bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 34
2 Chronicles 34
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 35 →
1
EBEYIMINYAKA yasibozo u‐Josiya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi matatu anamnye e‐Yerusaleme.
2
Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, wahamba ezindleleni zika‐Davide uyise, engapambukelanga nangasekunene nangasekohlo.
3
Ngokuba ngowesibozo umnyaka wokupata kwake ubukumkani, nxa abesengumfana, waqala ukufuna utixo ka‐Davide uyise; nangomnyaka weshumi linesibini, waqala ukucokisa i‐Juda ne‐Yerusaleme kuzo indawo ezipakamileyo, ne‐Ashera, nemifanekiso eqingqiweyo, naleyo ityityishiweyo.
4
Baye becita izibingelo zo‐Bali ebusweni bake; nezifanekiselo zelanga ezibe zipezulu pezu kwazo, wazigaula; ne‐Ashera, nemifanekiso eqingqiweyo, naleyo ityityishiweyo, wayiqekeza, wenza utuli ngayo, walutshiza pezu kwamancw̔aba abo abebebingelele kuyo.
5
Namatambo abaperisite wawatshisa pezu kwezibingelo zabo; wacokisa i‐Juda ne‐Yerusaleme.
6
Nakuzo izixeko zakwa‐Manase, nezakwa‐Frayime, nezakwa‐Simone, kwada kwakuzo ezakwa‐Nefatali, emanxuweni abo azingqongayo,
7
wazicita izibingelo ne‐Ashera, wayikanda imifanekiso eqingqiweyo yada yaba lutuli, wagaula izifanekiselo zelanga kulo lonke ilizwe lakwa‐Sirayeli: waza wabuya waya e‐Yerusaleme.
8
Kekaloku ngoweshumi linesibozo umnyaka wokupata kwake ubukumkani, akuba ebesel’ ecokisile ilizwe, nendlu, watuma u‐Shafane unyana ka‐Atsaliya, no‐Mahaseya inkosi yesixeko, no‐Jowahi unyana ka‐Yowahazi, umkumbuzi, ukuya kulungisa indlu kayehova, utixo wake.
9
Bati bakuza ku‐Hilikiya umperisite omkulu, bayinika imali ebizisiwe endlwini katixo, leyo aba‐Levi abagcinayo umnyango bayibuta esandleni so‐Manase no‐Frayime, nakuso sonke isisalela so‐Sirayeli, nakubo bonke o‐Juda no‐Benjamine; bandula babuyela e‐Yerusaleme:
10
bayinika ke esandleni sabo bawenza umsebenzi, sabo bonganyisiweyo pezu kwendlu kayehova; bati bona bayinika kubo abawenza umsebenzi, abasebenzayo endlwini kayehova, ukulungisa nokuqinisa indlu leyo;
11
bayinika kwincibi zemiti nakubaki, kuze kutengwe amatye aqandulweyo, nemiti yokubandakanyisa, neyokupahla izindlu ezibe zicitiwe ngokumkani bo‐Juda.
12
Aza amadoda lawo enza ngenyaniso kulomsebenzi: nabo ababe bonganyisiwe pezu kwawo, ngu‐Yahati, no‐Hobadiya, aba‐Levi kubo onyana baka‐Merari; no‐Zekariya, no‐Meshulame, kubo onyana bama‐Kohati; ukuba bongame: naba‐Levi aba, bonke bebenokuqonda ngezinto zokuculisa.
13
Babepezu kwabatwali bemitwalo kanjalo, bengabongama pezu kwabo bonke abawenza umsebenzi ngenkonzo ngenkonzo: nakubo aba‐Levi bebeko ababa̔li, namagosa, nabalindimnyango.
14
Kwati kwakukutshwa imali ebizisiwe endlwini kayehova, wayifumana u‐Hilikiya umperisite incwadi yomteto kayehova obunikiwe ngesandla sika‐Mosesi.
15
Waza wateta u‐Hilikiya wati ku‐Shafane umba̔li: Incwadi yomteto ndiyifumene endlwini kayehova. Wandula u‐Hilikiya wanika incwadi leyo ku‐Shafane.
16
Wasuka u‐Shafane weza nencwadi leyo kukumkani, wamzisela ukumkani kanjako impendulo, esiti: Konke obekunikelwa ezandleni zezicaka zako, ziyakwenza.
