bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 2
2 Chronicles 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 3 →
1
WACINGA u‐Solomone ukwaka indlu ibe yeyegama likayehova, nendlu ibe yeyobukumkani bake.
2
Waza wabala u‐Solomone amawaka angamashumi asixe̔nxe amadoda abe ngabatwali, namawaka angamashumi asibozo amadoda abe ngababazi ezintabeni, namawaka matatu anamakulu matandatu abongama pezu kwawo.
3
Kekaloku u‐Solomone watuma ku‐Hurame ukumkani we‐Tire, ukuti: Njengokuba ubusenza ku‐Davide ubawo, waza wamtumela imiti yesedare, ukuze akelwe indlu ukuba ahlale kuyo, yenje njalo nakum.
4
Bona ke, ndiyaka indlu egameni likayehova, utixo wam, ize yenzwe ngcwele kuye, ukuba kuqunyiswe ebusweni bake isiqumiso esimnandi, nokuba ibe ye yezonka zokuṙozwa futi, n e yamadini okutshiswa ngokusa nangokuhlwa, ngemihla yesabata, nangenyanga ezitwasileyo, nangemitendeleko emisiweyo kayehova, utixo wetu: yinto engunapakade le ko‐Sirayeli.
5
Kanjalo indlu endiyakayo, yoba nkulu: ngokuba emkulu utixo wetu pezu kwotixo bonke.
6
Ngubanina kodwa onamandla okuba amakele indlu, izulu, kwa nezulu lamazulu, lingenako ukumbamba nje? ndingubanina nam, ukuba ndimakele indlu, kupela kuqunyiswe isiqumiso ebusweni bake?
7
Ngako kaloku, nditumele indoda elumkileyo, isebenze ngegolide, nangesilivere, nangexina, nangesincete, nangesimnyama, nesibomvu, nezuluṙa, ekwaziyo nokuqingqa iziqingqwa, ibe ndawonye namalumko endinawo kwa‐Juda nase‐Yerusaleme, owati u‐Davide ubawo walungisa wona.
8
Nditumele nemiti yesedare, n eyeberoshe, neyelagume, ivela e‐Lebanone; ngokuba ndisazi mna, okokuba izicaka zako ziyazi ukugaula imiti yase‐Lebanone; kanjalo, bona ke, izicaka zam zoba nezicaka zako:
9
kuze kundilungiselwe imiti ngento eninzi: ngokuba londlu endiza kuyaka, yoba nkulu ngento engummangaliso.
10
Kanjalo, bona ke, ndiya kunika izicaka zako, abagauli abagaula imiti, ikore zenqolowa ebuliweyo ezingamawaka angamashumi mabini, nekore zeṙalasi ezingamawaka angamashumi mabini, nebate zeveyine ezingamawaka angamashumi mabini, nebate zeoli ezingamawaka angamashumi mabini.
11
Waza wapendula u‐Hurame ukumkani we‐Tire ngencwadi, wayituma ku‐Solomone, wati: Ngokuba uyehova ebatandile abantu bake, umisile wena ukumkani pezu kwabo.
12
Wati kanjalo u‐Hurame: Makabongwe uyehova, utixo wo‐Sirayeli, owenzayo izulu nomhlaba, onikileyo ku‐Davide ukumkani unyana olumkileyo, ekwazi ukutelekelela nokuqonda, ongayakayo indlu ibe ye kayehova, nendlu ibe yeyobukumkani bake!
13
Ngako kaloku, nditumile indoda elumkileyo, ikwazi ukuqonda, kwa u‐Hurame, ubawo wam,
14
unyana womfazi ezintombini zakwa‐Dane, oyise uyindoda yase‐Tire, owaziyo ukusebenza ngegolide, nangesilivere, ngexina, ngesincete, ngamatye, nangemiti, ngesimnyama, ngezuluṙa, nangeqiya eshiceneyo, nangesibomvu, nokuqingqa iziqingqwa zonke, nokuqinga onke amasetyenzwa obuncibi aya kunikwa kuye, abe ndawonye namalumko ako, namalumko enkosi yam u‐Davide uyihlo wako.
15
Ngako kaloku, inqolowa, neṙalasi, n eoli, neveyine, inkosi yam itetile ngazo, maizitume kwizicaka zake;
16
nati siya kugaula imiti e‐Lebanone, njengako konke ukuswela kwako, siyizise kuwe ngemitantatu pezu kwolwandle e‐Jopa; uze wena uyinyusele e‐Yerusaleme.
17
Wabala u‐Solomone onke amadoda asemzini abeko elizweni lakwa‐Sirayeli, ngokubala abewabalile ngako u‐Davide uyise wake; aza afunyanwa engamawaka alikulu linamashumi mahlanu, namawaka matatu anamakulu matandatu ngapandle.
18
Waza wenza kuwo amawaka angamashumi asixe̔nxe abe ngabatwali, namawaka angamashumi asibozo abe ngababazi ezintabeni, namawaka matatu anamakulu matandatu abe ngabongama ukusebenzisa abantu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36