bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Chronicles 30
2 Chronicles 30
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 31 →
1
WANDULA watuma u‐Hezekiya kubo bonke o‐Sirayeli no‐Juda, waba̔la incwadi ko‐Frayime no‐Manase kanjalo, ukuba beze endlwini kayehova e‐Yerusaleme, ukubamba ipasika kuyehova, utixo wo Sirayeli.
2
Ngokuba ukumkani ebecebisene nenkosi zake nayo yonke intlanganiso e‐Yerusaleme, ukuba kubanjwe ipasika ngenyanga yesibini.
3
Ngokuba bebekohlwa kuyibamba ngexesha elo, ngenxa yokuba abaperisite bebengazingcwalisanga ngenani elaneleyo, nokuba abantu bebengazihlanganiselanga e‐Yerusaleme.
4
Yabifanelekile lendawo emehlweni okumkani, nasemehlweni ayo yonke intlanganiso.
5
Baza bamisa umteto wokuba kudluliswe ilizwi kuyo yonke i‐Sirayeli, kwa se‐Beresheba kwada kwase‐Dane, lokokuba makuziwe ukubamba ipasika kuyehova, utixo wo‐Sirayeli, e‐Yerusaleme: ngokuba bekukade bebengawubambanga njengokuba̔liweyo.
6
Zaza izigidimi zemka nencwadi zivela kukumkani nenkosi zake, ukuya kuyo yonke i‐Sirayeli ne‐Juda, nokuti, ngomyalelo wokumkani: Lusapo luka‐Sirayeli! buyelani kuyehova, utixo ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Sirayeli, waeya kubuyela kwabasindileyo esandleni sokumkani be‐Asiriya, abaseleyo pakati kwenu.
7
Nize ningabi njengoyihlo benu, nanjengabo abazalwana benu, abenza ngobumenemene ngakuye uyehova, utixo woyise babo; owabanikela ekucitakaleni, njengokuba nibona nina.
8
Kaloku ningenzi lukuni intamo zenu, njengoyihlo benu; nikani isandla kuyehova, ningene kweyingcwele indawo yake, leyo uyingcwalisile kude kube ngunapakade, nimkonze uyehova, utixo wenu, buze bubuye kuni ubushushu bengqumbo yake.
9
Ngokuba, xeshekweni nibuyela kuyehova, abazalwana benu nabantwana benu baya kufumana ububele ebusweni babo babatimbileyo, bade babuye beze kwelilizwe: ngokuba uyehova, utixo wenu, enofefe, enobubele, ongayi kunqanda ubuso kuni, nakubuyela kuye.
10
Zaza zadlula izigidimi, kwisixeko ngesixeko, ezweni lakwa‐Frayime nelakwa‐Manase, kwada kwa sezweni la kwa‐Zebulone; koko bazihlekayo, bazigculela.
11
Babeko noko abatile bakwa‐Ashere, nabakwa‐Manase, nabakwa‐Zebulone, abazigobayo, beza e‐Yerusaleme.
12
Kanjalo kwa‐Juda bekuko isandla sikatixo ukubanika intliziyo nye, yokuba bawenze umyalelo wokumkani nenkosi, ngalo ilizwi likayehova.
13
Kwaza kwahlanganisana e‐Yerusaleme abantu abaninzi, ukuze babambe umtendeleko wezonka ezingenagwele, ngenyanga yesibini, intlanganiso enkulu kunene.
14
Baye besuka basusa izibingelo ezise‐Yerusaleme; nazo zonke izibingelo zesiqumiso bazisusa, baziposa emlanjaneni we‐Kidrone.
15
Bandula baxe̔la ipasika ngoweshumi linesine umhla wenyanga yesibini: baye abaperisite naba‐Levi bebedanile, bazingewalisa, bangenisa amadini okutshiswa endlwini kayehova.
16
Baza bema endaweni yokuma yabo, njengesiko labo, njengomteto ka‐Mosesi indoda katixo: bati abaperisite basasaza igazi, belamkela esandleni saba‐Levi.
17
Ngokuba bebebaninzi entlanganisweni abangazingcwalisanga: ngako aba‐Levi babepezu kwokuxe̔lwa kwazo ipasika, ngenxa yabo bonke abebengacocekile, ukwenza ngcwele kuyehova.
18
Ngokuba isininzi sabantu, kwa abaninzi bevela kwa‐Frayime, nakwa‐Manase, na kwa‐Yisakare, nakwa‐Zebulone, bebengazicokisile, koko batyayo ipasika ngokungenjengokuba̔liweyo. Kodwa u‐Hezekiya wabatandazela, esiti: Wanga uyehova, lowo ulungileyo, angaxolela
19
bonke ababekisayo intliziyo zabo ukufuna utixo onguyehova, utixo woyise babo, nakuba kungenjengokucokisa kweyingcwele indawo.
20
Waye uyehova epulapula ku‐Hezekiya, wapilisa abantu.
21
Kwa njalo usapo luka‐Sirayeli, obeluko e‐Yerusaleme, lwabamba umtendeleko wezonka ezingenagwele imihla yasixe̔nxe ngomgcobo omkulu: bati aba‐Levi nabaperisite badumisa uyehova imihla ngemihla, ngeziculiso zendumiso kuyehova.
22
Waza u‐Hezekiya wateta entliziyweni yabo bonke aba‐Levi, ababenokuqonda ingqondo elungileyo yo kukayehova: baye besitya okwomtendeleko imihla yasixe̔nxe, bebinga imibingo yoxolo, besenza imibulelo kuyehova, utixo woyise babo.
23
Yandula yonke intlanganiso yacebisana ukubamba esinye isixe̔nxe semihla: babamba ke isixe̔nxe semihla ngomgcobo.
24
Ngokuba u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda war̔olela intlanganiso inkunzana eziliwaka, negusha ezingamawaka asixe̔nxe; nenkosi zar̔olela intlanganiso inkunzana eziliwaka, negusha ezingamawaka alishumi: kanjako abaperisite bebezingcwalisile ngento eninzi.
25
Yaza yavuya yonke intlanganiso yo‐Juda, nabaperisite, naba‐Levi, nayo yonke intlanganiso eyabivela kwa‐Sirayeli, nabasemzini abebevele elizweni lakwa‐Sirayeli, abebehlala kwa‐Juda.
26
Kwaye kuko uvuyo olukulu e‐Yerusaleme: ngokuba kuselokwemihla ka‐Solomone, unyana ka‐Davide, ukumkani wo‐Sirayeli, bekungekokunjalo e‐Yerusaleme.
27
Bandula besuka abaperisite abangaba‐Levi, batamsanqelisa abantu: kwaye kuviwa ilizwi labo, wati umtandazo wabo wangena ekayeni lake eliyingcwele, ezulwini.
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 31 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36