bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 25
2 Chronicles 25
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 26 →
1
WABA ngukumkani u‐Amatsiya, eyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anesitoba e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Yehohadane, owase‐Yerusaleme.
2
Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, kodwa bekungengayo intliziyo ekolisekileyo.
3
Kwaza kwati, okuya ubukumkani bebuqinile kuye, wabulala izicaka zake ezibe zimbulele ukumkani uyise.
4
Kanti abantwana bazo akabafisa, koko wenzayo njengokuba̔liweyo emtetweni, encwadini ka‐Mosesi, apo ayaleleyo uyehova ngokuti: Oyise abayi kufela abantwana, nabantwana abayi kufela oyise, koko bonke ngabanye baya kufela esabo isono.
5
Kanjako u‐Amatsiya wahlanganisa o‐Juda, wabamisa ngendlu zoyise, ngenkosi zamawaka nangenkosi zamakulu, kwa bonke o‐Juda no‐Benjamine; waza wababala abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, wabafumana bengamawaka angamakulu matatu amadoda anyuliweyo, apuma nomkosi, apete umkonto nekaka.
6
Wayeqesha nakwa‐Sirayeli ikulu lamawaka amagoṙa abuṙoti, ngekulu letalente zesilivere.
7
Kuloko bekusiza kuye indoda katixo, isiti: Kumkani! makungayi nawe umkosi wo‐Sirayeli; ngokuba uyehova engenabo o‐Sirayeli, kwa nabo bonke abalusapo luka‐Frayime.
8
Kodwa ukuba uya kuya wena, yenje njalo, yomelelela ukulwa; utixo wokuwisa pambi kwotshaba: ngokuba kuko amandla kutixo ukunceda nokuwisa.
9
Waza wati u‐Amatsiya kwindoda katixo: Kuya kwenziwa nto nina pofu ngekulu letalente endizinikileyo emabandleni o‐Sirayeli? Yayisiti indoda katixo: Uyehova angakunika okuninzi pezu kwoku.
10
Wandula u‐Amatsiya wawahlula, kwa amabandla abezile kuye evela kwa‐Frayime, ukuba aye endaweni yawo: ngako yavuta ingqumbo yawo kakulu ngakubo o‐Juda, abuyela endaweni yawo ngobushushu bengqumbo.
11
Waza u‐Amatsiya wazomeleza, wapuma nabantu bake, waya emhlanjeni we‐Tyuwa, wabulala usapo luka‐Sehire, ishumi lamawaka.
12
Neshumi lamawaka oluhleliyo lwalutimba usapo luka‐Juda, lwaluzisa engcotsheni yeliwa, lwaluwisa pantsi kuyo ingcopo yeliwa, ukuba lwacandeka lwonke.
13
Kodwa amadoda amabandla abewabuyisile u‐Amatsiya, ukuze angayi naye ekulweni, agaleleka ezixekweni zakwa‐Juda, kwa se‐Samariya kwada kwase‐Betehorone, abulala kubo abantu amawaka matatu, apanga impango enkulu.
14
Kwaya kute, emvenikweni u‐Amatsiya ebebuyile ekubulaweni kwama‐Edome, wandula wabazisa otixo bosapo luka‐Sehire, wabamisa babe ngotixo bake, watoba pambi kwabo, wabaqumisela.
15
Ngako yavuta ingqumbo kayehova ngakuye u‐Amatsiya; waza watuma kuye umprofite, owati kuye: Yinina ukuba ufunile otixo babantu abangahlangulanga ababo abantu esandleni sako?
16
Kwabekute, nxa abeteta naye, wati kuye: Sikwenzile umcebisi kukumkani na? yeka; yinina ukuba ubetwe? Wandul’ ukuyeka umprofite lowo, wati: Ndiyazi ukuba utixo ucebile ukububisa wena, ngenxa yokuba wenzile oku, nokuba ungapulapulanga icebo lam.
17
Waza u‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda wafuna icebo, watumela ku‐Yohashe, unyana ka‐Yehowahazi unyana ka‐Jehu, ukumkani wo‐Sirayeli, ukuti: Yiza, sibonane ngobuso.
18
Koko u‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli watumela ku‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda ukuti: Umtolo obuse‐Lebanone watuma kuyo isedare ebise‐Lebanone, usiti: Nika intombi yako kunyana wam ibe ngumfazi; saza sadlula isilo sasendle esibe sise‐Lebanone, sawunyatela umtolo lowo.
19
Uti: bona ke, uwabetile ama‐Edome; ngako intliziyo yako ikupakamisile ukuba uqa̔yise: hlala kaloku ekaya; kunganina ukuba uya kulwa nelishwa, ukuze uwe, kwa wena no‐Juda kunye nawe?
20
Kodwa u‐Amatsiya ebengapulapuli; ngokuba bekuvela kutixo, ukuze abanikele esandleni sabo, ngenxa yokuba bafuna otixo base‐Edome.
21
Ngako wenyuka u‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli; baza babonana ngobuso, yena no‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, e‐Bete‐shemeshe ekwa‐Juda.
22
Bati o‐Juda boyiswa pambi kwo‐Sirayeli; basuka besaba baya abanye ngabanye ezintenteni zabo.
23
No‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, unyana ka‐Yohashe, unyana ka‐Yehowahazi, u‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli wambamba e‐Bete‐shemeshe, wamzisa e‐Yerusaleme, walucita udonga lwe‐Yerusaleme, kwa kulo isango lika‐Frayime kwada kwakulo isango legumbi, ikubite zingamakulu mane.
24
Kanjalo watabata yonke igolide nesilivere, nazo zonke impahla ezazifunyanwa endlwini katixo kunye no‐Obedi‐edome, nendyebo zendlu yokumkani, nababambiseli, wabuyela e‐Samariya.
25
Wati u‐Amatsiya unyana ka‐Yohashe, ukumkani wo‐Juda, wahlala emveni kwokufa kuka‐Yohashe unyana ka‐Yehowahazi, ukumkani wo‐Sirayeli, iminyaka yalishumi elinamihlanu.
26
Nesisalela semicimbi ka‐Amatsiya, eyokuqala neyokupela, bona ke, ayiba̔lwanga na yona encwadini yabo okumkani bo‐Juda no‐Sirayeli?
27
Kekaloku emveni kweloxesha wapambuka ngalo u‐Amatsiya ekumlandeleni uyehova, bayenza ingcebiswano ngakuye e‐Yerusaleme; wesaba waya e‐Lakishe: kodwa batumela emva kwake e‐Lakishe, bambulala kona.
28
Baza bamsa pezu kwamahashe, bamncw̔aba ndawonye noyise bake esixekweni so‐Juda.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36