bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 23
2 Chronicles 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 24 →
1
Kodwa ngomnyaka wesixe̔nxe u‐Yoyada wazomeleza, watabata inkosi zamakulu, u‐Hazariya unyana ka‐Yerohame, no‐Shimayeli unyana ka‐Jehohanane, no‐Hazariya unyana ka‐Obedi, no‐Mahaseya unyana ka‐Hadaya, no‐Elishafate unyana ka‐Zikeri, babe naye elucebanweni.
2
Basuka bajikajikela ilizwe lakwa‐Juda, bahlanganisa aba‐Levi kuzo zonke izixeko zakwa‐Juda, nabazintloko zendlu zoyise zo‐Sirayeli, bada bafika e‐Yerusaleme.
3
Yandula yonke intlanganiso yalwenza endlwini katixo ucebano nokumkani. Waza wati kubo: Bona ke, unyana wokumkani wobupata ubukumkani, njengokuba etshilo uyehova ngabo onyana baka‐Davide.
4
Nantsi indawo eniya kuyenza: esinye isiqingata sesitatu kuni eningenayo ngesabata, kubo abaperisite nakubo aba‐Levi, bona boba ngabagcini beminyango;
5
nesinye isiqingata sesitatu, boba ngasendlwini yokumkani; nesinye isiqingata sesitatu, boba sesangweni lesiseko: kanjako bonke abantu boba semabaleni ayo indlu kayehova.
6
Kodwa makungangeni mntu endlwini kayehova, kupela ngabaperisite, nabo bakonzayo pakati kwaba‐Levi; aba baya kungena, ngokuba beyingcwele bona: kodwa bonke abantu baya kugcina isigcinelo sikayehova.
7
Baye aba‐Levi beya kujikelezela ukumkani ngokungqonga, abanye ngabanye benezixo̔bo zabo ezandleni zabo; nalowo ungenayo endlwini makafiswe: nize nibeko nokumkani ekungeneni kwake nasekupumeni kwake.
8
Bati aba‐Levi no‐Juda bonke benza njengako konke abeyalele ngako u‐Yoyada umperisite, batabata abanye ngabanye amadoda abo, lawo abeya kungena ngesabata, kunye nalawo abeya kupuma ngesabata: ngokuba u‐Yoyada umperisite ebengandululanga izahlulo.
9
Waza u‐Yoyada umperisite wanika kuzo inkosi zamakulu izikali, nengweletshetshe, namakaka, ezo ezibe zizezokumkani u‐Davide, ezibe zisendlwini katixo.
10
Wayemisa bonke abantu, abanye ngabanye benezixo̔bo zabo ezandleni zabo, kwa kulo elokunene icala lendlu kwada kwakulo elokohlo icala lendlu, ngasesibingelweni nangasendlwini, kufupi nokumkani ngokungqonga.
11
Bandula bamkupa unyana wokumkani, bayibeka pezu kwake ikrone, bamnika nesinqi̔no, bamenza ukumkani; kanjalo u‐Yoyada nonyana bake bamtambisa, bati: Makapile ukumkani!
12
Wati akuva u‐Hataliya intlokoma yabantu bebaleka bedumisa nokudumisa ukumkani, wasuka weza ebantwini endlwini kayehova.
13
Waza wakangela, kekaloku nankuya ukumkani emi pezu kwendawo yake epezulu, endaweni yokungena, nenkosi nabanamaxilongo kufupi nokumkani: bati bonke abantu belizwe bavuya, bavutela ngamaxilongo; babeko nabaculi benezinto zokuculisa, nabo abafundisayo ukudumisa. Wandula u‐Hataliya waṙazula izivato zake, wati: Yingcebiswano, yingcebiswano!
14
Koko u‐Yoyada umperisite wapumisayo inkosi zamakulu, abongama bempi, wati kuzo: Mkupeleni pandle kwamahlukahluka; nalowo umlandelayo makafiswe ngeṙele. Ngokuba ebete umperisite: Ningamfisi endlwini kayehova.
15
Baza bamkwelela amacala omabini: waya ngasendaweni yokungena yesango lamahashe, ngasendlwini yokumkani: bamfisa apo ke.
16
Wandula u‐Yoyada walwenza ucebano pakati kwake nabo bonke abantu nokumkani, ukuba babe ngabantu bakayehova.
17
Baza bangena bonke abantu endlwini ka‐Bali, bayicita; nezibingelo zake, nemifanekiso yake, baziqekeza; no‐Matane umperisite ka‐Bali bambulala pambi kwezibingelo.
18
Wati u‐Yoyada kanjalo wamisa abalindi bendlu kayehova pantsi kwesandla sabaperisite abangaba‐Levi, abo u‐Davide wabahlula babe sendlwini kayehova, ukuba banikele amadini okutshiswa kayehova, njengokuba kuba̔liwe emtetweni ka‐Mosesi, ngokugcoba nangokuvuma, njengesimiselo sika‐Davide.
19
Wayemisa abalindimnyango ngasemasangweni endlu kayehova, kuze kungangeni onco̔lileyo nganye into.
20
Wandula watabata inkosi zamakulu, nemiduna, nabapati babantu, nabo bonke abantu belizwe, wehla nokumkani kuyo indlu kayehova; bandula beza ngesango elide endlwini yokumkani, bahlalisa ukumkani pezu kweterone yobukumkani.
21
Baye bevuya bonke abantu belizwe, sati isixeko sanokwonwaba; no‐Hataliya bebemfisile ngeṙele.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36