bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 20
2 Chronicles 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 21 →
1
KWABEKUTE emveni kwoku, kweza usapo luka‐Mowabi, nosapo luka‐Hamoni, nakunye nalo abanye ngapandle kwaba‐Hamoni, ngakuye u‐Yehoshafate ukuba kuliwe.
2
Baza bafika abatile bamxelela u‐Yehoshafate, besiti: Kuyeza ngakuwe isihlwele esikulu sivela pesheya kwolwandle, e‐Siriya; nabaya e‐Hatsetsone‐tamare, eyi‐Hene‐gedi.
3
Waza woyika u‐Yehoshafate, wabeka ubuso bake ukumfuna uyehova, washumayela inzilo kuyo yonke i‐Juda.
4
Bazihlanganisa o‐Juda kanjalo, ukuba bafune uncedo kuyehova: bavela kwa kuzo zonke izixeko zakwa‐Juda ukuza kumfuna uyehova.
5
Waza wema u‐Yehoshafate entlanganisweni yo‐Juda ne‐Yerusaleme, endlwini kayehova, ngapambi kwebala elitsha,
6
wati: Yehova, Tixo wobawo betu! akunguye na wena ongutixo ezulwini? akupati ubukosi na wena pezu kwabo bonke ubukumkani babaheyideni? nasesandleni sako akuko na ukwomelela namandla, kungeko ongamelana nawe?
7
Akunguwe na, utixo wetu, owagqogqayo abemi belilizwe pambi kwabantu bako o‐Sirayeli, waza walinika kuyo inzalo ka‐Abrahame umhlobo wako kude kube ngunapakade?
8
Bada bahlala kulo, bakwakela kulo indawo eyingcwele ngenxa yegama lako, besiti:
9
Xeshekweni ilishwa lizayo pezu kwetu, isiṙele, umgwebo, nesifo esibubisayo, nendlala, siya kuma pambi kwalendlu, napambi kwako, (ngokuba igama lako likuyo indlu le,) sikale kuwe ebunzimeni betu, wauya kwandula ukuva nokusiza.
10
Nakaloku, bona ke, usapo luka‐Hamoni, noluka‐Mowabi, nolwasentabeni ye‐Sehire, olo ubungavumeli o‐Sirayeli ukuba bangene pakati kwalo, ekuveleni kwabo elizweni le‐Jipete, koko bapambukayo kulo, bengalutshabalalisanga;
11
kekaloku, bona ke, luyasivuza ngokuza ukusigxota elifeni lako, osinikileyo ukulidla.
12
Tixo wetu! akuyi kulugweba na? ngokuba kungeko amandla kuti ebusweni besisihlwele sikulu esizayo ngakuti; kanjako asazi tina into esiya kuyenza: kodwa amehlo etu angakuwe.
13
Baye o‐Juda bonke bemi pambi kwoyehova, kwa nosapo lwabo, abafazi babo nabantwana babo.
14
Kwandula kweza pezu kwake u‐Yahaziyeli, unyana ka‐Zekariya, unyana ka‐Benaya, unyana ka‐Yeyeli, unyana ka‐Mataniya, um‐Levi, owonyana baka‐Safa, umoya kayehova, pakati kwentlanganiso;
15
waza wati: Pulapulani, bo‐Juda bonke, nabemi base‐Yerusaleme, nokumkani Yehoshafate! utsho uyehova kuni ukuti: Ningoyiki, ningatuswa kanjalo, ngenxa yesisihlwele sikulu; ngokuba kungekokwenu ukulwa oku, kuko kukatixo.
16
Ngomso yihlani niye ngakulo: bonani, luyanyuka ngeqina le‐Tsitse: naniya kulufumana encameni yentili, pambi kwentlango ye‐Yeruweli.
17
Asi kokwenu ukulwa koku kulwa: zimiseni, yimani nibone usindiso lukayehova onani, bo‐Juda ne‐Yerusaleme! ningoyiki, ningatuswa kanjalo; ngomso pumelani ngakulo; ngokuba uyehova enani.
18
Waza u‐Yehoshafate watoba pantsi ngobuso ngasemhlabeni; bati o‐Juda bonke nabemi base‐Yerusaleme bawa pambi kwoyehova, bembedesha uyehova.
19
Basuka bema aba‐Levi, kulo usapo lwama‐Kohati, nakulo usapo lwama‐Kora, ukumdumisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngelizwi elikulu ngokupezulu.
