bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 28
2 Chronicles 28
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 29 →
1
EBEYIMINYAKA imashumi mabini u‐Ahazi ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu e‐Yerusaleme; waye engenzi okufaneleyo emehlweni kayehova, njengaye u‐Davide uyise.
2
Ngokuba ebehamba ezindleleni zokumkani bo‐Sirayeli: nakanjako wenzela o‐Bali imifanekiso etyityishiweyo.
3
Ewe, waqumisa esihlanjeni sonyana ka‐Hinome, watshisa onyana bake emlilweni, njengento ezibuntshontsho zabaheyideni, abo wabagqogqayo uyehova pambi kwosapo luka‐Sirayeli.
4
Wabinga waqumisa ezindaweni ezipakamileyo, napezu kwenduli, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza.
5
Ngako uyehova, utixo wake, wamnikela esandleni sokumkani we‐Siriya; baza babeta abake, batimba kuye into enkulu yamatinjwa, bawazisa e‐Damakusi. Kanjako wanikelwa nasesandleni sokumkani wo‐Sirayeli, owambeta ngesibulalo esikulu.
6
Ngokuba u‐Pekahi, unyana ka‐Remaliya, wabulala kwa‐Juda amawaka alikulu linamashumi mabini emini nye, onke engamadoda akalipileyo; ngenxa yokuba ebemshiyile uyehova, utixo woyise bawo.
7
Kanjalo u‐Zikeri, igoṙa lakwa‐Frayime, wambulala u‐Mahaseya unyana wokumkani, no‐Zarikame umpati wendlu, no‐Lekana owasemva kwokumkani.
8
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwatimba kubazalwana balo amawaka angamakulu mabini, abafazi, onyana, nentombi, lwapanga kubo nento eninzi yamaxoba, lwawazisa amaxoba lawo e‐Samariya.
9
Kwaye kuko kona umprofite kayehova, ogama lingu‐Hodedi, owapuma ukuya kuhlangabeza umkosi obusiza e‐Samariya, wati kubo: Bona ke, ngomsindo kayehova, utixo woyihlo benu, ngakubo o‐Juda, ubanikele esandleni senu, nanibulele bona ngobuṙalaṙume obufikelela kwa sezulwini.
10
Nakaloku niyacinga ukululamisa usapo luka‐Juda ne‐Yerusaleme lube ngamakoboka namakobokakazi kuni: kodwa nina, akuko na kwa nani izilandu ngakuye uyehova, utixo wenu?
11
Ndipulapuleni ngoko, nibuyise amatinjwa, lawo niwatimbileyo kubazalwana benu; ngokuba ubushushu bengqumbo kayehova bupezu kwenu.
12
Baza abatile kwabazintloko zosapo luka‐Frayime, u‐Hazariya unyana ka‐Johanane, u‐Berekiya unyana ka‐Meshilemote, no‐Yehizekiya unyana ka‐Shalume, no‐Hamasa unyana ka‐Hadelai, besuka ngakubo abebevele emfazweni,
13
bati kubo: Aniyi kungenisa lamatinjwa apa: ngokuba, ukuze ityala ngakuye uyehova libe pezu kwetu, nicinga nina ukwongeza ezonweni zetu nasetyaleni letu: ngokuba likulu ityala esinalo: kanjako ubushushu bengqumbo bupezu kwo‐Sirayeli.
14
Aza amadoda axo̔bileyo ashiya amatinjwa namaxoba pambi kwenkosi nayo yonke intlanganiso.
15
Andula esuka lomadoda abalulweyo ngamagama, abamba amatinjwa, nabo bonke abebeze pakati kwawo abavatisa emaxobeni lawo; ewe abavatisa, abafaka izihlangu, abanika ukutya, abaseza, abatambisa, abakapa pezu kwamaqwaṙashe bonke ababutataka, abazisa e‐Jeriko, esixekweni semiti yepalime, kufupi nabazalwana babo: aza abuya wona ukuya e‐Samariya.
16
Ngexesha elo watuma ukumkani u‐Ahazi kubo okumkani be‐Asiriya, ukuze bamncede.
17
Ngokuba ebezile kanjako ama‐Edome, abeta kwa‐Juda, atimba namatinjwa.
18
Nama‐Filistiya wona ebegalelekile ezixekweni zasezihlanjeni, nasesuyide yakwa‐Juda, atimba i‐Bete‐shemeshe, ne‐Ajalone, ne‐Gederote, ne‐Soko namagxamesi ayo, ne‐Timna namagxamesi ayo, ne‐Gimzo namagxamesi ayo: aza ahlala kona.
19
Ngokuba uyehova ebetobisile o‐Juda, ngenxa yake u‐Ahazi ukumkani wo‐Sirayeli; ngokuba ebebenzile o‐Juda abangevayo, wenza ngobumenemene kakulu ngakuye uyehova.
20
Wati u‐Tiligate‐pinesere ukumkani we‐Asiriya weza kuye; kodwa wamxinezela, akamomeleza.
21
Ngokuba u‐Ahazi wapanga indlu kayehova, nendlu yokumkani nenkosi, wanika kukumkani we‐Asiriya: akamnceda noko.
22
Kanjalo ngexesha lokuxinezelwa kwake, wandisa ukwenza ngobumenemene ngakuye uyehova: nguye lo ukumkani u‐Ahazi.
23
Wasuka wabingela otixo base‐Damakusi, ababembetile, wati: Ngokuba otixo bokumkani be‐Siriya benceda bona, ndiya kubabingela, ukuze bancede mna. Kodwa baba sisiwiso kuye, nako‐Sirayeli bonke.
24
Waza u‐Ahazi wabuta impahla zendlu katixo, wazihlahla impahla zendlu katixo, wazitshixa ingcango zendlu kayehova, wazenzela izibingelo kuwo onke amagumbi e‐Yerusaleme.
25
Nakuzo zonke izixeko zakwa‐Juda ngazinye, wazenza indawo ezipakamileyo zokuqumisela otixo bambi, wamqumbisa uyehova, utixo woyise bake.
26
Kekaloku isisalela semicimbi yake, nazo zonke indlela zake, ezokuqala nezokupela, bona ke, ziba̔liwe encwadini yokumkani bo‐Juda no‐Sirayeli.
27
Wada u‐Ahazi walala noyise bake; baza bamncw̔aba esixekweni, e‐Yerusaleme: kodwa abamzisa emancw̔abeni okumkani bo‐Sirayeli. Wandula u‐Hezekiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36