bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 25
Matthew 25
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 26 →
1
OKO ubukumkani bezulu bofanekiswa nentombi ezilishumi, ezatabatayo izibane zazo, zapuma ukuya kukaulela umyeni.
2
Kekaloku isihlanu kuzo zibe zilumkile, nesihlanu esinye zazinyabile.
3
Ezo zinyabileyo, zitabatile nje izibane zazo, azatabata nazo ioli:
4
kodwa ezilumkileyo zatabata ioli ezityeni zazo kunye nezibane zazo.
5
Zati kekaloku, xa alibalayo umyeni, zozela zonke zalala.
6
Kwaza kwati pakati kwobusuku kwenziwa indanduluko yokuti: Nanku umyeni esiza; pumani ukuya kumkaulela.
7
Zandula zavuka zonke intombi ezo, zalungisa izibane zazo.
8
Zaza ezinyabileyo zati kwezilumkileyo: Sipeni kuyo ioli yenu, ngokuba izibane zetu zicimeka.
9
Kodwa zapendula ezilumkileyo, zisiti: Hai, hleze kuti kunganeli tina nani; hambani ke niye ngokukumbi kwabo batengisayo, nizitengele.
10
Koko nxa bezisiya ukutenga, wafika umyeni: zaza ezo zibe zilungile zangena naye emtshatweni; kwavalwa ke ucango.
11
Zati kamva zafika nezinye intombi, zisiti: Nkosi, Nkosi, sivulele!
12
Kodwa wapendula wati: Ngokwenene nditi kuni, andinazi.
13
Lindani ke ngoko; ngokuba ningayazi imini kwa neyure unyana wesintu uza ngayo.
14
Ngokuba unyana wesintu e njengomntu ehambela kwelinye ilizwe, o wabiza izicaka zake, wayinikela kuzo imfuyo yake.
15
Wati ke esinye wasinika italente ntlanu, nesinye wasinika mbini, nesinye wasinika nye; wanika esinye ngesinye ngokwawaso amandla: waza wahambela kwelinye ilizwe kwa oko.
16
Kekaloku eso samkelayo italente ezintlanu saya sasebenza ngazo, senza esinye isihlanu setalente.
17
Kwa njalo neso samkelayo ezimbini, saqweba naso esinye isibini.
18
Kodwa eso samkelayo enye saya semba emhlabeni, sayifihla imali yenkosi yaso.
19
Kekaloku emveni kwexesha elikulu, yeza inkosi yezicaka ezo, yazibuza.
20
Sati ke eso samkelayo italente ezintlanu seza sazisa esinye isihlanu setalente, sisiti: Nkosi! italente ntlanu wabuzinikela kum; kangela, esinye isihlanu setalente ndisiqwebile pezu kwazo.
21
Yaza yati kuso inkosi yaso: Ukolisile, sicaka esilungileyo esinyanisekileyo! ubunyanisekile pezu kwezinto ezincinane, ndokumisela pezu kwezinto ezininzi; ngena eluyolweni lwenkosi yako.
22
Seza ke neso samkelayo italente ezimbini, sati: Nkosi! italente mbini wabuzinikela kum; kangela, esinye isibini setalente ndisiqwebile pezu kwazo.
23
Yati kuso inkosi yaso: Ukolisile, sicaka esilungileyo esinyanisekileyo! ubunyanisekile pezu kwezinto ezincinane, ndokumisela pezu kwezinto ezininzi; ngena eluyolweni lwenkosi yako.
24
Seza ke neso sibe samkele italente enye, sati: Nkosi! ndakwazi wena ukuba ungumntu olukuni, uvuna apo ungahlwayelanga kona, ubuta apo ungaci̔telanga kona;
25
ndaza ndoyika, ndaya ndayifihla italente yako emhlabeni; kangela, unako okukokwako.
26
Yaza yapendula inkosi yaso yati kuso: Sicaka esikohlakeleyo esinqenayo! ubusazi nje ukuba ndiyavuna apo ndingahlwayelanga kona, ndibute apo ndingaci̔telanga kona:
27
ubufanele ngoko ukuba wabeka imali yam kubananisi; ndaye ndinga ndite mna, ndakufika, ndabuya ndamkela okukokwam kunye nokwanda kwako.
28
Mhluteni ngoko italente yake, niyinike kulowo unetalente ezilishumi.
29
Ngokuba bonke abanako beya kupiwa, babeya kwanezelelwa; kanti ongenako, uya kuhlutwa kwa oko anako.
30
Nesicaka esingancedi luto siku̔peleni ebumnyameni obupandle: apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.
31
Kekaloku akuza unyana wesintu ebungcwaliseni bake, nazo zonke ingelosi ezingcwele kunye naye, uya kwandula ahlale pezu kweterone yobungcwalisa bake;
32
kwaye kuya kuhlanganiswa pambi kwake zonke intlanga; waeya kubahlula abanye kwabanye, njengokuba umalusi esahlula izimvu ezibokweni;
33
ati izimvu ke azimise ngasekunene kuye, ati kodwa ibokwe azimise ngasekohlo.
34
Oko nya kuti ukumkani kwabo bangasekunene kuye: Yizani, nina batanyusanqelweyo ngubawo! yidlani ilifa lobukumkani obulungiselwe nina kwa sekumisweni kwelizwe:
35
ngokuba bendilambile, naza nandipa ukutya; bendinxaniwe, naza nandiseza; bendingowasemzini, naza nandamkela endlwini;
36
bendizé, naza nandambesa; bendisifa, naza nandilunguza; bendisentolongweni, neza kum ke.
37
Baya kwandula ukupendula kuye abalungileyo, besiti: Nkosi! bekuninina esakubona ulambile, saza sa kw ondla; umhlaumbi unxaniwe, saza sa ku seza?
38
bekuninina esakubona ungowasemzini, saza sa kw amkela endlwini; umhlaumbi uzé, saza sa kw ambesa?
39
bekuninina esakubona usifa, umhlaumbi usentolongweni, seza kuwe ke?
40
Waeya kupendula ukumkani ati kubo: Ngokwenene nditi kuni: Ngendawo yokuba nibe nisenje njalo kwomnye waba abazalwana bam noko amncinane kubo bonke, nibe nisenje njalo kum.
41
Oko uya kuti nakwabo bangasekohlo: Mkani kum, nina baqalekisiweyo! niye emlilweni ongunapakade, olungiselwe u‐Satane nengelosi zake:
42
ngokuba bendilambile, anandipa ukutya ke; bendinxaniwe, anandiseza ke;
43
bendingowasemzini, anandamkela endlwini ke; bendizé, anandambesa ke; bendisifa, bendisentolongweni kanjalo, anaza kundibona ke.
44
Baya kwandula ukupendula kuye nabo, besiti: Nkosi! bekuninina esakubona ulambile, umhlaumbi unxaniwe, umhlaumbi ungowasemzini, umhlaumbi uzé, umhlaumbi usifa, umhlaumbi usentolongweni, saza asakwonga?
45
Uya kwandula apendule kubo, esiti: Ngokwenene nditi kuni: Ngendawo yokuba nibe ningenje njalo kwomnye waba noko amncinane kubo bonke, nibe ningenje njalo nakum.
46
Babeya kumka aba ukuya ekubetweni okungunapakade, kodwa abalungileyo ukuya ebomini obungunapakade.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28