bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 1
2 Chronicles 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 2 →
1
KEKALOKU u‐Solomone unyana ka‐Davide waqiniswa ebukumkanini bake; kanjalo uyehova, utixo wake, ebenaye, wamenza mkulu ngento egqitiseleyo.
2
Waza u‐Solomone wateta kubo bonke o‐Sirayeli, kwinkosi zamawaka nezamakulu, nakubagwebi, nakuzo zonke inkosi pakati kwo‐Sirayeli bonke, intloko zendlu zoyise.
3
Wandula waya u‐Solomone, nayo yonke intlanganiso kunye naye, endaweni epakamileyo ebise‐Gibeyone; ngokuba ibiko kona intente yentlangano katixo, leyo u‐Mosesi isicaka sikayehova ubeyenzile entlango.
4
Kodwa ityeya katixo u‐Davide ebeyinyusile e‐Kiriyateyarime ukuza endaweni abeyilungisele yona u‐Davide: ngokuba ebeyolulele intente e‐Yerusaleme.
5
Kanti isibingelo sexina, abesenzile u‐Betsalele, unyana ka‐Uri, unyana ka‐Hure, sibe silapo pambi kwetabanakele kayehova; baye befuna sona u‐Solomone nentlanganiso leyo.
6
Wayenikela apo u‐Solomone, pambi kwoyehova, pezu kwesibingelo sexina esibe singasententeni yentlangano: wayenikela pezu kwaso iwaka lamadini okutshiswa.
7
Kwa ngobobusuku wabonakala utixo ku‐Solomone, wati kuye: Cela into endiya kuyinika kuwe.
8
Wayesiti u‐Solomone kutixo: Umenzele u‐Davide ubawo wam ububele obukulu, nam undenzile ukumkani esikundleni sake.
9
Kaloku, Yehova, Tixo! malinyaniswe ilizwi lako ku‐Davide ubawo wam; ngokuba undenzile ukumkani pezu kwabantu abanjengotuli lwomhlaba ukuba baninzi.
10
Ndipe kaloku ubulumko nokwazi, ndize ndipume ndingene nokungena ebusweni bababantu: ngokuba engubanina onako ukugweba aba abantu bako bakulu?
11
Waza utixo wati ku‐Solomone: Ngenxa yokuba lento ibisentliziyweni yako, ungacelanga ubutyebi, n endyebo, nodumo, nobomi bentshaba zako, ungacelanga kanjalo imihla emininzi: koko uzicelele ubulumko nokwazi, ukuze ubagwebe abantu bam endikwenzile ukumkani pezu kwabo;
12
upiwe ubulumko nokwazi; ndandiya kukunika nobutyebi, nendyebo, nodumo, ekungabangako onokunjalo pakati kwokumkani abebeko pambili kuwe, nasemva kwako akuyi kubako onokunjalo.
13
Waza wabuya u‐Solomone endaweni epakamileyo ebise‐Gibeyone, weza e‐Yerusaleme, evela kwa pambi kwentente yentlangano, wapata ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
14
WAYE u‐Solomone wabuta inqwelo namahashe okukwelwa; wabenenqwelo zaliwaka linamakulu mane, namahashe okukwelwa angamawaka alishumi linesibini; owazibeka ezixekweni zenqwelo, nakuye ukumkani e‐Yerusaleme.
15
Kanjako ukumkani wenza isilivere negolide e‐Yerusaleme njengamatye, nemiti yesedare wayenza njengemikiwane esezihlanjeni ngokuba mininzi.
16
Nokuvela kwamahashe ka‐Solomone e‐Jipete, wati umhlambi wabatengi bokumkani wamkela umhlambi wamahashe ngenani elitile.
17
Baye benyusa bakupa e‐Jipete inqwelo nge shekele zesilivere ezingamakulu matandatu, nehashe ngezilikulu elinamashumi mahlanu: kwaye kunjalo bekukutshelwa bonke okumkani bama‐Hete, nokumkani be‐Siriya, ngesandla sabo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36