bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 8
Matthew 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 9 →
1
KEKALOKU akuhla entabeni, zamlandela izihlwele ezininzi.
2
Kwaza kwati, bona ke, ileperi leza lambedesha, lisiti: Nkosi! ukuba uyatanda, ungandihlambulula.
3
Waza u‐Yesu wasolula isandla, walicu̔kumisa, esiti: Ndiyatanda; hlambuluka. Sasesihlanjululwa kwa oko isilepero salo.
4
Wayesiti u‐Yesu kulo: Lumka ungaxeleli mntu; kodwa hamba, zibonakalise kumperisite, unikele umnikelo wabeyalela wona u‐Mosesi, ube sisinqi̔no kubo.
5
Kekaloku akuba u‐Yesu engene e‐Kapenayume, kweza kuye inkosikulu imbongoza,
6
isiti nokuti: Nkosi! isicaka sam silele ngendlu sinesifo sokushwabanisa, sibulawa kakulu.
7
Wayesiti u‐Yesu kuyo: Ndiya kuza ndisipilise.
8
Yaza yapendula inkosikulu yati: Nkosi! andifanelekile ukuba ungene ngapantsi kwentungo yendlu yam; teta libe lilizwi kodwa, sasiya kuti isicaka sam sipiliswe.
9
Ngokuba nam ndingumntu pantsi kwegunya labanye, ndinamasodati pantsi kwam; nditi ke kwelinye: Yiya! liye ke; nakwelinye: Yiza! lize ke; nakwisicaka sam: Yenza oku! senze ke.
10
Waza u‐Yesu akuva oku wati nqa, wati kwabalandelayo: Ngokwenene nditi kuni, andifumananga lukolo olungaka nakwa‐Sirayeli.
11
Kanjalo nditi kuni: Baninzi abaya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, bahlale pantsi ndawonye no‐Abrahame, no‐Yisake, no‐Yakobi, ebukumkanini bezulu:
12
kodwa usapo lwobukumkani luya kulahlelwa ebumnyameni bangapandle; apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.
13
Waza wati u‐Yesu kwinkosikulu: Hamba, makube njalo kuwe njengokukolwa kwako. Sati isicaka sayo sapiliswa kwa ngeloxeshana.
14
Kekaloku xeshekweni u‐Yesu ebengene endlwini ka‐Petrosi, wabona umkwekazi wake elele, esifa licesine.
15
Waza wacu̔kumisa isandla sake, lamyeka icesine: wesuka ke, wabakonza.
16
Kwati kwakuhlwa, kwaziswa kuye abangenelwa zidemoni abaninzi; waza wabaku̔pa omoya ngelizwi, nabo bonke ababesifa wabapilisa:
17
ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngu‐Yisaya umprofite, esiti: Yena izilwelwe zetu wazitabata, nezifo zetu wazitwala.
18
Kekaloku akubona u‐Yesu izihlwele ezininzi zimpahla, waxela ukuba kumkiwe kuyiwe ecaleni elingapesheya.
19
Waza umba̔li otile weza wati kuye: Mfundisi! ndokulandela, apo usukuba uhambela kona.
20
Wayesiti u‐Yesu kuye: Impungutye zineminxuma, nentaka zezulu zinendawo zokuhlala; kanti unyana wesintu akanandawo apo angalalisa kona intloko.
21
Kanjalo omnye wabadisipile bake wati kuye: Nkosi! ndivumele nditi tanci ndihambe ndiye kuncw̔aba ubawo.
22
Kodwa u‐Yesu wati kuye: Ndilandele, uze uyekele abafileyo ukuncw̔aba abafileyo bakowabo.
23
Kwati akungena enqanaweni, bamlandela abadisipile bake.
24
Kekaloku bona ke, uqwitela olukulu lwesuka elwandle, yada inqanawa yafun’ ukuselelwa ngamaza; kodwa yena ebelele.
25
Baza abadisipile bake beza bamvusa, besiti: Nkosi, sisindise, siyabuba!
26
Wayesiti kubo: Yinina ukuba ninobugwala, nina balukolo luncinane? Wandula wavuka wakalimela imimoya nolwandle, kwaza kwabako ukuzola okukulu.
27
Bati nqa ke abantu abo, besiti: ngumntu ote nina lo, lento aviwa nayimimoya nalulwandle!
28
Kwati akufika ecaleni elingapesheya, ezweni lama‐Giregashe, kwamkaulela abangenelwa zidemoni ababini bepuma emancw̔abeni, benobuṙalaṙume kunene, kwada akwabiko mntu ongadlulayo ngaleyo indlela.
29
Kekaloku bona ke, badanduluka, besiti: Siyinto nina kuwe, Yesu, Nyana katixo? uze apa ukuza kusimbela ixesha lingekabiko na?
30
Kwabekuko ukude nabo umhlambi wehangu ezininzi usidla.
31
Zaza idemoni zambongoza, zisiti: Ukuba uyasiku̔pa, sivumele siye singene emhlambini wehangu.
32
Wayesiti kuzo: Hambani. Zapuma ke, zaya zangena emhlambini wehangu; kekaloku bona ke, wonke umhlambi wehangu wagalelekela ngeliwa apo elwandle, zabubela emanzini.
33
Baza abo babesalusa babaleka, baya esixekweni, bashumayela konke, nendawo zabangenelwa zidemoni.
34
Sati, bona ke, sonke isixeko sapuma ukuya kumhlangabeza u‐Yesu: bati bakumbona, babongoza ukuba makesuke emideni yabo.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28