bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 13
Matthew 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 14 →
1
KWA ngalomini wapuma u‐Yesu endlwini, wahlala pantsi ngaselwandle.
2
Zaza zabutela kuye izihlwele ezininzi, wada wangena enqanaweni, wahlala pantsi: saye sonke isihlwele sibe simi elunxwemeni.
3
Waza wateta kubo indawo ezininzi ngemizekeliso, esiti: Bona ke, umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela;
4
nasekuhlwayeleni kwake, ezinye inkozo zawa ngasendleleni, zati intaka zeza zazidla.
5
Zawa nezinye endaweni ebulwalwa, apo bezingenawo umhlaba omninzi; zaza zasezipuma kamsinya, ngokuba zingenabo ubunzulu bomhlaba:
6
zati nxa ilanga belipumile, zatshiswa; nangokuba zingenangcambo, zabuna.
7
Zawa nezinye endaweni yemitolo; yaza imitolo yahluma, yazitshwencisa.
8
Zawa nezinye emhlabeni olungileyo, zanika isiqa̔mo ke, olunye ngekulu, nolunye ngamashumi matandatu, nolunye ngamashumi matatu.
9
Onendlebe zokuva, makeve.
10
Beza ke abadisipile bati kuye: Kunganina ukuba utete nabo ngemizekeliso?
11
Wapendula wati kubo: Kungokuba kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo zobukumkani bezulu, kodwa akunikwanga bona abo.
12
Ngokuba lowo usukuba enako, kuya kupiwa yena, waeya kwanezelelwa; kanti osukuba engenako, uya kuhlutwa kwa oko anako.
13
Kungenxa yoku enditeta nabo ngemizekeliso; ukuba bebona nje bengaboni, nokuba besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda.
14
Kuze kuzalisekiswe kubo isiprofitesho sika‐Yisaya sokuti: Ngokuva niya kuva, ningezi niqonde; nibona nje niya kubona, ningezi niqiqe:
15
ngokuba intliziyo yababantu idikiwe, nendlebe bazenze nzima ukuva kwazo, namehlo abo bawacimile; hleze babone ngamehlo, beve ngendlebe, baqonde ngentliziyo, baguquke, ndibapilise.
16
Kodwa nina anetamsanqa amehlo enu, ukuba ebona; nendlebe zenu, ukuba zisiva.
17
Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Baninzi abaprofite n abantu abalungileyo ababenqwenela ukubona izinto enizibonayo, kanti abazibonanga; nokuva izinto enizivayo, kanti abazivanga.
18
Nina ngoko yivani umzekeliso womhlwayeli:
19
Nxa sukuba umntu esiva ilizwi lobukumkani, engaqondi ke, uyeza okohlakeleyo, ahlute oko kuhlwayelweyo entliziyweni yake: nguye lo owayehlwayelwa ngasendleleni.
20
Nowayehlwayelwa endaweni ebulwalwa, nguye lo oti ilizwi alive, asuke alamkele ngovuyo;
21
koko engenangcambo pakati kwake, uyenza umzuzu kodwa; kuze kuti, kwakuhla imbandezelo umhlaumbi intshutshiso ngenxa yelizwi, asuke axakaniswe.
22
Nowayehlwayelwa endaweni yemitolo, nguye lo oti ilizwi alive; kanti isitukutezi selilizwe likoyo, nenkohliso yobutyebi, ziyaṙwisha ilizwi, lize liputiswe.
23
Nowayehlwayelwa emhlabeni olungileyo, nguye lo oti ilizwi alive, aliqonde; oti kanjalo axakate izixakato, enze omnye ngokulikulu, nomnye ngokungamashumi matandatu, nomnye ngokungamashumi matatu.
24
Omnye umzekeliso wawubeka pambi kwabo, esiti: Ubukumkani bezulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yake;
25
koko, nxa bekulala abantu, kweza utshaba lwake lwahlwayela izizani kwa pakati kwayo inqolowa, lwemka ke.
26
Kwaza kwati, okuya besihlumile isitombo, savelisa isiqa̔mo, kwandul’ ukubonakala izizani nazo.
27
Zaye zisiza izicaka zomninindlu zati kuye: Nkosi! akwahlwayela imbewu elungileyo na entsimini yako? izuze pina pofu izizani?
28
Waza wati kuzo: Ngumntu olutshaba okwenzileyo oku. Zati izicaka kuye: Uze utande na ukuba siye sizibute?
29
Wati: Hai; hleze niti, nakuzibuta izizani, niyidonyule kunye nazo inqolowa:
30
ziyekeni zombini zimile ndawonye kude kuvunwe; nangexesha lokuvuna ndiya kuti kubavuni: Zibuteni tanci izizani, nibope zona ngezitungu zitshiswe; kodwa inqolowa yinlanganiseleni esiseleni sam.
