bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 26
2 Chronicles 26
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 27 →
1
BANDULA bonke abantu bakwa‐Juda batabata u‐Huziya, obeyiminyaka yalishumi elinesitandatu ubudala bake, bamenza ukumkani esikundleni soyise u‐Amatsiya.
2
Yena wayaka i‐Elote, wayibuyisela ko‐Juda, emveni kwokuba ukumkani ebelele noyise bake.
3
Ebeyiminyaka ilishumi linesitandatu u‐Huziya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yamashumi mahlanu anamibini. Igama lonina belingu‐Yekoliya, owase‐Yerusaleme.
4
Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Amatsiya uyise.
5
Wazibekela ukufuna utixo emihleni ka‐Zekariya, obenokuqonda emibonisweni katixo: kanjalo emihleni wokumfuna kwake uyehova, utixo wamtamsanqelekisa.
6
Wandula wapuma walwa nama‐Filistiya, wacita udonga lwe‐Gate, nodonga lwe‐Yabene, nodonga lwe‐Ashedode; waza waka izixeko elizweni lase‐Ashe dode, napakati kwama‐Filistiya.
7
Waye utixo emnceda ngakuwo ama‐Filistiya, nangakuwo ama‐Arabi abehleli e‐Gure‐bali, na ngakuwo ama‐Mahone.
8
Bati aba‐Hamoni banika iminikelo ku‐Huziya: lwada udumo lwake lwaya kwada kwasekungenweni kwe‐Jipete; ngokuba womelelayo ngento egqitiseleyo.
9
Waye u‐Huziya kanjalo wazaka inqaba e‐Yerusaleme, ngasesangweni legumbi, nangasesangweni lesihlambo, nangasekujikeni kwodonga, wazinqabisa.
10
Wazaka nenqaba entlango, wemba amacibi amaninzi; ngokuba ebenento eninzi yenkomo, nasezihlanjeni nasematafeni; kwa n abalimi bomhlaba nabalimi bemiti yeveyine ezintabeni nasezindaweni ezicumileyo: ngokuba ebetanda ukulinywa kwomhlaba.
11
Kanjako u‐Huziya ebenempi yabaqelene nokulwa, abapuma nomkosi ngamabandla, njengenani lokubalwa kwabo ngesandla sika‐Yehili umba̔li no‐Mahaseya igosa, ngapantsi kwesandla sika‐Hananiya, owenkosi zokumkani.
12
Inani lonke labazintloko zendlu zoyise, lamagoṙa obuṙoti, lalingamawaka mabini anamakulu matandatu.
13
Napantsi kwesandla sabo bekuko impi yokulwa, amadoda angamawaka angamakulu matatu anamawaka asixe̔nxe anamakulu mahlanu, abesenza imfazwe ngamandla akalipileyo, kuze kuncedwe ukumkani ngakulo utshaba.
14
Waza u‐Huziya wawalungisela, kwa umkosi wonke, amakaka, nezikali, neminqwazi, nehempe zentsimbi, nezipeta, namatye okusaula.
15
Wayesenza e‐Yerusaleme iziqingelwa zokulwa, isetyenzwa lencibi ezilumkileyo, ukuba zibe pezu kwenqaba napezu kwamagumbi odonga, kuze kutolwe ngentolo nangamatye amakulu. Kwaza kwapumela kude ndumo lwake; ngokuba ebencedwa ngento engummangaliso, wada womelela.
16
Kodwa nxa omeleleyo, yabir̔atsha intliziyo yake kude kwakukubujiswa kwake; ngokuba ebegqita ngakuye uyehova, utixo wake, wangena etempileni kayehova ukuba aqumise pezu kwesibingelo sesiqumiso.
17
Waza wangena emva kwake u‐Hazariya umperisite, nakunye naye abaperisite bakayehova, amashumi asibozo amadoda akalipileyo.
18
Basuka bammela u Huziya ukumkani, bati kuye: Asi kokwako, Huziya! ukuqumisela uyehova, koko kukokwabo abaperisite, onyana baka‐Arone, abangcwaliselweyo ukuqumisa: puma endaweni eyingcwele, ngokuba ugqitile; kanjalo lento ayiyi kuba yeyokubekwa kwako pambi kwoyehova ongutixo.
19
Wandula waqumba u‐Huziya, enesiqumelo esandleni sake ukuba aqumise: kwati nxa abequmba ngakubo abaperisite, kwapuma isilepero ebunzini lake ngapambi kwabaperisite, endlwini kayehova, ngecala lesibingelo sesiqumiso.
20
Waza u‐Hazariya umperisite omkulu wakangela ngakuye, kwa nabo bonke abaperisite; kekaloku bona ke, ebenesilepero ebunzini lake; baza bamgxota kona ngobunxamo; ewe naye wanxamela ukupuma ngokwake, ngenxa yokuba uyehova ebembetile.
21
Wayelileperi u‐Huziya ukumkani kwada kwayimini yokufa kwake; wati, elileperi nje, wahlala endlwini eyahlukileyo, ngokuba ebenqanyulwa endlwini kayehova: waye u‐Yotame unyana wake ebepezu kwendlu yokumkani, egweba abantu belizwe.
22
Nesisalela semicimbi ka‐Huziya, eyokuqala neyokupela, uyiba̔lile yona u‐Yisaya unyana ka‐Amotse, umprofite.
23
Wada u‐Huziya walala noyise bake; baza bamncw̔aba ndawonye noyise bake, entsimini yokuncw̔aba ebiyeyabo okumkani; ngokuba bebesiti: Ulileperi yena. Wandula u‐Yotame unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36