bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 9
2 Chronicles 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 10 →
1
WATI ukumkanikazi we‐Sheba, akuva udumo luka‐Solomone, weza ukumlinga u‐Solomone ngezintsonkotelo e‐Yerusaleme, kunye nomkosi omkulu kunene, nenkamela zitwele izimnandi, nento eninzi yegolide, namatye anqabileyo: wati akuza ku‐Solomone, wateta naye konke okusentliziyweni yake.
2
Waza u‐Solomone wamtyilela onke amazwi ake: akwafihlwa nto ku‐Solomone, abengamtyileli yona.
3
Kekaloku nxa ukumkanikazi we‐Sheba wabona ubulumko buka‐Solomone, nendlu abeyakile,
4
nokutya kwesitebe sake, nokuhlala kwezicaka zake, nokuma kwabakonzi bake, nezivato zabo, nabancamli bake, nezivato zabo, nesinyukelo sake, owenyuka ngaso ukuya endlwini kayehova, akwabi sabiko umoya kuye.
5
Wayesiti kukumkani: Beliyinene ilizwi elo bendiliva elizweni lam, ngemicimbi yako nangobulumko bako.
6
Kodwa bendingakolwa ngamazwi abo, ndide ndatika, aza abona amehlo am: kekaloku bona ke, andixelelwanga nesiqingata sobukulu bobulumko bako: ugqitisile iṙeto endalivayo.
7
Anenyweba amadoda ako, zinenyweba ezizicaka zako, ezimiyo futi ebusweni bako, ezivayo ubulumko bako.
8
Makabongwe uyehova, utixo wako, owakukolelayo, ukuba akubeke pezu kweterone yake, ube ngukumkani ngenxa kayehova, utixo wako! Ngokuba utixo wako ebatandile o‐Sirayeli, ukuba abamise kude kube ngunapakade, kukona akumiseleyo ube ngukumkani pezu kwabo, ukwenza ubugwebo nobulungisa.
9
Waza wamnika ukumkani italente zegolide zalikulu elinamashumi mabini, nento eninzi yezimnandi, namatye anqabileyo: kwaye kungeko izimnandi ezinjengezo ukumkanikazi we‐Sheba wazinika kukumkani u‐Solomone.
10
Nakanjako izicaka zika‐Hurame, nezicaka zika‐Solomone, ezavela negolide e‐Ofire, zazisa nemiti yelagume, namatye anqabileyo.
11
Waye ukumkani ngemiti yelagume leyo wenzela indlu kayehova nendlu yokumkani indawo zokunyukela, wenz ela abaculi ikinore nenebele kanjalo: bekungabonwa enjalo ngapambili elizweni lakwa‐Juda.
12
Waza ukumkani u‐Solomone wamnika ukumkanikazi we‐Sheba konke ukutanda kwake, oko wakucelayo, ngapandle kwoko abekuzisile kukumkani. Wada wajika, wahambela kwelake ilizwe, yena nezicaka zake.
13
Kekaloku ukulinganiswa kwayo igolide ebisiza ku‐Solomone emnyakeni mnye, bezizitalente zegolide ezingamakulu matandatu anamashumi matandatu enesitandatu;
14
ngapandle kwebiziswa ngabaṙatyazi nabatengi: kanjalo bonke okumkani base‐Arabi, nenkosi zelizwe, bazisa igolide nesilivere ku‐Solomone.
15
Waza ukumkani u‐Solomone wenza amakaka angamakulu mabini ngegolide ekandelweyo; kwafakwa amakulu matandatu eshekele zegolide ekandelweyo pezu kwekaka linye:
16
wazenza nengweletshetshe ezingamakulu matatu ngegolide akandelweyo; kwafakwa amakulu matatu eshekele zegolide pezu kwengweletshetshe inye: waza ukumkani wazibeka endlwini yehlati le‐Lebanone.
17
Waye ukumkani kanjako wayenza iterone enkulu yopondo lwendlovu, wayaleka ngegolide ecocekileyo.
18
Kwaye kuko izinyukelo zitandatu kuyo iterone leyo, nesitulo senyawo segolide, ziqiniselwe eteroneni, nezayamelo ngelicala nangeliya ngasendaweni yokuhlala, nengonyama zimbini zimi kufupi nezayamelo ezo:
19
zema kona nengonyama zilishumi linambini ngelicala nangeliya pezu kwazo izinyukelo zitandatu: akwenziwanga enjalo kobunye ubukumkani.
20
Kanjako zonke impahla zokusela zokumkani u‐Solomone zibe zizezegolide, nazo zonke impahla zendlu yehlati le‐Lebanone zibe zizezegolide enqabileyo; bekungeko e zesilivere: ibingabalelwa luto yona emihleni ka‐Solomone.
21
Ngokuba inqanawa zokumkani bezisiya e‐Tareshishe kunye nezicaka zika‐Hurame: kwakanye eminyakeni mitatu zafika inqanawa zase‐Tareshishe, zizisa igolide, nesilivere, n empondo zendlovu, nenkau, namaseme.
22
Kwa njalo ukumkani u‐Solomone wayemkulu pezu kwabo bonke okumkani bomhlaba, ngobutyebi nangobulumko.
23
Kanjako bonke okumkani bomhlaba babefuna ubuso buka‐Solomone, ukuze babuve ubulumko bake, obo wabubeka utixo entliziyweni yake.
24
Baye besiza abanye ngabanye nebaso labo, impahla zesilivere, nempahla zegolide, nengubo, n ezixo̔bo, nezimnandi, n amahashe, namaqwa aṙa; into yomnyaka ngomnyaka.
25
Waye u‐Solomone kanjalo enezitale zamahashe ezingamawaka mane, nenqwelo, namahashe okukwelwa angamawaka alishumi linesibini; owawabeka ezixekweni zenqwelo, nakuye ukumkani e‐Yerusaleme.
26
Wayepata ubukosi pezu kwabo bonke okumkani, kwa kuwo umlambo kude kwasezweni lama‐Filistiya, nakude kwasemdeni wase‐Jipete.
27
Kanjako ukumkani wayenza isilivere e‐Yerusaleme njengamatye, nemiti yesedare wayenza njengemikiwane esezihlanjeni, ngokuba mininzi.
28
Kwaye kukutshelwa u‐Solomone amahashe evela e‐Jipete, nasemazweni onke.
29
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Solomone, eyokuqala neyokupela, ayiba̔lwanga na yona emazwini ka‐Natane umprofite, nasesiprofiteshweni sika‐Ahiya um‐Shilo, nasemibonisweni ka‐Hido umboni ngaye u‐Jerobome unyana ka‐Nebati?
30
Waye u‐Solomone ebepata ubukumkani e‐Yerusaleme, pezu kwo‐Sirayeli bonke, iminyaka engamashumi mane.
31
Wada walala u‐Solomone noyise bake, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide uyise; waza u‐Rehobome unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36