bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 32
2 Chronicles 32
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 33 →
1
EMVENI kwezizinto, nokuqiniswa kwazo, kweza u‐Senakeribe, ukumkani we‐Asiriya, wangena pakati kwe‐Juda, waṙaula izixeko ezinqatyisiweyo, waba uya kuzoyisa kuye.
2
Wati akubona u‐Hezekiya ukuba u‐Senakeribe ufikile, nokuba ubuso bake bubekwa ukulwa ne‐Yerusaleme,
3
wacebisana nenkosi zake namagoṙa ake, ukuba kuvingcwe amanzi emitombo engapandle kwesixeko: baza bamnceda ke.
4
Ngokuba bekuhlanganiswa abantu abaninzi, abavingcayo yonke imitombo, nomlanjana okukulayo pakati kwelozwe, besiti: Yinina ukuba okumkani be‐Asiriya beze apa, bafumane amanzi amaninzi?
5
Waza wazomeleza, walwaka lwonke udonga olube lucitiwe, walunyusa kwada kwasezinqatyeni; waka nolunye udonga ngapandle, wanqabisa i‐Milo esixekweni sika‐Davide, wenza izikali namakaka ngobuninzi.
6
Kanjalo wamisa inkosi zokulwa pezu kwabantu, wazihlanganisela kuye enkundleni yasesangweni lesixeko, wateta entliziyweni yazo, esiti:
7
Yomelelani nikalipe, ningoyiki, ningatuswa nokutuswa, ngenxa yokumkani we‐Asiriya, nangenxa yaso sonke isihlwele esinaye: ngokuba bebaninzi abanati pezu kwabanaye:
8
yingalo yenyama enaye, kodwa nguyehova, utixo wetu, onati, ukuba asincede, nokuba alwe ukulwa kwetu. Bati abantu bayamela emazwini ka‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda.
9
Emveni kwoku u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya watuma izicaka zake ukuya e‐Yerusaleme, (kodwa yena ebepambi kwe‐Lakishe, nabo bonke abobukosi bake kunye naye,) ku‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, nakubo bonke o‐Juda ababese‐Yerusaleme, esiti:
10
Utsho u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya ukuti: Kuyinto nina enitembela kuyo, ukuba nihleli ekuvingcelekeni e‐Yerusaleme?
11
Akanihendi na u‐Hezekiya, ukuba aninikele ukububa ngendlala nangenxanwa, esiti: Uyehova, utixo wetu, uya kusisindisa esandleni sokumkani we‐Asiriya?
12
Asi nguye na u‐Hezekiya ozisusileyo indawo ezipakamileyo zake nezibingelo zake, watsho ko‐Juda nakwi‐Yerusaleme, esiti: Pambi kwesibingelo sinye niya kutoba, napezu kwaso niya kuqumisa?
13
Anikwazi na oko endikwenzileyo mna, kwa nobawo bam, kubo bonke abantu bamanye amazwe? Otixo bentlanga zalomazwe bebeka banamandla okusindisa amazwe abo esandleni sam na?
14
Nguwupina kubo bonke otixo bentlanga eze obawo bam bazilahlele ekutshatyalalisweni, obenamandla okusindisa abantu bake esandleni sam, ukuba utixo wenu abe namandla okusindisa nina esandleni sam?
15
Ngako kaloku maningakohliswa ngu‐Hezekiya, maningahendwa nokuhendwa nguye ngokunjalo, maningakolwa nguye kanjako: ngokuba kungeko namnye utixo wolunye uhlanga no wobunye ubukumkani, obenamandla okusindisa abantu bake esandleni sam, nasesandleni sobawo bam; kukancinane kangakananina ngakumbi ke, ukuba utixo wenu wosindisa nina esandleni sam?
16
Zasalekela izicaka zake ukuteta ngakuye uyehova ongutixo, nangakuye u‐Hezekiya isicaka sake.
