bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 26
Matthew 26
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 27 →
1
KWAYE kute, okuya abezigqibile u‐Yesu zonke iziteto ezi, wati kubadisipile bake:
2
Niyazi ukuba kuti emveni kwentsuku mbini kubeko ipasika; waye unyana wesintu eya kunikelwa ukuba akuruseshwe.
3
Bandula bahlanganisana abaperisite abakulu, nababa̔li, nabadala babantu, endlwini yomperisite omkulu o‐kutiwa ngu‐Kayafasi,
4
bacebisana ukuba bambambe u‐Yesu ngenkohliso, bambuiale.
5
Bebesiti kodwa: Makungabi semtendelekweni, ukuze kungenziwa isipitipiti pakati kwabantu.
6
Kekaloku xeshekweni u‐Yesu ebese‐Betaniya, endlwini ka‐Simone ileperi,
7
kweza kuye umfazi eneqaka leyalabastere linamafuta mnandi axabiso likulu, wawagalela pezu kwentloko yake xa abehleli ekutyeni.
8
Koko abadisipile bake, bakubona oko, baqumba kunene, besiti: Okukuci̔takala kokwento nina?
9
ngokuba kunge kutengiwe into eninzi ngalamafuta mnandi, kwaza kwapiwa amahlwempu.
10
Wazi kodwa u‐Yesu wati kubo: Yinina ukuba nimkataze umfazi? ngokuba umsebenzi olungileyo ewenzile kum.
11
Ngokuba ninawo amahlwempu futi ekuni; kanti aninam futi.
12
Ngokuba lo ewagalele nje amafuta mnandi la emzimbeni wam, wenzela ukuncw̔atywa kwam.
13
Ngokwenene nditi kuni: Apo kusukuba kushunyayelwa kona ivangeli le kulo lonke ilizwe, kuya kutyelwa nalento ayenzileyo lo, ibe sisikumbuzo sake.
14
Wandula wahamba owabalishumi linababini, o‐kutiwa ngu‐Jude Sikariyoti, waya kubaperisite abakulu,
15
wati: Nivuma ukundinika nto nina? ndandiya kumnikela kuni. Baza bamlinganisela amaqosha esilivere angamashumi matatu.
16
Wabesiti ke emveni kwoko wafuna ituba lokuba amngcatshe.
17
Kekaloku ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abadisipile ku‐Yesu, besiti kuye: Utanda ukuba sikulungisele pina kutyiwe ipasika?
18
Wayesiti: Yiyani esixekweni kumntu otile, niti kuye: Uti umfundisi: Ixesha lam likufupi; ipasika ndiya kuyenza kuwe kunye nabadisipile bam.
19
Baza benza abadisipile njengokuba ebebayalele u‐Yesu, bayilungisa ipasika.
20
Kwati ke kwakuhlwa, wabehleli ekutyeni nabalishumi linababini.
21
Waza kekaloku, nxa bebesitya, wati: Ngokwenene nditi kuni: Omnye wakuni wondingcatsha.
22
Babelusizi kakulu ke, baqala ukuti kuye abanye ngabanye: Ndim na. Nkosi?
23
Waza wapendula wati: Ofaka isandla esityeni kunye nam, nguye lowo oya kundingcatsha.
24
Unyana wesintu uyemka okunene, njengokuba kuba̔liwe ngaye; kodwa kwoba nzima kulowamntu unyana wesintu ungcatshwa nguye! bekumlungele, ukuba ebengazalwanga lowamntu.
25
Waza wapendula u‐Jude, owamngcatshayo, wati: Ndim na, Rabi? Wati kuye: Utshilo wena.
26
Kekaloku nxa bebesitya, watabata u‐Yesu isonka, wabulela, waqezula, wanika abadisipile, wati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam.
27
Kanjalo watabata indebe, wabulela, wabanika, esiti: Selani kuyo nonke;
28
ngokuba le iligazi lam, elocebano olutsha, elipalazelwa abaninzi kube kukuxolelwa kwezono.
29
Kodwa nditi kuni: Andisayi kusela emveni kwoku kwesisiqa̔mo somti weveyine, kude kube yimini leyo, okuya ndisiselayo nani sisitsha ebukumkanini bukabawo.
30
Baza bati, bakuba bevumile iculo, bapuma baya entabeni yeminquma.
31
Wandula wati kubo u‐Yesu: Nina nonke niya kuxakaniswa ngam ngobubusuku; ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Ndiya kubeta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha zomhlambi.
32
Kodwa emveni kwokuvuka kwam, ndiya kunandulela ukuya e‐Galili.
33
Waza wapendula u‐Petrosi wati kuye: Nakuba bonke baya kuxakaniswa ngawe, andisayi kuza ndixakaniswe mna.
34
Wati u‐Yesu kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Kwa ngobubusuku, ingekalili inkuku, uya kundikanyela katatu.
35
Wati u‐Petrosi kuye: Nangona kundifanele ukuba ndife ndawonye nawe, andisayi kukukanyela. Batsho nabo bonke abadisipile kwa ngokunjalo.
36
Wandula u‐Yesu weza nabo entsimini e‐kutiwa yi‐Getesemane, wati kubadisipile: Hlalani pantsi apa, nxa ndiyayo nditandaze paya.
37
Waza watabata naye u‐Petrosi nonyana baka‐Zebedi bobabini, waqala ukuba lusizi nokudandateka kakulu.
38
Wandula wati kubo: Umpefumlo wam ulusizi kakulu kude kube sekufeni; hlalani apa, nilinde nam.
39
Waza waya umganyana ngapambili, wawa ngobuso bake, etandaza, esiti nokuti: Bawo! ukuba kungenzeka, makudlule kum indebe le: noko makungabi njengokuba nditanda mna, makube njengokuba utanda wena.
