bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 13
2 Chronicles 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 14 →
1
NGOWESHUMI linesibozo umnyaka wokumkani u‐Jerobome, waba ngukumkani u‐Abiya pezu kwo‐Juda.
2
Ibiyiminyaka mitatu wabepata ubukumkani e‐Yerusaleme. Igama lonina lalingu‐Mikaya, intombi ka‐Wuriyeli, owase‐Gibeha. Kwabekuko imfazwe pakati kwo‐Abiya no‐Jerobome.
3
Waza u‐Abiya wahlanganisa ukulwa ngempi yamagoṙa okulwa, yamawaka angamakulu mane amadoda anyuliweyo: wati no‐Jerobome wacwangcisela ukulwa ngakuye, enamawaka angamakulu asibozo amadoda anyuliweyo, amagoṙa abuṙoti.
4
Wasuka wema u‐Abiya pezu kwentaba ye‐Tsemarayime, esentabeni yakwa‐Frayime, wati: Ndipulapuleni, wena Jerobome, no‐Sirayeli bonke!
5
Ninga ningakwazi na ukuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, wanika ubukumkani ku‐Davide pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade, kwa kuye nakonyana bake, ngocebano lwetyuwa?
6
Kanti upakamile u‐Jerobome unyana ka‐Nebati, isicaka sika‐Solomone unyana ka‐Davide, wavukela ngasenkosini yake.
7
Kuhlanganisene kuye namadoda angendawo, usapo lwobunginingini, abezikalipisa ngakuye u‐Rehobome unyana ka‐Solomone, nxa u‐Rehobome ebengumfana, etambile ngentliziyo, ukuba ebengenako ukuzomeleza ngakuwo.
8
Nakaloku niti niya kuzomeleza ngakubo ubukumkani bukayehova, obu sesandleni sonyana baka‐Davide: kanjalo nina nisisihlwele esikulu, nakunye nani kuko amatole egolide, lawo u‐Jerobome abenenzela abe ngotixo.
9
Anibagxotanga na abaperisite bakayehova, onyana baka‐Arone, naba‐Levi, nazenzela abaperisite njengabantu bamazwe? ade ati osukuba esiza ukuzitwasisa ngenkunzana elitole lenkomo nangenkunzi zegusha ezisixe̔nxe, abe ngumperisite wabangengotixo.
10
Kodwa tina, uyehova ngutixo wetu, asimshiyanga: kanjako abaperisite, abakonzayo kuyehova, bangonyana baka‐Arone: naba‐Levi basemsebenzini wabo:
11
bayatshisa kuyehova amadini okutshiswa ngokusa ngokusa nangokuhlwa ngokuhlwa, nesiqumiso esimnandi: bayalungisa ukuṙozwa kwezonka pezu kwetafile ecocekileyo; nekandelare yegolide nezibane zayo, ukuvutisa ngokuhlwa ngokuhlwa; ngokuba tina siwugcina isigcinelo sikayehova, utixo wetu; nina kanti nimshiyile.
12
Kanjalo, bona ke, kuko nati utixo ngokuba yintloko, nabaperisite benamaxilongo okuvusa, ukuba bahlokomise ivuso ngakuni. Lusapo luka‐Sirayeli! ningalwi ngakuye uyehova, utixo woyihlo benu; ngokuba ningayi kuhambiseka.
13
Kodwa u‐Jerobome wazekelelisa abalaleli ukuza ngasemva kwabo: baza bako abanye ngapambi kwo‐Juda, nabalaleli ngasemva kwabo.
14
Bati bakubekabeka o‐Juda, bona ke, banokulwa ngapambili nangasemva; bandula bakala kuyehova, nabaperisite bahlokomisa amaxilongo.
15
Aza amadoda akwa‐Juda amemeza: kwaza kwati, akumemeza amadoda akwa‐Juda, wandula utixo wabeta u‐Jerobome no‐Sirayeli bonke pambi kwo‐Abiya no‐Juda.
16
Lwasuka usapo luka‐Sirayeli lwesaba pambi kwo‐Juda; waza utixo walunikela esandleni sabo.
17
Kekaloku u‐Abiya nabantu bake balubulala ngokubulala okukulu; ada awa ehlatyiwe ko‐Sirayeli amadoda anyuliweyo angamawaka angamakulu mahlanu.
18
Lwaye lutotyiswa ke usapo luka‐Sirayeli ngexesha elo; kodwa usapo luka‐Juda lwaba namandla, ngokuba belusayama kuye uyehova, utixo woyise balo.
19
Waza u‐Abiya wamputuma u‐Jerobome, wazitimba kuye izixeko, i Betele namagxamesi ayo, ne‐Yeshana namagxamesi ayo, ne‐Hefrone namagxamesi ayo.
20
Waye u‐Jerobome engabi sabamba amandla emihleni ka‐Abiya: wati uyehova wambeta, wada wabuba.
21
Koko u‐Abiya womelelayo; wazizekela abafazi abalishumi linesine, wazala onyana abangamashumi mabini anesibini, nentombi ezilishumi linesitandatu.
22
Nesisalela semicimbi ka‐Abiya, nemikwa yake, namazwi ake, iba̔liwe yona embalisweni yomprofite u‐Hido.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36