bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 33
2 Chronicles 33
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 34 →
1
EBEYIMINYAKA ilishumi linamibini u‐Manase ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mahlanu anamihlanu e‐Yerusaleme.
2
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengento ezibuntshontsho zabaheyideni, ababegqogqiwe nguyehova pambi kwalo usapo luka‐Sirayeli.
3
Ngokuba wabuya wazaka indawo ezipakamileyo, ezo u‐Hezekiya uyise wake ubezicitile; wamisela o‐Bali izibingelo, wenza imifanekiso ka‐Ashera, wazitoba kuwo wonke umkosi wezulu, wawukonza.
4
Waka izibingelo nasendlwini kayehova, owabesiti uyehova ngayo: e‐Yerusaleme liya kubako igama lam kude kube ngunapakade.
5
Wakela nawo wonke umkosi wezulu izibingelo, emabaleni omabini endlu kayehova.
6
Waye yena kanjalo edlulisa abantwana bake emlilweni, esihlanjeni sonyana ka‐Hinome, wenza ngobugqi, walaula, wenza ngobanuse, wenzelana nemishologu namatola: wandisa ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ukumqumbisa.
7
Kanjako wabeka umfanekiso oqingqiweyo, idalo abelenzile, endlwini katixo, owabesiti utixo ngayo ku‐Davide naku‐Solomone unyana wake: Kulendlu, nakuyo i‐Yerusaleme, endiyinyulileyo kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ndiya kubeka igama lam kude kube ngunapakade:
8
ndandingayi kupinda ukukwelelisa unyawo luka‐Sirayeli emhlabeni, endiwumisele oyihlo benu; kupela ukuba baya kulumkela ukwenza konke endibayaleleyo ngako, ngawo wonke umteto, nezimiselo, nezigwebo, ngesandla sika‐Mosesi.
9
Wenje njalo u‐Manase ukudungudelisa o‐Juda nabemi base‐Yerusaleme, bada bakwenza okukohlakeleyo ngapezu kwabaheyideni, abo wabatshabalalisayo uyehova pambi kwalo usapo luka‐Sirayeli.
10
Wandula wateta uyehova ku‐Manase, nasebantwini bake: abapulapula noko.
11
Ngako uyehova wazisa pezu kwabo inkosi zomkosi wokumkani we‐Asiriya, ezambamba u‐Manase emitolweni, zamnxiba ngamakamandela obedu, zamsa e‐Babilone.
12
Kodwa ekuxinezelweni kwake wabongoza ubuso bukayehova, utixo wake, wazigoba kakulu pambi kwotixo woyise bake,
13
watandaza kuye: waza wakungeleka kuye, weva isitaṙuziso sake, wambuyisela e‐Yerusaleme ebukumkanini bake. Wandula wazi u‐Manase ukuba uyehova unguye utixo.
14
Nasemveni kwoku waka udonga ngapandle kwesixeko sika‐Davide, ngasecaleni lasentshonalanga le‐Gihone emfuleni, nakude kwasekungenweni ngesango lentlanzi, wabiyela i‐Hofeli, walupakamisa kakulu, wabeka inkosi zokulwa kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwa‐Juda.
15
Wayesusa otixo basemzini nelodalo endlwini kayehova, nazo zonke izibingelo abezakile entabeni yendlu kayehova, nase‐Yerusaleme, waziposa ngapandle kwesixeko.
16
Waza walungisa isibingelo sikayehova, wabinga pezu kwaso imibingo yoxolo neminikelo yokubulela, waxelela o‐Juda ukuba bakonze uyehova, utixo wo‐Sirayeli.
17
Kodwa abantu basabinga imibingo ezindaweni ezipakamileyo, bebing ela uyehova, utixo wabo, kupela.
18
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Manase, nomtandazo wake kuye utixo wake, namazwi abo ababoni abateta kuye egameni likayehova, utixo wo‐Sirayeli, bona ke, zisemba̔lini yokumkani bo‐Sirayeli.
19
Kanjalo umtandazo wake, nokokuba u‐Tixo wakungeleka kuye, nazo zonke izono zake, nobumenemene bake, nendawo owati kuzo waka indawo ezipakamileyo, wazimisa i‐Ashera nemifanekiso eqingqiweyo, engekazigobanga, bona ke, ziba̔liwe emazwini ababoni.
20
Wada u‐Manase walala noyise bake, wancw̔atywa endlwini yake; waza u‐Amoni unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
21
EBEYIMINYAKA imashumi mabini anesibini u‐Amoni ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamibini e‐Yerusaleme.
22
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengokuba ebenje njalo u‐Manase uyise: ngokuba u‐Amoni wayibingela yonke imifanekiso eqingqiweyo abeyenzile uyise, wayikonza;
23
akazigoba pambi kwoyehova, njengokuba ebezigobile u‐Manase uyise; koko u‐Amoni lowo wandisayo ityala.
24
Zaza izicaka zake zaceba ngakuye, zamfisa kweyake indlu.
25
Kodwa abantu belizwe babulala bonke abebecebile ngakuye ukumkani u‐Amoni: bandula abantu belizwe benza u‐Josiya unyana wake ukumkani esikundleni sake.
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 34 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36