bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 23
Matthew 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 24 →
1
WANDULA u‐Yesu wateta kwizihlwele nakubadisipile bake,
2
esiti: Ababa̔li nabafarisi bayahlala esihlalweni sika‐Mosesi:
3
ngako zonke izinto abasukuba benixelela ukuba nizigcine, zigcineni nizenze; kodwa ningenzi ngayo imisebenzi yabo; ngokuba beteta, kanti abenzi.
4
Ngokuba bebopa imitwalo enzima esindayo, bayibeke emagxalabeni abantu; kodwa abavumi nokuyishukumisa ngomnwe wabo.
5
Kanjalo yonke imisebenzi yabo bayayenza ngokunga bangabonelwa ngabantu: bayenza zibanzi izibotshana zabo zokukumbuza, nemiqukumbelo yengubo zabo bayayenza mikulu;
6
bayatanda indawo zobukulu ezidlweni, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso,
7
nezibuliso ezindaweni zentengo, nokubizwa ngabantu ngokutiwa, Rabi, Rabi!
8
Kodwa nina maningabizwa ngokutiwa, Rabi! ngokuba emnye umpati wenu, u‐Kristu; nani ningabazalwana nonke.
9
Kanjalo maningabizi mntu ngokuti unguyihlo emhlabeni apa; ngokuba emnye uyihlo, lowo usezulwini.
10
Maniti kanjako ningabizwa ngokutiwa ningabapati; ngokuba emnye umpati wenu, u‐Kristu.
11
Omkulu pakati kwenu makabe ngumkonzi wenu.
12
Oya kuzipakamisa, uya kutotywa; noya kuzitoba, uya kupakanyiswa.
13
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nivalela abantu ubukumkani bezulu: ngokuba ningangeni nina, nabangenayo ningabavumeli ukuba bangene.
14
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nisenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: ngako oku niya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.
15
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nijikajikela ulwandle n omhlaba owomileyo, ukuze nenze libe linye ikolwa lobujuda, eniti, lakuba njalo, nilenze umntwana wesihogo somlilo ngento epindiweyo kabini ngapezu kwenu.
16
Kwoba nzima kuni, bakokeli abazimfama! eniti: Osukuba efunga itempile, asi nto yanto; kodwa osukuba efunga igolide yetempile, ufanelwe kukufeza.
17
Nina bazidenge nemfama! ngokuba yiyipina enkulu, yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusinina?
18
Eniti kanjalo: Osukuba efunga isibingelo, asi nto yanto; kodwa osukuba efunga umnikelo opezu kwaso, ufanelwe kukufeza.
19
Nina bazidenge nemfama! ngokuba yiyipina into enkulu, ngumnikelo, sisibingelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusinina?
20
Ngako ofungayo isibingelo, uyafunga sona nento zonke ezipezu kwaso:
21
nofungayo itempile, uyafunga yona nalowo umiyo kuyo:
22
nofungayo izulu, uyafunga iterone katixo nalowo uhleli pezu kwayo.
23
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba ninika izishumi zetyeleba, nezedile, nezekumine, kanti niziyekile indawo ezinkulu zomteto, ubugwebo, nobubele, nokolo: bekufanele ezi ukuba zenzwe, neziya ukuba zingayekwa.
24
Bakokeli abazimfama, abayihluzayo imbuzane, bayiginye inkamela!
25
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nihlambulula indebe nesitya ngapandle, kanti ngapakati zizele bubupanga nobuncwangu.
26
Farisindini oyimfama! hlambulula tanci okupakati kwendebe nesitya, ukuze kuti nokupandle kwazo kube kuhlambulukile.
27
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nifana namancw̔aba aqatyiweyo ngobumhlope, ati ngapandle ke abonakale emahle, kodwa ngapakati azele ngamatambo abafileyo nakuko konke ukunco̔la.
28
Kwa njalo nani niti ngapandle ke nibonakale ebantwini nilungile, kodwa ngapakati nizele luhanahaniso nakokungalungileyo.
29
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nibuya nake amancw̔aba abaprofite, nihombe amancw̔aba abalungileyo,
30
niti: Ukuba besiko emihleni yobawo betu, ngesingabi nabukolwane nabo egazini labaprofite.
31
Kwa njalo ke niyazinqi̔nela ngokwenu, ukuba nilusapo lwabo babulalayo abaprofite.
32
Nani zalisani isilinganiso soyihlo benu.
33
Zinyokandini, sizukulwana samaṙamba! ningati nina ukusinda emgwetyweni wesihogo somlilo?
34
Ngako oko, bona ke, ndiyatuma kuni abaprofite, nezilumko, nababa̔li: naniya kuti inxenye kubo nibabulale nibakuruseshe, niti inxenye kubo nibabete ezindlwini zentlanganiso zenu, nibatshutshise kwisixeko ngesixeko;
35
ukuba kuze pezu kwenu lonke igazi elilungileyo lipalazwa emhlabeni, kutabata egazini lika‐Abele olungileyo, kude kube segazini lika‐Zekariya unyana ka‐Berekiya, lowo nambulalayo pakati kwendawo eyingcwele nesibingelo.
36
Ngokwenene nditi kuni: Ziya kuza zonke ezizinto pezu kwesisizukulwana.
37
Yerusaleme, Yerusaleme, ebabulalayo abaprofite, ebagibisela ngamatye abo batunyiweyo kuyo! kufuti kangakananina ebendifuna ukulubutela ndawonye usapo lwako, njengokuba inkukukazi iwabutela ndawonye amatole ayo ngapantsi kwamapiko, anavuma ke!
38
Bona ke, niyashiyelwa indlu yenu ici̔takele.
39
Ngokuba ndisiti kuni: Anisayi kundibona emveni kwoku, nide niti: Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28