bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 8
2 Chronicles 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 9 →
1
KWAYE kute ekupeleni kweminyaka imashumi mabini, okuya u‐Solomone abeyakile indlu kayehova, nendlu yake,
2
ukuba izixeko owabezinikile u‐Hurame ku‐Solomone, waka zona u‐Solomone, wahlalisa kona usapo luka‐Sirayeli.
3
Wandula waya u‐Solomone e‐Hamatitsoba, wayeyisa.
4
Waza waka ne‐Tademore entlango, nazo zonke izixeko zokubekela, ezo wazakayo e‐Hamati.
5
Waka ne‐Bete‐horone yasentla, ne‐Bete‐horone yasezantsi, izixeko ezinqatyisiweyo, zinendonga, n amasango, nemivalo;
6
ne‐Bahalate, nazo zonke izixeko zokubekela abe nazo u‐Solomone, nazo zonke izixeko zenqwelo, nezixeko zamahashe okukwelwa, nako konke asukuba ebenqwenela ukukwaka e‐Yerusaleme, nase‐Lebanone, nakulo lonke ilizwe lobukosi bake.
7
Bonke abantu ababesele kuwo ama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, abebengengabo a bosapo luka‐Sirayeli,
8
abakubo abantwana babo ababesele emva kwabo elizweni, abo usapo luka‐Sirayeli belungabagqibelanga, kwa pezu kwabo wabeka u‐Solomone ukunikela ngenkonzo kwada kwanamhla nje.
9
Kanti kulo usapo luka‐Sirayeli, olo ungalwenzanga u‐Solomone lube ngamakonza emsebenzini wake, (ngokuba lona belungamadoda okulwa, nenkosi zenjengele zake, nabapati benqwelo zake, nabakweli bake bamahashe,)
10
kwa kulo olu beziko inkosi zabongama abenabo ukumkani u‐Solomone, amakulu mabini anamashumi mahlanu, ezibe zinobukosi pezu kwabantu.
11
Kekaloku intombi ka‐Faro wayinyusa u‐Solomone esixekweni sika‐Davide iye endlwini abeyakele yona; ngokuba ebesiti: Umfazi wam akayi kuhlala endlwini ka‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli, ngokuba zingcwele ezo ndawo ingenileyo kuzo ityeya kayehova.
12
Oko u‐Solomone wanikela amadini okutshiswa kuyehova, pezu kwesibingelo sikayehova, eso ubesakile pambi kwentendelezo,
13
kwa ngokubanga kwemihla ngemihla, enikela, njengomyalelo ka‐Mosesi, ngesabata, nangenyanga ezitwasileyo, nangemitendeleko emisiweyo, amaxesha matatu emnyakeni mnye, ngomtendeleko wezonka ezingenagwele, nangomtendeleko weveki, nangomtendeleko wamapempe.
14
Wayemisa, njengesiko lika‐Davide uyise, izahlulo zabaperisite pezu kwenkonzo yabo; naba‐Levi pezu kwezigcinelo zabo, ukuba badumise, bakonze pambi kwabaperisite, ngokubanga kwemihla ngemihla; nabalindimnyango, ngezahlulo zabo, ngesango ngesango: ngokuba ubunjalo umyalelo ka‐Davide indoda katixo.
15
Baye bengapambuki kuwo umyalelo wokumkani kubo abaperisite naba‐Levi, ngazo zonke izinto, nangazo indyebo.
16
Waye wonke umsebenzi ka‐Solomone ubulungiswa kude kwangumhla wokusekwa kwendlu kayehova, nakude kwakukugqitywa kwayo. Yada yafezwa indlu kayehova.
17
Oko waya u‐Solomone e‐Hetsiyone‐gebere, nase‐Elote, elunxwemeni lwolwandle, elizweni le‐Edome.
18
Waza u‐Hurame watuma kuye ngezandla zezicaka zake inqanawa, nezicaka ezibe zilwazi ulwandle, ezaya kunye nezicaka zika‐Solomone e‐Ofire, zatabata kona italente zegolide zamakulu mane anamashumi mahlanu, zazizisa kukumkani u‐Solomone.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36