20
Baza bavuka kusasa ngomnye umhla, bapuma ukuya entlango yase‐Tekoha; nasekupumeni kwabo wema u‐Yehoshafate, wati: Ndipulapuleni, bo‐Juda, nabemi base‐Yerusaleme! kolwani kuyehova, utixo wenu, naniya kuqiniswa; kolwani kubaprofite bake, naniya kutamsanqeleka,
21
Wandula wacebisana nabantu, wammisela uyehova abaculi, abaya kudumisa ebuhleni bobungcwele, bakupuma pambi kwabaxo̔bileyo, besiti: Bulelani kuyehova; ngokuba ububele bake bungunapakade.
22
Kekaloku ngexesha baqalayo ukuvuma nokudumisa, wandula uyehova wamisa abalaleli ngakulo usapo luka‐Hamoni, no luka‐Mowabi, nolwasentabeni ye‐Sehire, olube luzile ngakubo o‐Juda; lwaza lwabetwa ke.
23
Ngokuba usapo luka‐Hamoni noluka‐Mowabi belusukela ngakubo abemi bentaba ye‐Sehire, ukuze lugqibele ukubabulala nokubatshabalalisa; naxeshekweni belupelisile abemi bentaba ye‐Sehire, lwanceda olunye ukububisa olunye.
24
Bati bakufika o‐Juda ngasenqatyeni yokulinda entlango, babeka ngasesihlweleni; kekaloku nasiya siyimizimba efileyo iwile pantsi emhlabeni, kungasindanga mntu.
25
Kwandula ukuza u‐Yehoshafate nabantu bake ukupanga amaxoba abo, bafumana pakati kwabo ngobuninzi, kwa impahla, nemizimba efileyo, nezinto ezinqwenelekileyo, bazihlubela kwada kwakohlwa kutwalwa: baye bentsuku ntatu bepanga amaxoba lawo, ngokuba ebemaninzi wona.
26
Nangolwesine usuku, bazihlanganisela emhlanjeni we‐Beraka; ngokuba apo bambonga uyehova: ngako oko kwabizwa igama lalondawo ngokuti ngumhlambo we‐Beraka kwada kwanamhla.
27
Ada abuya onke amadoda akwa‐Juda nawase‐Yerusaleme, no‐Yehoshafate epambi kwawo, ukuya kubuyela e‐Yerusaleme ngovuyo; ngokuba uyehova ebewavuyisile pezu kwentshaba zawo.
28
Aye esiza e‐Yerusaleme, enenebele, nehadi, namaxilongo, endlwini kayehova.
29
Kwasuka kwabako ulwoyiko lukatixo pezu kwabo bonke ubukumkani balomazwe, bakuva okokuba kwaliwa nguyehova ngakuzo intshaba zo‐Sirayeli.
30
Baza ubukumkani buka‐Yehoshafate bonwaba; ngokuba utixo wake wamnika ukupumla ngokungqonga.
31
Kwa njalo u‐Yehoshafate wapata ubukumkani pezu kwo‐Juda: ebeyiminyaka imashumi matatu anesihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani: wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anamihlanu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hazuba, intombi ka‐Shilihi.
32
Waye ehamba ngendlela yoyise u‐Asa, akapambuka kuyo, esenza okufaneleyo emehlweni kayehova:
33
kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; ngokuba abantu bengekabekisanga intliziyo zabo kuye utixo woyise babo.
34
Nesisalela semicimbi ka‐Yehoshafate, eyokuqala neyokupela, bona ke, iba̔liwe yona emazwini ka‐Jehu unyana ka‐Hanani, abefakwa encwadini yokumkani bo‐Sirayeli.
35
Nasemva kwoko, u‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda watelelana no‐Ahaziya ukumkani wo‐Sirayeli, owakohlakalisa ukwenza kwake:
36
wayetelelana naye ukuba kwenziwe inqanawa ukuya e‐Tareshishe: baza bazenza inqanawa e‐Hetsiyone‐gebere.
37
Wandula u‐Eliyezeri, unyana ka‐Dodava, owase‐Maresha, waprofitesha ngakuye u‐Yehoshafate, esiti: Ngokokuba utelelene no‐Ahaziya, uyehova uyicitile imisebenzi yako. Kwa njalo inqanawa zapuka, zaza zakohlwa ukuya e‐Tareshishe.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36