40
Wayesiza kubadisipile, wabafumana belele, wati ku‐Petrosi: Kanene beningelinde nam iyure ibe nye na?
41
Lindani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni: umoya okunene uyavuma, kodwa inyama ibutataka.
42
Wabuya wemka ngokwesibini, waya watandaza, esiti: Bawo! ukuba lendebe ayingedlule kum, nxa ndingayiseli, makwenziwe intando yako.
43
Wayesiza wabafumana belele kanjako; ngokuba amehlo abo ebenzima.
44
Waza wabashiya, wemka kanjako, waya watandaza ngokwesitatu, eteta wona lomazwi.
45
Wandula weza kubadisipile bake, wati kubo: Lalani ixesha eliseleyo, nipumle; nantsi iyure isel’ ikufupi, xa unyana wesintu anikelwa ezandleni zaboni:
46
vukani, sihambe; nanku esel’ ekufupi ondingcatshayo.
47
Kekaloku nxa abesateta, bona ke, kweza u‐Jude, owabalishumi linababini, nesihlwele esikulu kunye naye sineziṙele nenduku, sivela kubo abaperisite abakulu nabadala babantu.
48
Wayete obemngcatsha wabanika umqondiso, esiti: Lowo endiya kumanga, ukwa nguye; mbambeni yena.
49
Waselesiza ku‐Yesu kwa oko, wati: A, Rabi! wamanga ke.
50
Waza u‐Yesu wati kuye: Sihlobo! ufikele nina? Bandula beza, babeka izandla pezu kwake u‐Yesu, bambamba.
51
Kekaloku bona ke, omnye wabo babenaye u‐Yesu wolula isandla, war̔ola isiṙele sake, wabeta isicaka somperisite omkulu, wasinqumla indlebe.
52
Wandula wati u‐Yesu kuye: Sibuyisele endaweni yaso isiṙele sako; ngokuba bonke abasitabatayo isiṙele beya kububa ngesiṙele.
53
Uba andingete na kwa kaloku nje ndikunge ubawo, waeya kundimisela amabandla amakulu engelosi apezu kwalishumi linamabini?
54
Pofu singati nina ukuzaliseka isiba̔lo sokuti, kufanele ukuba nje?
55
Kwa ngeloxeshana wati u‐Yesu kwizihlwele: Nipumile neziṙele nenduku ukuza kundibamba na, njengokungati nibe nipuma ngakulo ibada? Bendihleli imihla ngemihla kuni ndifundisa etempileni, anandibamba ke.
56
Kodwa oku konke kwenzekile, ukuze zizaliseke iziba̔lo zabaprofite. Bandula bonke abadisipile bamshiya, babaleka.
57
Bati kekaloku abo bambambayo u‐Yesu bamr̔olela ku‐Kayafasi umperisite omkulu, apo babehlanganisene kona ababa̔li nabadala.
58
Waza u‐Petrosi wamlandela ekude, kwada kwasekusini lendlu yomperisite omkulu, wangena pakati, wahlala pantsi ndawonye namadindili, ukuba abone ukupela kwendawo.
59
Kekaloku abaperisite abakulu, nabadala, nayo yonke intlanganiso yamapakati, bebefuna ubunqi̔na obubuxoki ngakuye u‐Yesu, ukuze bamfise;
60
kanti abafumana ke: ewe, akufika amanqi̔na abuxoki amaninzi, abafumana ke. Ada afika amanqi̔na abuxoki emabini,
61
ati: Watsho lo ukuti: Ndingayici̔ta itempile katixo, ndibuye ndiyake ngentsuku zibe ntatu.
62
Waza wesuka umperisite omkulu, wati kuye: Akupenduli nto na? banqi̔na nto nina ngakuwe aba?
63
Kuloko u‐Yesu wati tu. Waza wapendula umperisite omkulu wati kuye: Ndiyakufungisa utixo opilileyo, uze usixelele ukuba unguye na u‐Kristu, unyana katixo.
64
Wati u‐Yesu kuye: Utshilo wena. Kanjako nditi kuni: Emveni kwoku niya kubona unyana wesintu ehleli ngasekunene kwamandla, esiza nokuza emafini ezulu.
65
Wandula umperisite omkulu waṙazula ingubo zake, esiti: Ugxekile u‐Tixo; sisafunela nina amanqi̔na? bona ke, nikuvile ngoku ukugxeka kwake;
66
niti nina ke? Baza bapendula bati: Unetyala lokuba afe.
67
Bandula bamtshicela ebusweni, bamntliteka; bati inxenye bamtywakaza,
68
besiti: Silaulele, Kristundini! wabetwa ngubanina?
69
Kekaloku u‐Petrosi ebehleli ngapandle ekusini; saza isicakazana esitile seza kuye, sisiti: Nawe ubuno‐Yesu wase‐Galili.
70
Koko wakanyelayo ebusweni babo bonke, esiti: Andiyazi into oyitetayo.
71
Kanjalo akupumela esangweni, sambona esinye, sati kwabakona: Naye lo ebeno‐Yesu wase‐Nazarete.
72
Waza wabuya wakanyela ngesifungo, esiti: Andimazi umntu lowo.
73
Kwati ke kwakuba mzuzwana, basondela abebemi kona bati ku‐Petrosi: Ngenyaniso nawe ungowakubo; ngokuba nokuteta kwako kukuhlakazela.
74
Wandula waqala ukuqalekisa nokufunga, esiti: Andimazi umntu lowo. Yasuka yalila inkuku kwa oko.
75
Waza u‐Petrosi wakumbula ilizwi lika‐Yesu, abelitshilo kuye ukuti: Ingekalili inkuku, uya kundikanyela katatu. Waselepuma ngapandle, walila ngento ebuṙaṙa.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28