bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 29
2 Chronicles 29
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 30 →
1
WABA ngukumkani u‐Hezekiya, eyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anesitoba e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Abiya, intombi ka‐Zekariya.
2
Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Davide uyise.
3
Wati yena, ngowokuqala umnyaka wokupata kwake ubukumkani, ngenyanga yokuqala, wavula ingcango zendlu kayehova, wazilungisa.
4
Waza wangenisa abaperisite naba‐Levi, wabahlanganisela enkundleni engasempumalanga,
5
wati kubo: Ndipulapuleni, nina ba‐Levi! zingewaliseni kaloku, yingcwaliseni nendlu kayehova, utixo woyihlo benu, nipumise into enco̔lileyo kweyingcwele indawo.
6
Ngokuba obawo betu begqitile, benze okukohlakeleyo emehlweni kayehova, utixo wetu, bamshiyile, basongile ubuso babo entlalweni kayehova, banikele umhlana.
7
Kanjako batshixile ingcango zentendelezo, nezibane bazicimile, nesiqumiso abasiqumisanga, namadini okutshiswa abawenzanga endaweni eyingewele kuye utixo wo‐Sirayeli.
8
Kwaza kwabako umsindo kayehova pezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme, wabanikela babe yinto yokuzanyazanyiswa, neyokutelwa nqa, neyokwenzelwa amakwelo, njengokuba nibona ngamehlo enu.
9
Ngokuba, bona ke, obawo betu bewile ngesiṙele; nonyana betu, nentombi zetu, nabafazi betu, basekutinjweni ngenxa yoku.
10
Kaloku kusentliziyweni yam ukwenza ucebano no‐yehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuze bubuye kuti ubushushu bengqumbo yake.
11
Bonyana bam! kaloku zeninganqeneki; ngokuba uyehova eninyulile ukuba nime ebusweni bake ukumkonza, nokuba nibe ngabakonzi nabaqumisi kuye.
12
Bandula besuka aba‐Levi, u‐Mahate unyana ka‐Hamasai, no‐Joweli unyana ka‐Hazariya, kubo onyana bama‐Kohati; nakubo onyana baka‐Merari, u‐Kishi unyana ka‐Habedi, no‐Hazariya unyana ka‐Yehaleleli; nakuwo ama‐Gereshone, u‐Jowahi unyana ka‐Zima, no‐Hedeni unyana ka‐Jowahi;
13
nakubo onyana baka‐Elitsafane, u‐Shimri, no‐Yeyeli; nakubo onyana baka‐Safa, u‐Zekariya, no‐Mataniya;
14
nakubo onyana baka‐Hemani, u‐Yehili, no Shimehi; nakubo onyana baka‐Jedutune, u‐Shemaya, no‐Huziyeli.
15
Baye behlanganisa abazalwana babo, bazingcwalisa, beza ngomyalelo wokumkani, ngamazwi kayehova, ukucokisa indlu kayehova.
16
Baza abaperisite bangena pakati endlwini kayehova, ukuza kucokisa, bakupela ebaleni lendlu kayehova konke okunco̔lileyo ababekufumana etempileni kayehova; bati aba‐Levi bakutabata, kuze kukutshelwe endle ngasemlanjaneni we‐Kidrone.
17
Baqala ngowokuqala umhla wenyanga yokuqala ukungcwalisa, nangowesibozo umhla wenyanga bafika entendelezweni kayehova; kwa njalo bayingcwalisa indlu kayehova ngemihla esibozo; nangoweshumi linesitandatu umhla wenyanga yokuqala bagqiba ke.
18
Bandula bangena pakati ku‐Hezekiya ukumkani, bati: Sesicokisile yonke indlu kayehova, nesibingelo samadini okutshiswa, nazo zonke impahla zaso, netatile yezonka zokuṙozwa, nazo zonke impahla zayo.
19
Kanjalo zonke impahla ezibe zilahliwe ngukumkani u‐Ahazi, ekupateni kwake ubukumkani, ngobumenemene bake, zona sizilungisile, sazingcwalisa; kekaloku nanziya pambi kwesibingelo sikayehova.
20
Waza u‐Hezekiya ukumkani wavuka kusasa, wahlanganisa inkosi zesixeko, wenyuka waya endlwini kayehova.