17
Sezikupile imali ebifunyanwa endlwini kayehova, zayinika esandleni sabongama, nasesandleni sabo bawenza umsebenzi.
18
Waye kanjalo u‐Shafane umba̔li wayeshumayela kukumkani, esiti: Ndinikiwe incwadi ngu‐Hilikiya umperisite. Waza u‐Shafane walesesha kuyoebusweni bokumkani.
19
Kwaye kute, xeshekweni ukumkani wevayo amazwi omteto, waṙazula izivato zake.
20
Wandula ukumkani wayalela u‐Hilikiya, no‐Ahikame unyana ka‐Shafane, no‐Habedoni unyana ka‐Mika, no‐Shafane umba̔li, no‐Hasaya isicaka sokumkani, ngokuti:
21
Hambani, niye nibuze kuyehova ngenxa yam, nangenxa yabaseleyo kwa‐Sirayeli nakwa‐Juda, pezu kwamazwi alencwadi ifunyenweyo: ngokuba umkulu umsindo kayehova otululweyo pezu kwetu, ngokokuba obawo betu bengaligcinanga ilizwi likayehova, ukwenza ngako konke okuba̔liweyo kulencwadi.
22
Wayehamba u‐Hilikiya, nabokumkani, ukuya ku‐Hulida umprofitekazi, umfazi ka‐Shalume, unyana ka‐Tokate, unyana ka‐Hasera, umgcini wezivato; (waye yena ehlala e‐Yerusaleme, kwesesibini isahlulo sayo;) baza bateta kuye ngokunjalo.
23
Wayesiti kubo: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Yitini kulondoda initumileyo ukuza kum:
24
Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwalendawo, napezu kwabemi bayo, zonke iziqalekiso eziba̔liweyo encwadini abayileseshileyo ebusweni bake ukumkani wo‐Juda:
25
ngenxa yokuba bendishiyile, nokuba bequmisile kotixo bambi, ukuze bandiqumbise ngayo yonke imisebenzi yezandla zabo; ngako umsindo wam wotululwa pezu kwalendawo, ungacinywa ke.
26
Kodwa kukumkani wo‐Juda, onitumileyo ukuza kubuza kuyehova, niya kutsho kuye ngokuti: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Amazwi uwavileyo, —
27
ngokokuba intliziyo yako ibitambile, nokuba wazigoba pambi kwotixo, ekuveni kwako amazwi ake ngakuyo lendawo, nangakubo abemi bayo, wazigoba pambi kwam, waṙazula nezivato zako, walila nokulila ebusweni bam; kanjalo nam ndi ku vile wena, utsho uyehova.
28
Bona ke, ndiya kukubutela koyihlo bako, wauya kubutelwa encw̔abeni lako ngoxolo; namehlo ako wona akayi kubona lonke ilishwa endiya kulizisa pezu kwalendawo, napezu kwabemi bayo. Baza bamzisela ukumkani impendulo.
29
Wandula watuma ukumkani, wahlanganisa bonke abadala bo‐Juda ne‐Yerusaleme.
30
Wayenyuka ukumkani waya endlwini kayehova, nawo onke aadoda akwa‐Juda, nabemi base‐Yerusaleme, nabaperisite, naba‐Levi, nabo bonke abantu, kwa nabakulu nabancinane; waza walesesha ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yocebano, ebifunyenwe endlwini kayehova.
31
Wema ukumkani endaweni yokuma yake, wenza ucebano pambi kwoyehova, lwokuba kulandelwe uyehova, nokuba kugcinwe imiyalelo yake, nezinqi̔nelo zake, nezimiselo zake, ngayo yonke intliziyo yake, nangawo wonke umpefumlo wake, kufezwe amazwi ocebano aba̔liweyo kulencwadi.
32
Wenza bonke abebeko e‐Yerusaleme nakwa‐Benjamine beme kulo nabo. Kwa njalo abemi base‐Yerusaleme benza ngalo ucebano lukatixo, utixo woyise babo.
33
Waza wasusa u‐Josiya zonke izinto ezibuntshontsho kuwo onke amazwe abengawosapo luka‐Sirayeli, wabakonzisa bonke abebeko kwa‐Sirayeli, ukuba bakonze uyehova, utixo wabo: yonke imihla yake bebengapambuki ekulandeleni uyehova, utixo woyise babo.
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 35 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36