwa nguye: kodwa ababuti beminikelo nabapinyiswa bakolwa nguye: nati ke nina nakubona oko, anaguquka kamva, nize nikolwe nguye.
33
Omnye umzekeliso wuveni. Bekuko umninindlu otile, owatyala isitiya, wasibiyela ngotango, wembela kuso isincinezelo seveyine, waka inqaba, wasiqeshisela kubalimi, waza wahambela kwelinye ilizwe.
34
Kwati kwakuba kufupi ixesha leziqa̔mo, watuma izicaka zake kubalimi, ukuya kwamkela iziqa̔mo zake.
35
Baza abalimi batabata izicaka zake, bati ke esinye basityabula, nesinye basibulala, nesinye basigibisela ngamatye.
36
Wabuya watuma ezinye izicaka, zizininzi kwezokuqala: benza nakuzo ngokunjalo.
37
Wada wati kamva watuma kubo unyana wake, esiti: Baya kumhlonela unyana wam.
38
Kodwa abalimi, bakubona unyana, batsho pakati kwabo ukuti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, size sibambe ilifa lake.
39
Baza bamtabata, bamku̔pela ngapandle kwesitiya, bambulala.
40
Ngako xeshekweni afikileyo umninisitiya, uya kwenza nto nina kubalimi abo?
41
Bati kuye: Abo bantu bakohlakeleyo wobatshabalalisa kakubi; nesitiya eso wosiqeshisela kwabanye abalimi, abaya kumamkelisa iziqa̔mo ngamaxesha azo.
42
Wati kubo u‐Yesu: Anizanga nileseshe eziba̔lweni na ukuti: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi; bekukukwenza kukayehova oku, kungummangaliso ke emehlweni etu?
43
Ngako oko nditi kuni: Ubukumkani bukatixo buya kususwa kuni, bupiwe uhlanga oluvelisa iziqa̔mo zabo.
44
Nowayo pezu kwelilitye, uya kutyunyuzwa; kodwa lowo liwa pezu kwake, liya kumti viti.
45
Baza abaperisite abakulu nabafarisi, bakuba bevile imizekeliso yake, banakana ukuba uteta ngabo.
46
Bati bakufuna ukumbamba, bazoyika izihlwele, ngokokuba zibe zimbala ukuba ngumprofite.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28