17
Kanjako waziba̔la incwadi ukutuka uyehova, utixo wo‐Sirayeli, nokuteta ngakuye, esiti: Njengokuba otixo bentlanga zamanye amazwe bengasindisanga abantu babo esandleni sam, kwa njalo utixo ka‐Hezekiya akayi kusindisa abantu bake esandleni sam.
18
Zaza zadanduluka ngelizwi elikulu, ngesi‐Juda, ngasebantwini base‐Yerusaleme abebepezu kwodonga, ukuboyikisa nokubatusa; ukuze zitimbe isixeko.
19
Zaye ziteta ngakuye utixo we‐Yerusaleme, njengakubo otixo bezizwe zomhlaba, umsebenzi wezandla zabantu.
20
Wasuka watandaza u‐Hezekiya ukumkani, no‐Yisaya unyana ka‐Amotse umprofite, pezu kwoku, bakala ngasezulwini.
21
Waza uyehova watuma ingelosi, eyati shwaqe onke amagoṙa obuṙoti, nabakokeli, nenkosi, emkosini wokumkani we‐Asiriya. Wada wabuya ngedano lobuso ukuya kwelake ilizwe. Wati akuba engenile endlwini yotixo wake, bandula abo abebepumile kowake umbilini bamwisa kona ngeṙele.
22
Wenje njalo uyehova ukusindisa u‐Hezekiya nabemi base‐Yerusaleme esandleni sika‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya, nasesandleni sa banye bonke, wabakapa ngamacala onke.
23
Kwaye kuziswa ngabaninzi iminikelo kuyehova e‐Yerusaleme, nezinto ezinqabileyo ku‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda; waza wapakanyiswa emehlweni entlanga zonke emveni kwoko.
24
NGALOMIHLA wabesifa u‐Hezekiya wada waza kububa: wandula watandaza kuyehova, owateta kuye, wamnika umqondiso.
25
Kodwa u‐Hezekiya akabuyekeza ngokunjengokusizwa kwake; ngokuba intliziyo yake ibir̔atshile: ngako bekuko umsindo pezu kwake, napezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme.
26
Koko u‐Hezekiya wazigobayo ngenxa yokur̔atsha kwentliziyo yake, yena nabemi base‐Yerusaleme; waza umsindo kayehova aweza pezu kwabo emihleni ka‐Hezekiya.
27
Waye u‐Hezekiya ebenobutyebi nodumo olukulu kunene: wayezenzela inkambili zokubekela zibe zezesilivere, nezegolide, nezamatye anqabileyo, nezezimnandi, nezamakaka, nezazo zonke izinto ezinqwenelekileyo;
28
kwa nezindlu zokubekela zokwanda kwenqolowa, neveyine, neoli; nezitale zentlobo zonke zezilo, nezibaya zemihlambi.
29
Kanjako wazenzela izixeko, nemfuyo yegusha nenkomo ngobuninzi; ngokuba utixo ebemnikile impahla eninzi kunene.
30
Ukwa nguye u‐Hezekiya owavingca elasentla itende lamanzi ase‐Gihone, wawondisa ngapantsi ecaleni lasentshonalanga isixeko sika‐Davide. Kwa njalo u‐Hezekiya watamsanqeleka kuyo yonke imisebenzi yake.
31
Kwaye kunjalo kodwa, ekufikeni kwezitunywa zenkosi zase‐Babilone, ezibe zitumile kuye ukuba kubuzwe ngommangaliso obe wenzekile elizweni, utixo wamshiya, ukuba amlinge, ukuze akwazi konke okusentliziyweni yake.
32
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Hezekiya, nezibele zake, bona ke, ziba̔liwe emibonisweni ka‐Yisaya unyana ka‐Amotse, umprofite, nas encwadini yokumkani bo‐Juda no‐Sirayeli.
33
Wada u‐Hezekiya walala noyise bake, wancw̔atywa kwelapezulu lamancw̔aba onyana baka‐Davide: bati bonke o‐Juda nabase‐Yerusaleme bamenzela udumo ekufeni kwake. Waza u‐Manase unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 33 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36