bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 24
2 Chronicles 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 25 →
1
EBEYIMINYAKA isixe̔nxe u‐Yohashe ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mane e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Tsibiya, owase‐Beresheba.
2
Waye u‐Yohashe esenza okufaneleyo emehlweni kayehova, yonke imihla ka‐Yoyada umperisite.
3
Kanjako u‐Yoyada wamtabatela abafazi ababini; waza wazala onyana nentombi.
4
Kwabekute emveni kwoko, bekusentliziyweni ka‐Yohashe ukuhlaziya indlu kayehova.
5
Waza wahlanganisa abaperisite naba‐Levi, wati kubo: Pumani niye ezixekweni zakwa‐Juda, niyibute kubo bonke o‐Sirayeli imali yokulungisa indlu katixo wenu, kwiminyaka ngeminyaka; nani ke, yinxamiseni lendawo. Kodwa abayinxamisa aba‐Levi abo.
6
Wandula ukumkani wambiza u‐Yoyada umperisite omkulu, wati kuye: Yinina ukuba ungabuzanga aba‐Levi, ukuze bavelise kwa‐Juda nase‐Yerusaleme isitabataba sika‐Mosesi isicaka sikayehova, nesentlanganiso yo‐Sirayeli, ngenxa yayo intente yesinqi̔no?
7
Ngokuba u‐Hataliya, loncwangukazi, onyana bake bagqoboza indlu katixo, nazo zonke izinto ezingcwele zendlu kayehova bazinikela o‐Bali.
8
Wayexela ukumkani, baza bayenza ityeya, bayibeka esangweni lendlu kayehova ngapandle.
9
Baza banika ilizwi kwa‐Juda nase‐Yerusaleme lokuba makungeniswe kuyehova isitabataba sika‐Mosesi isicaka sikatixo, eso sabekwayo pezu kwo‐Sirayeli entlango.
10
Kwandula kwavuya zonke inkosi nabo bonke abantu, bangenisa ke, baposela etyeyeni, kude kwagqitywa.
11
Kwaye kute, ngexesha bekuziswa ityeya leyo kubongama bokumkani ngesandla saba‐Levi, naxeshekweni babona ukuba imali ininzi, kwandula kweza umba̔li wokumkani, negosa lomperisite omkulu, bakupa imali etyeyeni, bayitabata yona, bayibuyisela endaweni yayo. Benje njalo ke imihla ngemihla, babuta imali ngobuninzi.
12
Baza ukumkani no‐Yoyada bayinika kwabawenzayo umsebenzi wenkonzo yayo indlu kayehova, baqesha ababazi bamatye nencibi zemiti, ukuba kuhlaziywe indlu kayehova, kwa nencibi zesincete nezexina, kuze kulungiswe indlu kayehova.
13
Benza ke abenzi bomsebenzi, ukuba kwahanjiswa ukulungiswa kwomsebenzi ngesandla sabo, bayimisa indlu katixo ngomlinganiswa wayo, bayiqinisa.
14
Bati bakuba begqibile, bazisa isisalela semali pambi kwokumkani no‐Yoyada, ekwenzelwa indlu kayehova impahla ngayo, impahla zokukonza nezokunikela, negxebeka, nempahla zegolide nezesilivere. Baye benikela amadini okutshiswa futi endlwini kayehova yonke imihla ka‐Yoyada.
15
Wada waba mdala u‐Yoyada, wakoliswa yimihla, wafa ke: ebelikulu linamashumi matatu leminyaka ubudala bake, ekufeni kwake.
16
Baza bamncw̔aba esixekweni sika‐Davide ndawonye nabo okumkani, ngokuba ebekwenzile okulungileyo kwa‐Sirayeli, nangakuye utixo, nangakuyo indlu yake.
17
Kekaloku emveni kwokufa kuka‐Yoyada kweza inkosi zakwa‐Juda, zazitoba kukumkani: wandula ukumkani wapulapula kuzo.
18
Basuka bashiya indlu kayehova, utixo woyise babo, bakonza o‐Ashera namadalo: kwaza kwabako umsindo pezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme, ngenxa yelityala labo.
19
Wayetuma noko abaprofite pakati kwabo, ukuya kubabuyisela kuyehova: banqi̔na ke ngakubo, kodwa abanikela indlebe.
20
Waza umoya katixo wangena ku‐Zekariya unyana ka‐Yoyada umperisite, owemayo pezulu ebantwini, wati kubo: Utsho utixo ukuti: Kunganina ukuba niyagqita imiyalelo kayehova, nize ningatamsanqeleki? ngokokuba nimshiyile uyehova, kukona aya kushiya nina.
21
Baza baceba ngakuye, bamgibisela ngamatye ngomyalelo wokumkani, ebaleni lendlu kayehova.
22
Kwa njalo u‐Yohashe ukumkani wayengakumbuli ububele abenzelwe bona ngu‐Yoyada uyise, kodwa wambulala unyana wake; owati, ekufeni kwake: Makabone uyehova, abuze ke!
23
Kwaye kute ekupeleni kwomnyaka, kwenyuka ngakuye impi yama‐Siriya; aye esiza kwa‐Juda nase‐Yerusaleme, abubisa zonke inkosi zabantu ebantwini; nawo onke amaxoba azo awatuma kuye ukumkani we‐Damakusi.
24
Nakuba impi yama‐Siriya ibizile neqelana lamadoda, uyehova wanikela ezandleni zawo impi enkulu kunene noko, ngokuba bebemshiyile uyehova, utixo woyise babo. Kwa njalo amenzela u‐Yohashe imigwebo.
25
Naxeshekweni emkile kuye, (ngokuba ebemshiyile enezifo ezininzi,) izicaka zake zenza ingcebiswano ngakuye, ngenxa yegazi lonyana baka‐Yoyada umperisite, zambulala pezu kwomandlalo wake, wada wafa; baza bamncw̔aba esixekweni sika‐Davide, kodwa abamncw̔aba emancw̔abeni abo okumkani.
26
Ngabo aba abayenzayo ingcebiswano ngakuye: u‐Zabadi, unyana ka‐Shimehate um‐Hamonikazi, no‐Yehozabadi, unyana ka‐Shimerite um‐Mowabikazi.
27
Kekaloku okwonyana bake, nokwobuninzi bemitwalo ebipezu kwake, nokwokusekwa kwendlu katixo, bona ke, kuba̔liwe embalisweni yencwadi yabo okumkani. Waza u‐Amatsiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36