bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 21
2 Chronicles 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 22 →
1
WADA u‐Yehoshafate walala noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide; waza u‐Yehorame unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
2
Wayenabaninawe, onyana baka‐Yehoshafate, u‐Hazariya, no‐Yehili, no‐Zekariya, no‐Hazariya, no‐Mikaheli, no‐Shefatiya: bonke aba bebengonyana baka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Sirayeli.
3
Wati uyise wabo wabapa amabaso amaninzi, awesilivere, nawegolide, nawezinto ezinqabileyo, kunye nezixeko ezinqatyisiweyo kwa‐Juda; kodwa ubukumkani wabunika ku‐Yehorame; ngokuba ebengowamazibulo yena.
4
Kekaloku xeshekweni abevukile u‐Yehorame pezu kwobukumkani boyise, wandula wazomeleza, wabulala bonke abaninawe bake ngesiṙele, kwa nenxenye yenkosi zakwa‐Sirayeli.
5
Ebeyiminyaka imashumi matatu anamibini u‐Yehorame ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yasibozo.
6
Wayehamba endleleni yokumkani bo‐Sirayeli, njengokuba benje njalo indlu ka‐Ahabi; ngokuba intombi ka‐Ahabi ibingumfazi wake; wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova.
7
Kodwa uyehova ebengavumi ukutshabalalisa indlu ka‐Davide, ngenxa yocebano abelwenzile no‐Davide; nanjengokuba ebete uya kunika isibane kuye, nakonyana bake, amaxesha onke.
8
Emihleni yake ama‐Edome apongoma pantsi kwesandla so‐Juda, enza ukumkani pezu kwawo.
9
Waza wagqita u‐Yehorame kunye nenkosi zake, nazo zonke inqwelwana kunye naye; waselesuka ebusuku, wabeta ama‐Edome abemngqonga, nenkosi zenqwelwana.
10
Noko ama‐Edome apongoma pantsi kwesandla so‐Juda kwada kwanamhla nje. Kwandula kwapongoma i‐Libena kwa ngeloxesha ke pantsi kwesandla sake; ngokuba ebemshiyile uyehova, utixo woyise bake.
11
Kanjako wazenza indawo ezipakamileyo ezintabeni zakwa‐Juda, wenza abemi base‐Yerusaleme bawenze umbulo, wabakukulisa no‐Juda.
12
Kwaza kwafika kuye isiba̔lo, sivela ku‐Elija umprofite, sisiti: Utsho uyehova, utixo ka‐Davide uyihlo wako, ukuti: Ngenxa yokuba ungahambanga ezindleleni zika‐Yehoshafate uyihlo wako, nasezindleleni zika‐Asa ukumkani wo‐Juda,
13
kodwa uhambile endleleni yabo okumkani bo‐Sirayeli, wenza o‐Juda nabemi base‐Yerusaleme bawenze umbulo, njengemibulo yendlu ka‐Ahabi; nokuba kanjalo ubabulele abaninawe bako bendlu kayihlo, abebelungile ngapezu kwako;
14
bona ke, uyehova uya kubeta ngesibeto esikulu abantu bako, nabantwana bako, nabafazi bako, nayo yonke impahla yako:
15
nawe uya kuba sezifeni ezininzi, ngaso isifo samatumbu ako, ade apume amatumbu ako ngenxa yesifo eso imihla ngemihla.
16
Kwa njalo uyehova wawuvusa ngakuye u‐Yehorame umoya wama‐Filistiya, nowama‐Arabi, lawo asecaleni lama‐Kushe.
17
Aza enyuka pakati kwe‐Juda, ayoyisa, atimba yonke impahla ebifunyanwa endlwini yokumkani, kwa nonyana bake, nabafazi bake; kwada akwamshiyelwa unyana, kupela u‐Yehowahazi, omncinane wonyana bake.
18
Nasemva kwako konke oku, uyehova wambeta ematunjini ake ngesifo esingenakupiliswa.
19
Kwaza kwati emva kwemihla emininzi, kwa ngexesha lokufika kwesipelo seminyaka mibini, apuma amatumbu ake ngenxa yesosifo; wada wabuba zizifo ezibi: baye abantu bake bengamenzeli isitshiselwa, njengesitshiselwa soyise bake.
20
Ebe yiminyaka imashumi matatu anamibini ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yasibozo: wandula wemka engenakukanukwa, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide, kodwa bekungesemancw̔abeni abo okumkani.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36