bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 10
2 Chronicles 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 11 →
1
WASUKA u‐Rehobome waya e‐Shekeme; ngokuba bebeze e‐Shekeme o‐Sirayeli bonke, ukuze bamenze ukumkani.
2
Kwaye kute, kwakuviwa ngu‐Jerobome unyana ka‐Nebati, (kekaloku yena ebese‐Jipete, ngokuba ebesabile ebusweni buka‐Solomone ukumkani; wada u‐Jerobome wabuya e‐Jipete;
3
baza batuma bambiza;) kwandul’ ukuza u‐Jerobome no‐Sirayeli bonke, bateta ku‐Rehobome, besiti:
4
Uyihlo wako wayenza lukuni iyokwe yetu; uz’ uti wena kaloku wenze lula ubukonzo boyihlo obulukuni, neyokwe yake enzima abeyibeka pezu kwetu, sasiya kukukonza.
5
Wayesiti kubo: Mkani kanjako intsuku zibe ntatu, nandule nibuye nize kum. Bemka ke abantu.
6
Waza ukumkani u‐Rehobome wacebisana namaxego, abemi ebusweni buka‐Solomone uyise, nxa abesahleli, esiti: Niti nina uku ndi cebisa nina, kuze kupendulwe ababantu?
7
Ateta kuye, esiti: Ukuba uya kwenza ngobubele kwababantu, ubabuke, utete kubo amazwi alungileyo, baya kwandula babe zizicaka zako imihla yonke.
8
Kodwa walishiya icebo lamaxego, elo abemcebisile ngalo, waya wacebisana namadodana abekulile kunye naye, abemi ebusweni bake.
9
Wayesiti kuwo: Lelinina icebo nilinikayo nina, ukuba sipendule ababantu, abatetileyo kum, besiti: Yenza lula iyokwe ayibekileyo pezu kwetu uyihlo wako?
10
Aza ateta kuye amadodana abekulile kunye naye, esiti: Uya kutsho kwababantu abatetileyo kuwe, besiti: Uyihlo wako wayenza nzima iyokwe yetu, kodwa wena yenze lula pezu kwetu; uya kutsho kubo ukuti: Ucikicane wam woba mkulu kuso isinqe sobawo isibili sake.
11
Ukuba kaloku ubawo unitwesile ngeyokwe enzima, mna ke ndiya kwongeza kuyo iyokwe yenu; ubawo unohlwayile ngezwiniya, kodwa mna ndonohlwaya ngonomadudwane.
12
Kwa njalo kweza u‐Jerobome nabo bonke abantu ku‐Rehobome ngosuku lwesitatu, njengokuba ebetetile ukumkani, esiti: Buyani nize kum ngosuku lwesitatu.
13
Waza ukumkani wabapendula ngokulukuni; ngokuba ukumkani u‐Rehobome walishiya icebo lamaxego,
14
wateta kubo njengecebo lamadodana, esiti: Ubawo wayenza nzima iyokwe yenu, kodwa mna ndiya kwongeza kuyo; ubawo wanohlwaya ngezwiniya, kodwa mna ndonohlwaya ngonomadudwane.
15
Akapulapula ke ukumkani ebantwini; ngokuba belulujiko luvela kutixo, ukuze uyehova aliqinise ilizwi lake, elo walitetayo ngaye u‐Ahiya um‐Shilo ku‐Jerobome unyana ka‐Nebati.
16
Bati bakubona bonke o‐Sirayeli ukuba ukumkani akapulapuli kubo, bapendula abantu kukumkani, besiti: Sisipina isabiwo esinaso ku‐Davide? akuko kuti nelifa kunyana ka‐Jese: abanye ngabanye ezintenteni zenu, bo‐Sirayeli! kaloku kangela kweyako indlu, Davide! Basuka baya o‐Sirayeli bonke ezintenteni zabo.
17
Kodwa usapo luka‐Sirayeli olube luhleli ezixekweni zakwa‐Juda, wapata ubukumkani pezu kwalo u‐Rehobome.
18
Wandula ukumkani u‐Rehobome watuma u‐Hadorame, obepezu kwabesitabataba; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwamgibisela ngamatye, wada wafa. Ngako ukumkani u‐Rehobome wanxama ukukwela enqwelweni, ukuba asabele e‐Yerusaleme.
19
Kwa njalo o‐Sirayeli baqipukelana nendlu ka‐Davide, kwada kwanamhla nje.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36