31
Omnye umzekeliso wawubeka pambi kwabo, esiti: Ubukumkani bezulu bufana nokozo lwembewu yemositade, owalutabatayo umntu, waluhlwayela entsimini yake:
32
eti okunene leyombewu ibe ncinane kuzo zonke imbewu; iti kodwa nxa imilileyo, ibe nkulu kayo imifuno, ibe ngumti, zide zize intaka zezulu, zihlale emasebeni awo.
33
Omnye umzekeliso wawuteta kubo, esiti: Ubukumkani bezulu bufana negwele, owalitabatayo umfazi, walifihlela ezilinganisweni zitatu zomgubo, wada wabiliswa wonke.
34
Ezizinto zonke waziteta u‐Yesu ngemizekeliso kwizihlwele; wabengateti ke kuzo kungeko umzekeliso;
35
ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngumprofite, esiti: Ndiya kuvula umlomo wam ngemizekeliso; ndiya kuxela izinto ezifihliweyo kwa sekumisweni kwelizwe.
36
Wati akuba ezindulule izihlwele, wandula wangena u‐Yesu endlwini. Kekaloku beza kuye abadisipile bake, besiti: Sityilele umzekeliso wezizani zentsimi.
37
Waza wapendula wati kubo: Ohlwayela imbewu elungileyo ungunyana wesintu;
38
intsimi ililizwe; imbewu elungileyo, eyona ilusapo lwobukumkani; izizani zilusapo lwokohlakeleyo;
39
utshaba olwazihlwayelayo lungu‐Satane; ukuvuna kukugqityelwa kwelizwe elikoyo; abavuni bazingelosi.
40
Njengokuba ke zibutwa izizani, zitshiswe ngomlilo, kwoba njalo ekugqityelweni kwelilizwe likoyo:
41
unyana wesintu wotuma ingelosi zake, eziya kubuta ebukumkanini bake zonke izixakanisi, nabo bakwenza okungalungileyo,
42
zibapose esidlangalaleni somlilo; apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.
43
Oko abalungileyo baya kukanya njengelanga ebukumkanini boyise wabo. Onendlebe zokuva, makeve.
44
Kanjalo ubukumkani bezulu bufana nendyebo ifihlelwe entsimini, ati akuyifumana umntu, ayifihle, aze ngovuyo lwake aye atengise ngako konke anako, ayitenge leyontsimi.
45
Kanjalo ubukumkani bezulu bufana nomtengi efuna iperule ezintle;
46
owati akuyifumana iperule inye exabiso likulu, waya watengisa ngako konke abenako, wayitenga.
47
Kanjalo ubukumkani bezulu bufana notambo oluposiweyo elwandle, lwahlanganisa kwintlobo zonke;
48
olwati lwakuzaliswa, balur̔olela pezu kwonxweme, baza behleli pantsi ke ezilungileyo bazibutela ezityeni, kodwa ezibolileyo bazilahla.
49
Kwoba njalo ekugqityelweni kwelizwe elikoyo: ziya kupuma ingelosi, zahlule abakohlakeleyo kwa kubo abalungileyo,
50
zibapose esidlangalaleni somlilo; apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.
51
Wati u‐Yesu kubo: Niziqondile na zonke ezizinto? Bati kuye: Ewe, Nkosi!
52
Waza wati kubo: Ngako oko bonke ababa̔li abafundiselwe ubukumkani bezulu bafana nomninindlu, owaku̔payo kwimbekelo yake into ezintsha nezindala.
53
Kwaye kute, xeshekweni abeyigqibile u‐Yesu lemizekeliso, wesuka kona.
54
Waza wati akufika ezweni lakowabo, wabafundisa endlwini yentlanganiso yabo, bada bamangaliswa bati: Uzuze pina lo obubulumko nezizenzo zamandla?
55
lo asi nguye unyana wencibi yemiti na? unina asi ngo‐kutiwa ngu‐Mariya na? nabazalwana bake asi ngabo o‐Yakobi, no‐Jose, no‐Simone, no‐Jude na?
56
nodade bake abako na kuti bonke? uzuze pina pofu lo zonke ezizinto?
57
Baza baxakaniswa ngaye. Kuloko u‐Yesu wati kubo: Umprofite akangongenakubekwa, kupela ungonjalo ezweni lakowabo nasendlwini yake.
58
Waza akenza zininzi izenzo zamandla kona apo, ngenxa yokungakolwa kwabo.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28