bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 22
Matthew 22
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 23 →
1
WAZA wapendula u‐Yesu wabuya wateta kubo ngemizekeliso, esiti:
2
Ubukumkani bezulu bufanekiswa nokumkani otile owamenzela umtshato unyana wake;
3
waza watuma izicaka zake ukuya kubiza abamenyiweyo beze emtshatweni; abavumanga ukuza ke.
4
Wabuya watuma ezinye izicaka, esiti: Yitshoni kwabamenyiweyo ukuti: Bona ke, isidlo sam ndisilungisile, inkabi zam nenkomo zam ezityetyisiweyo zixe̔liwe, ewe, konke sekulungisiwe; yizani emtshatweni.
5
Kodwa bona bengakatalanga bemka, omnye ukuya entsimini yake, omnye ukuya entengweni yake:
6
bati abaseleyo babamba izicaka zake, bazipata kakubi, bazibulala.
7
Waza ukumkani, akuva oko, waqumba, watuma imikosi yake, watshabalalisa ababulali abo, nesixeko sabo wasitshisa ngomlilo.
8
Wandula wati ezicakeni zake: Umtshato ke seulungisiwe, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile;
9
hambani ngoko niye ekuhlanganeni kwendlela, niti abo nisukuba nibafumana, nibabize beze emtshatweni,
10
zapuma ke izicaka ezo zaya ezindleleni, zabuta bonke ezabafumanayo, nabakohlakeleyo nabalungileyo; yaza indawo yomtshato yazaliswa ngabahleli ekutyeni.
11
Kekaloku akungena ukumkani ukuza kubonela abahleli ekutyeni, wabona apo umntu ongavatanga isivato somtshato;
12
waza wati kuye: Sihlobo! ute nina ukungena apa ungenaso isivato somtshato? Wati cwaka ke.
13
Wandula wati ukumkani ebakonzini bake: Mbopeni izandla nenyawo, nimsuse, nimku̔pele ebumnyameni bangapandle: apo kwobako ukulila, nokuqaqazela kwamazinyo.
14
Ngokuba bebaninzi ababiziweyo, koko bebancinane abaqashiweyo.
15
Bandula abafarisi baya bacebisana ukuba bangati nina ukumtiyela ekuteteni.
16
Baza batuma kuye abadisipile babo kunye nabaherodi, besiti: Mfundisi! siyazi ukuba uyinene, ufundisa indlela katixo ngokwenyaniso, ungakatali ngumntu: ngokuba ungabuki ubuso babantu:
17
sixelele ngoko, ukuba uti nina wena? kufanelekile ukunika umnikelo ku‐Kesare, aku fanelekile, kusinina?
18
Kodwa u‐Yesu wanakana inkohlakalo yabo, wati: Yinina ukuba nindilinge, Zihanahanisindini?
19
ndiboniseni iqosha lomnikelo. Bamzisela idenari ke.
20
Waza wati kubo: Ngokabanina lomfanekiso nesiba̔lwa?
21
Bati kuye: Ngoka‐Kesare. Wandula wati kubo: Nikelani ngoko izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto zikatixo kuye utixo.
22
Bati bakuva bati nqa; baza bamshiya bemka.
23
Ngaleyomini kweza kuye abasadusi, abati akuko luvuko, bambuza,
24
besiti: Mfundisi! u‐Mosesi watsho ukuti: Xeshekweni kufayo umntu engenabantwana, uya kuti umninawe wake atshate nomfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo.
25
Kekaloku bekuko kuti abazalwana abasixe̔nxe; waza owokuqala wazeka wabuba; wati engenanzalo, wamshiyela kumninawe wake umfazi wake.
26
Wenje njalo nowesibini, nowesitatu, kwada kwaba ngowesixe̔nxe.
27
Wati emveni kwabo bonke wafa nomfazi.
28
Ngako eluvukweni, woba ngumfazi wawupina kwabo basixe̔nxe? ngokuba bonke bebenaye.
29
Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Niyaposisa, ningazi nje iziba̔lo, kwa namandla katixo:
30
ngokuba eluvukweni bengazeki, bengendiswa kanjako, koko benjengengelosi zikatixo ezulwini.
31
Kodwa ngako ukuvuka kwabafileyo, anikuleseshanga na oko kwatetwayo kuni ngutixo, esiti:
32
Mna ndinguye utixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi? utixo aka ngutixo wabafileyo, ungowabahleliyo.
33
Zati zakuva izihlwele, Zamangaliswa pezu kwesifundiso sake.
34
Kekaloku abafarisi, bakuva ukuba ubate cwaka abasadusi, bahlanganisana ndawonye.
35
Waza wabuza omnye wakubo obe ngumqondisimteto, emlinga, esiti nokuti:
36
Mfundisi! owona myalelo umkulu emtetweni nguwupina?
37
Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngowokuti: Uya kumtanda uyehova, utixo wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako.
38
Nguwo lo owokuqala nomkulu umyalelo.
39
Nowesibini ufana nawo, ungowokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzi tanda kwako.
40
Kulemiyalelo mibini kuyaxo̔meka wonke umteto nabaprofite.
41
Kekaloku abafarisi behlanganisene nje, wababuza u‐Yesu,
42
esiti: Niti nina ke ngaye u‐Kristu? ungunyana kabanina? Bati kuye: Ngoka‐Davide.
43
Wati kubo: Uti nina pofu u‐Davide ngomoya ukumbiza ngenkosi, esiti:
44
Wati uyehova kwinkosi yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako?
45
Ukuba ngoko u‐Davide uyambiza ngenkosi, uti nina ukuba ngunyana wake?
46
Kwaye kungeko namnye ongampendulayo ngazwi: kanjako kuselokwa lamini akwabi sabiko mntu onokukalipa kwokumbuza nto.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28