bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 15
2 Chronicles 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 16 →
1
KWAYE kusiza pezu kwo‐Hazariya unyana ka‐Hodedi umoya katixo:
2
waza wapuma ukuya kuhlangabeza u‐Asa, wati kuye: Ndipulapuleni, Asa, nabo bonke o‐Juda no‐Benjamine! uyehova woba nani, nxa niman’ ukuba naye; kanjalo ukuba niyamfuna, uya kufunyanwa nini; kanti ukuba niyamshiya, uya kushiya nina.
3
Kekaloku kwasekuntsuku ezininzi o‐Sirayeli bebengenaye utixo wenyaniso, nomperisite wokufundisa, nomteto.
4
Kodwa bakuguqukela kuyehova, utixo wo‐Sirayeli, ekuxinezekeni kwabo, bamfuna ke, waselefunyanwa ngabo.
5
Kanjako, ngamaxesha lawo, bekungeko uxolo kulowo upumayo, nakulowo ungenayo; koko izipitipiti ezikulu bezipezu kwabo bonke abemi bamazwe;
6
bada batyunyuzwa, isizwe ngakuso isizwe, nesixeko ngakuso isixeko: ngokuba utixo wabapitizelisa ngentlobo zonke zobunzima.
7
Ngako nina yomelelani; mazingapolelwa izandla zenu: ngokuba kuko umvuzo emsebenzini wenu.
8
Wati akuva u‐Asa lamazwi, nesiprofitesho sika‐Hodedi umprofite, wazomeleza, wakwelelisa izinto ezibuntshontsho kulo lonke ilizwe lakwa‐Juda nelakwa‐Benjamine, nakuzo izixeko wabezitimbile entabeni yakwa‐Frayime, wahlaziya isibingelo sikayehova, esibe sipambi kwentendelezo kayehova.
9
Waza wahlanganisa bonke o‐Juda no‐Benjamine, nabasemzini kunye nabo, bevela kwa‐Frayime, na kwa‐Manase, nakwa‐Simone: ngokuba bebepongomela kuye ko‐Sirayeli ngento eninzi, bakubona ukuba uyehova, utixo wake, unaye.
10
Baya bazihlanganisela e‐Yerusaleme, ngenyanga yesitatu, ngoweshumi linesihlanu umnyaka wobukumkani buka‐Asa.
11
Baza babingela uyehova ngomhla lowo, kuwo amaxoba babewazisile, inkabi ezingamakulu asixe̔nxe, negusha ezingamawaka asixe̔nxe.
12
Baye bengena elucebanweni, ukuba bamfune uyehova, utixo woyise babo, ngayo yonke intliziyo yabo, nangawo wonke umpefumlo wabo;
13
nokuba osukuba engayi kumfuna uyehova, utixo wo‐Sirayeli, afiswe, nokuba umncinane, nokuba umkulu, nokuba uyindoda, nokuba ungumfazi.
14
Baye befunga kuyehova ngelizwi elikulu, nangokumemeza, nangamaxilongo, nangempondo.
15
Bati o‐Juda bonke bavuya pezu kwesifungo eso: ngokuba ngayo yonke intliziyo yabo bebefungile, nangayo yonke intando yabo bebemfunile: wada wafunyanwa ngabo, waza uyehova wabanika ukupumla ngokungqonga.
16
Kanjako no‐Mahaka, unina ka‐Asa ukumkani, wamshenxisa ukuba angabi ngukumkanikazi, ngokokuba ebelenzile idalo ku‐Ashera; waza u‐Asa wagaula idalo lake, walikanda, walitshisa ngasemlanjaneni we‐Kidrone.
17
Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa kwa‐Sirayeli: noko intliziyo ka‐Asa ibikolisekile yonke imihla yake.
18
Wayezingenisa izinto ezingcwele zoyise, nezake izinto ezingcwele, endlwini katixo, isilivere, negolide, nempahla.
19
Kwaza akwabiko imfazwe kwada kwangumnyaka wamashumi matatu anesihlanu wobukumkani buka‐Asa.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36