bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 18
2 Chronicles 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 19 →
1
KEKALOKU u‐Yehoshafate ebenobutyebi nodumo ngento eninzi; watshatiselana no‐Ahabi kanjalo.
2
Wayesihla ekupeleni kweminyaka etile waya ku‐Ahabi e‐Samariya. Waza u‐Ahabi waxe̔lela yena nabantu ababenaye igusha nenkabi, into eninzi, wamcenga ukuba enyuke naye ukuya e‐Ramote yase‐Gileyadi.
3
Ngokuba ebesiti u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli kuye u‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda: Uya kuhamba na nam ukuya e‐Ramote yase‐Gileyadi? Wayesiti kuye: Ndinjalo mna, njengokuba unjalo wena, nanjengokuba benjalo abantu bako, banjalo abantu bam; sasiya kuba nawe kulemfazwe.
4
Walekela u‐Yehoshafate wati kuye ukumkani wo‐Sirayeli: Kaubuze ke namhla elizwini likayehova.
5
Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wahlanganisa abaprofite, amadoda angamakulu mane, wati kubo: Siya kuya e‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, ndiya kuyeka, kusinina? Bati: Nyuka; ngokuba utixo eya kuyinikela esandleni sokumkani.
6
Wati kodwa u‐Yehoshafate: Akuseko na apa umprofite kayehova, ukuba sibuze ngaye?
7
Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Kuseko indoda inye, ekungabuzwayo kuyehova ngayo, kodwa ndiyayitiya, ngokuba ingaprofiteshi ngam okulungileyo, koko iprofitesha okubi ngamaxesha onke; nguye u‐Mikaya unyana ka‐Yimla. Wayesiti u‐Yehoshafate: Makangatsho njalo ukumkani!
8
Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wambiza umbusi, wati: Nxama umzise u‐Mikaya unyana ka‐Yimla.
9
Kekaloku ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, bahlala omnye nomnye pezu kweterone yake, bevatisiwe ngezivato zobukumkani, behleli enkundleni ngasemnyango wesango le‐Samariya; bati abaprofite bonke baprofitesha ebusweni babo.
10
Kanjalo u‐Zedekiya unyana ka‐Kenana ebezenzele impondo zesincete; waza wati: Utsho uyehova ukuti: Ngazo ezi uya kunquba ama‐Siriya ude uwagqibele.
11
Benje njalo nabaprofite bonke ukuprofitesha, besiti: Nyuka uye e‐Ramote yase‐Gileyadi, utamsanqeleke; ngokuba uyehova eya kuyinikela esandleni sokumkani.
12
Kekaloku isigidimi esibe siye ukumbiza u‐Mikaya sateta kuye, sisiti: Bona ke, amazwi abaprofite ngomlomo mnye ateta okulungileyo kukumkani; makeliti ke ilizwi lako libe njengelomnye kubo, uz’ utete okulungileyo.
13
Wati kodwa u‐Mikaya: Ehleli nje uyehova, oko akutshoyo utixo wam, ndiya kuteta kwa kona.
14
Wasuka weza kukumkani. Waza wati ukumkani kuye: Mikaya! siya kuya e‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, ndiya kuyeka, kusinina? Wayesiti: Nyukani, nitamsanqeleke; ngokuba beya kunikelwa esandleni senu.
15
Waza wati ukumkani kuye: Kwoda kube ngamaxesha mangapina ndiya kukufungisa, ukuba ungateti nto kum, kupela ibe yinyaniso, egameni likayehova?
16
Wayesiti: Ndabona o‐Sirayeli bonke bete sa pezu kwentaba, njengegusha ezingenaye umalusi; wati ke uyehova: Akuko inkosi kubo aba; mababuye abanye ngabanye baye ezindlwini zabo ngoxolo.
17
Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Andite kuwe na, akayi kuprofitesha ngam okulungileyo, koko eya kuprofitesha okubi?
18
Wayesiti: Ngako oko yivani ilizwi likayehova: Ndabona uyehova ehleli pezu kweterone yake, nawo wonke umkosi wasezulwini umi ngasekunene kwake nangasekohlo kwake.
19
Waza wati uyehova: Ngubanina oya kuhenda u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, ukuba enyuke, enzakale e‐Ramote yase‐Gileyadi? Wati omnye esiti ngokuti, nomnye esiti ngokuti.
20
Wada wapuma umoya, wema pambi kwoyehova, wati: Ndiya kumhenda mna. Wati uyehova kuye: Nganina?
21
Wayesiti: Ndiya kupuma, ndize ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabo bonke abaprofite bake. Wati: Uya kuhenda, wauya kweyisa kanjalo; puma, wenje njalo ke.
22
Ngako kaloku, bona ke, uyehova ubekile umoya wobuxoki emlonyeni wabo ababaprofite bako; kanjalo uyehova utetile ngawe okubi.
23
Wandula wasondela u‐Zedekiya unyana ka‐Kenana, wambeta u‐Mikaya esidleleni, wati: Wadlula ngayipina indlela umoya kayehova evela kum ukuya kuteta nawe?
24
Wayesiti u‐Mikaya: Bona ke, uya kubona ngalomini uya kungena ngayo enkambilini yapakati, ukuba uzimele.
25
Waza wati ukumkani wo‐Sirayeli: Tabatani u‐Mikaya, nimbuyisele ku‐Amoni inkosi yesixeko, naku‐Yohashe unyana wokumkani,
26
niti: Utsho ukumkani ukuti: Fakani lo entolongweni, nimdlise isonka sembandezelo namanzi embandezelo, ndide ndibuye ngoxolo.
27
Waza wati u‐Mikaya: Ukuba uka ubuye ngoxolo, uyehova akatetanga ngam. Walekela wati: Pulapulani, bantu, nina nonke!
28
Wandula wenyuka ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, ukuya e‐Ramote yase‐Gileyadi
29
Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Ndiya kuzenza ngakumbi, ndingene pakati kwokulwa; kodwa wena, yambata izivato zako zobukumkani. Kwa njalo ukumkani wo‐Sirayeli wazenza ngakumbi; baza bangena pakati kwokulwa.
30
Kekaloku ukumkani we‐Siriya ebeyalele inkosi zenqwelwana abenazo, ngokuti: Aniyi kulwa kwa nabancinane nabakulu, kupela niya kulwa nokumkani wo‐Sirayeli yedwa.
31
Kwaye kute, xeshekweni inkosi zenqwelwana zambonayo u‐Yehoshafate, zasezisiti: Ngukumkani wo‐Sirayeli lowo. Zaza zamṙaula kuliwe; kodwa u‐Yehoshafate wakala, wati uyehova wamsiza: wada utixo wazinqanda kuye.
32
Ngokuba bekute, zakubona inkosi zenqwelwana ukuba asi nguye ukumkani wo‐Sirayeli, zabuya ekumlandeleni.
33
Yandula indoda etile yatyeda isipeta ekungazini kwayo, yambeta ukumkani wo‐Sirayeli pakati kwamakonxo nehempe yentsimbi. Ngako wati kumbexeshi: Songa isandla sako, upume nam emkosini; ngokuba ndenziwe inxeba.
34
Kwaye kusanda ukulwa ngalomini; waza ukumkani wo‐Sirayeli wazixasa enqwelwaneni malangana nama‐Siriya kwada kwahlwa; wada wafa ngexesha lokutshona kwelanga.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36