bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 7
2 Chronicles 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 8 →
1
Kekaloku nxa agqibileyo u‐Solomone ukutandaza, kwandula kwehla umlilo ezulwini, wadla idini lokutshiswa nemibingo; bati ubungcwalisa bukayehova bayizalisa indlu.
2
Baza bakohlwa abaperisite ukungena endlwini kayehova, ngokuba ubungcwalisa bukayehova bebuzalisile indlu kayehova.
3
Lwati lwakubona lwonke usapo luka‐Sirayeli ukuhla kwomlilo, nobungcwalisa bukayehova pezu kwendlu, lwatoba ngobuso ngasemhlabeni pezu kwesandlalwa samatye, lwabedesha, lwamdumisa uyehova, lusiti: Ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade.
4
Kwaza kwabinga ukumkani nabo bonke abantu umbingo pambi kwoyehova.
5
Waye ukumkani u‐Solomone wabinga umbingo wenkabi ezingamawaka angamashumi mabini anamabini, negusha ezingamawaka alikulu linamashumi mabini. Benje njalo ukutwasisa indlu katixo ukumkani nabo bonke abantu.
6
Bati abaperisite bema ngezigcinelo zabo, naba‐Levi benezinto zokuculisa zikayehova, abezenzile u‐Davide ukumkani, ukuba kubulelwe kuyehova, ngokuba ububele bake bungunapakade, nxa u‐Davide abedumisa ngesandla sabo: baza abaperisite bahlokomisa amaxilongo pambi kwabo, bati bonke o‐Sirayeli bema.
7
Kanjako u‐Solomone wawenza ngcwele umpakati webala elipambi kwayo indlu kayehova; ngokuba wabelungisa kona amadini okutshiswa, namanqata eminikelo yoxolo: ngokuba isibingelo sexina, abesenzile u‐Solomone, besingenako ukwamkela amadini okutshiswa, neminikelo yokudla, namanqata lawo.
8
Wayesenza u‐Solomone umtendeleko ngexesha elo imihla yasixe̔nxe, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, intlanganiso enkulu kunene, ivela kwa sekungenweni kwe‐Hamati kwada kwasemlanjeni wase‐Jipete.
9
Baye besenza ngomhla wesibozo intlanganisano engcwele: ngokuba bebekwenza ukutwasiswa kwesibingelo imihla esixenxe, nomtendeleko imihla ekwa sixe̔nxe.
10
Nangowamashumi mabini anesitatu umhla wenyanga yesixe̔nxe, wabandulula abantu ukuya ezintenteni zabo, bevuya, becwayitile ngentliziyo, ngenxa yokulungileyo abekwenzile uyehova ku‐Davide, naku‐Solomone, nako‐Sirayeli abantu bake.
11
Wada u‐Solomone wagqiba indlu kayehova, nendlu yokumkani: nako konke okube kungenile entliziyweni ka‐Solomone, ukuba akwenze endlwini kayehova nasendlwini yake, wakufeza ngokutamsanqelekileyo.
12
WANDULA uyehova wabonakala ku‐Solomone ebusuku, wati kuye: Ndivile umtandazo wako, ndandizinyulele lendawo ibe yindlu yemibingo.
13
Ukuba ndiyavingca izulu, kuze kungabiko imvula, umhlaumbi ukuba ndiyayalela inkumbi zigqibe ilizwe, umhlaumbi ukuba ndiyatuma isifo esibubisayo pakati kwabantu bam;
14
baze bati abantu bam, ekupezu kwabo kubizwa igama lam, bazigobe, batandaze, bafune ubuso bam, baguquke emikweni yabo ekohlakeleyo; ndiya kwandula ndive mna kwa sezulwini, ndixolele isono sabo, ndipilise nelizwe labo.
15
Kaloku amehlo am ovuleka, nendlebe zam zopulapuleka, kuwo umtandazo walendawo.
16
Ngokuba kaloku ndiyinyulile ndayenza ngcwele indlu le, ukuba igama lam libeko kona kude kube ngunapakade; kwakuya kubako kona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
17
Kanjalo wena ukuba uya kuhamba pambi kwam, njengokuba ebehamba u‐Davide uyihlo wako, wenze ngako konke endikuyaleleyo, ugcine izimiselo zam nezigwebo zam;
18
ndiya kwandula ndiqinise iterone yobukumkani bako, njengokuba ndenzile ucebano no‐Davide uyihlo wako, ndisiti: Akuyi kukunqamkela indoda inobukosi kwa‐Sirayeli.
19
Kanti ukuba niyapambuka nina, niyishiye imimiselo yam nemiyalelo yam, endiyibekileyo pambi kwenu, nize niye nikonze otixo bambi, nitobe pambi kwabo;
20
ndiya kwandula ndibancotule emhlabeni wam, endiwunikileyo kubo; nalendlu, endiyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, ndiyenze ibe yinto yokuzekeliswa nelizwi lokuhlekisa pakati kwabantu bonke.
21
Nendlu le, epezulu, osukuba edlula ngakuyo woti nqa, ati: Kunganina ukuba wenzile uyehova njengokunjalo kwelilizwe nakulendlu?
22
kwakuya kutiwa: Ngenxa yokuba bamshiya uyehova, utixo woyise babo, owabapumisayo elizweni le‐Jipete, nokuba babambelela kotixo bambi, batoba pambi kwabo, babakonza: kungoko azisileyo pezu kwabo bonke obububi.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36