bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 17
Matthew 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 18 →
1
WAZA u‐Yesu emveni kwentsuku ntandatu watabata naye u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane umninawe wake, wabanyusela entabeni ende ngasese.
2
Waza wenziwa ngakumbi isimilo sake pambi kwabo, bati ubuso bake bakazimla njengalo ilanga, nezivato zake zaba mhlope njengako ukukanya.
3
Kekaloku bona ke, kwabonakala kubo u‐Mosesi no‐Elija beteta naye.
4
Waza wapendula u‐Petrosi wati ku‐Yesu: Nkosi! kulungile ukuba sibe lapa; ukuba uyatanda, masenze apa amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija.
5
Nxa abesateta, bona ke, ilifu elikanyayo labasibekelela; kanjalo bona ke, ilizwi lavela elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye; mveni yena.
6
Baza abadisipile bakuva oko bawa ngobuso babo, boyika kakulu.
7
Waselesiza u‐Yesu wabacu̔kumisa, wati: Vukani, ize ningoyiki.
8
Bati bakupakamisa amehlo abo, ababona mntu, kupela u‐Yesu yedwa.
9
Kekaloku bakuhla entabeni, u‐Yesu wabayalela, esiti: Ningaxeleli mntu esisibonakalo, ade avuke unyana wesintu ekufeni.
10
Baza abadisipile bake bambuza, besiti: Yinina pofu ukuba ababa̔li bati: u‐Elija ufanele ukuza tanci?
11
Wapendula u‐Yesu wati kubo: u‐Elija okunene uyeza tanci, waeya kubuya amise into zonke.
12
Kodwa nditi kuni: u‐Elija usel’ ezile, baye bengamazanga ke, koko benza kuye konke bakwenzayo. Kwa njalo ke nonyana wesintu uza kuva intlungu kwa ngabo.
13
Bandula baqonda abadisipile, ukuba watsho kubo ngaye u‐Johane umbapitizeshi.
14
Kekaloku bakufika esihlweleni, kweza kuye umntu eguqa pantsi kuye, esiti nokuti:
15
Nkosi! yiba netaṙu kunyana wam, ukuba enesatutwane, ebulalekile kakubi; ngokuba esiwa futi emlilweni, nafuti emanzini.
16
Ndaza ndamzisa kubadisipile bako, bakohlwa ke ukumpilisa.
17
Wapendula u‐Yesu wati: Sizukulwana esingakolwayo esigwenxa! ndobako nani kude kube ninina? ndoninyamezela kude kube ninina? mziseni kum apa.
18
Waza u‐Yesu wayitetisa idemoni, eyapuma kuye; wati umfana wapiliswa kwa ngeloxeshana.
19
Bandula abadisipile beza ku‐Yesu ngasese, bati: Kunganina ukuba besikohliwe kukuyiku̔pa tina?
20
Wayesiti u‐Yesu kubo: Kungokungakolwa kwenu; ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: xeshekweni ninokolo olungangokozo lwembewu yemositade, niya kutsho kulentaba ukuti: Suka apa uye paya: yaiya kusuka ke: kanjako akuko nto eya kunikohla.
21
Kodwa oluhlobo luyapuma ngokutandaza nangokuzila ukutya kupela.
22
Kekaloku bakuba bebesahamba e‐Galili, wati u‐Yesu kubo: Unyana wesintu uza kunikelwa ezandleni zabantu,
23
abaya kumbulala, waeya kuvuswa ngomhla wesitatu. Baza baba lusizi kakulu.
24
Bati bakufika e‐Kapenayume, beza abo bayamkelayo imali yetempile ku‐Petrosi, batsho ukuti: Umfundisi wenu akayinikeli na imali yetempile?
25
Wati: Ewe. Kekaloku okuya ebengene endlwini, u‐Yesu wampangela, esiti: Uti nina wena, Simone? okumkani bomhlaba bamkela kubapina iminikelo nencamlo? kubo onyana babo, kubo abasemzini, kusinina?
26
Wati u‐Petrosi kuye: Kubo abasemzini. Wati u‐Yesu kuye: Kukona onyana bakululekile.
27
Kodwa ukuze singabadubuli, hamba uye elwandle, upose iqeṙu, uyibambe intlanzi enyuka tanci; wauya kuti wakuvula umlomo wayo, ufumane ishekele: leyo yitabate, unikele mna nawe kubo.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28