21
Baye bezisa inkunzana zenkomo ezisixe̔nxe, nenkunzi zegusha ezisixe̔nxe, nemvana ezisixe̔nxe, nenkunzi zebokwe ezisixe̔nxe, zibe lidini lesono ngenxa yobukumkani, nangenxa yendawo eyingcwele, nangenxa yo‐Juda. Waza wabaxelela onyana baka‐Arone, abaperisite, ukuba banikele ngazo pezu kwesibingelo sikayehova.
22
Basuka bazixe̔la inkunzana zenkomo, bati abaperisite balamkela igazi, balisasaza pezu kwesibingelo; bazixe̔la nenkunzi zegusha, basasaza igazi pezu kwesibingelo; bazixe̔la nemvana, basasaza igazi pezu kwesibingelo.
23
Bandula basondeza inkunzi zebokwe, ezedini lesono, pambi kwokumkani nentlanganiso; balalisa izandla zabo pezu kwazo.
24
Baza abaperisite bazixe̔la, basihlambulula ngegazi lazo isibingelo, kuze kwenzelwe o‐Sirayeli bonke uxoliso: ngokuba ebexele ukumkani ukuba makwenz elwe o‐Sirayeli bonke elodini lokutshiswa nelodini lesono.
25
Wandula wabamisa aba‐Levi endlwini kayehova, benesimbali, nenebele, nehadi, njengawo umyalelo ka‐Davide, noka‐Gadi umboni wokumkani, noka‐Natane umprofite: ngokuba ubu ngoyehova lomyalelo, ngabaprofite bake.
26
Baza aba‐Levi bema beneziculiso zika‐Davide, nabaperisite benamaxilongo.
27
Wandula waxela u‐Hezekiya ukuba kunikelwe ngedini lokutshiswa pezu kwesibingelo. Kwati ngexesha lokuqalwa kwedini lokutshiswa, kwandul’ ukuqalwa amaculo kayehova, namaxilongo, kwa kunye neziculiso zika‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli.
28
Yaza yonke intlanganiso yaziqubuda, bati abaculi bacula, nabanamaxilongo bahlokomisa: kwenziwa oku konke kwada kwagqitywa idini lokutshiswa.
29
Kekaloku kwakugqitywa ukunikela, waguqa ukumkani, nabo bonke abebeko naye, baziqubuda.
30
Wandula waxela u‐Hezekiya ukumkani, nenkosi, kubo aba‐Levi, ukuba mabadumise uyehova ngamazwi ka‐Davide, nangaka‐Safa umboni: baza badumisa ngovuyo, batoba ngapantsi, baziqubuda.
31
Walekela wateta u‐Hezekiya wati: Kaloku nizizalisile nje izandla zenu kuyehova, sondelani, nizise imibingo neminikelo yokubulela endlwini kayehova. Yaza intlanganiso yazisa imibingo neminikelo yokubulela; nabo bonke abanentliziyo evumayo bazisa amadini okutshiswa.
32
Inani lamadini okutshiswa, lawo abeziswa yintlanganiso, lalingamashumi asixe̔nxe enkabi, n ekulu lenkunzi zegusha, n amakulu mabini emvana: zonke ezi zibe zizezedini lokutshiswa kuyehova.
33
Nezinto ezingcwele, inkabi zazingamakulu matandatu, negusha zazingamawaka matatu.
34
Kodwa abaperisite bebelula, bada bakohlwa kukuhlinza onke amadini okutshiswa; ngako babencedwa ngabazalwana babo aba‐Levi, kude kwagqitywa lomsebenzi, nakude kwazingcwalisa abanye abaperisite; ngokuba aba‐Levi bebelungile ngentliziyo, ukuba bazingcwalise, ngapezu kwabaperisite.
35
Kanjako amadini okutshiswa ebemaninzi, kwa namanqata eminikelo yoxolo, neminikelo yokusela yamadini okutshiswa. Kwa njalo kwalungiswa inkonzo yayo indlu kayehova.
36
Waza wavuya u‐Hezekiya, nabo bonke abantu, ngokokuba utixo ebelungisile abantu; ngokuba ibisenzeka lento ngokuqupa.
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 30 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36