bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Isaiah 14
Isaiah 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 15 →
1
Ngokuba uyehova eya kuba nenceba pezu kwo‐Yakobi, abuye aqashe o‐Sirayeli, abahlalise kowabo umhlaba; nabasemzini baya kuzibandakanyela kubo, baya kunamatela kwindlu ka‐Yakobi.
2
Baye abantu beya kubatabata, babazise endaweni yabo: yoti indlu ka‐Sirayeli ibafuye emhlabeni kayehova njengezicaka nanjengezicakakazi; baya kutimba abo babetinjiwe ngabo, bapate pezu kwababandezeli babo.
3
Kwakuya kuti emhleni uyehova aya kukunika ukupumla ebuhlungwini bako, nasesitukutezini sako, nasenkonzweni elukuni ubukonziswa ngayo;
4
uya kwandula ukuteta lengoma ngaye ukumkani we‐Babilone, uti: Hai ukupela kwombandezeli! ukupela kwombangikazi wegolide!
5
Uyehova wapule intonga yabakohlakeleyo, uswazi lwabapati.
6
Owabeta abantu ngomsindo ngokubeta okungenakupela, owapata izizwe ngengqumbo, usukelwe, kungeko otintelayo.
7
Wonke umhlaba uyapumla, wonwabile; bayagqabukela ekuculeni.
8
Ewe, imiti yeberoshe iyakuvuyela, n esedare zase‐Lebanone, zisiti: Kuseloko uleleyo, akuko mgauli onyukeleyo ngakuti.
9
Ihadesi yasezantsi iyazanyazanyiswa ngenxa yako, ukuya ku ku kaulela ekungeneni kwako; iyakuvusela abafileyo, bonke abakokeli bomhlaba; iyabenza basuke eziteroneni zabo bonke okumkani bezizwe.
10
Aba bonke baya kuteta, bati kuwe: Ude waba butataka njengati nawe na? ude wafana nati na?
11
Ubungangamsha bako buhliselwe ehadesi, n entlokoma yeziculiso zako; ngapantsi kwako kwandlelwe izibungu, nesigubungelo sako zimpetu.
12
Hai ukuwa kwako ezulwini, kwezindini, nyana wokusa! hai ukugaulelwa kwako emhlabeni, wena owawisa pantsi izizwe!
13
Owabusiti entliziyweni yako: Ndonyukela ezulwini; pezulu pezu kwenkwenkwezi zikatixo ndiya kupakamisa iterone yam; ndohlala entabeni yentlanganiso, emacaleni asenode;
14
ndiya kunyuka pezu kwobude bamafu; ndozifanisa nopezu konke.
15
Kodwa uyahliselwa ehadesi, emacaleni esihogo.
16
Abo bakubonayo bokukangela, bakugqale, bati: Nguye ke na lowamntu owazamazamisa umhlaba, owangcangcazelisa izikumkani,
17
owawenza umhlaba omiwayo njengentlango, nezixeko zawo wazicita, nababanjwa bake akabavulelanga indlela yokugoduka?
18
Bonke okumkani bezizwe, bona bonke balele ebungcwaliseni, abanye ngabanye emadlakeni abo;
19
kanti wena ulahliwe ngapandle kwencw̔aba lako, njengesebe elitiyekileyo; ugujungelwe ngababuleweyo, abahlatyiweyo ngesiṙele, abahlela ematyeni esihogo; njengesidumbu esinyatelweyo.
20
Akuyi kubandakanywa nabo ekuncw̔atyweni; ngokuba ilizwe lako ulitshabalalisile, n abantu bako ubabulele: inzalo yabenzi bokungalungileyo abasayi kudunyiswa napakade.
21
Lungiselani abantwana bake ukubulawa, ngenxa yenkohlakalo yoyise babo, ukuze bangesuki, bangalifuyi ilizwe, bangasalisi ubuso bomhlaba omiwayo ngezixeko kanjako.
22
Ngokuba ndiya kusukela ngakubo, utsho uyehova wemikosi; ndandiya kunqamlela i‐Babilone igama nesisalela, kwa nonyana nesalamane, utsho uyehova.
23
Ndandiya kuyenza ibe yimfuyo yencanda, namacibi amanzi; ewe, ndoyitshayela ngomtshayelo wokutshabalalisa, utsho uyehova wemikosi.
24
UFUNGILE uyehova wemikosi, ngokuti: Ngenyaniso njengoko ndicingileyo, kwoba njalo, nanjengoko ndicebileyo, kwoma njalo!
25
ukuba ndiya kwapula um‐Asiriya elizweni lam, nokuba ndiya kumnyatela pezu kwentaba zam; yandule iyokwe yake imke kubo, nomtwalo wake ususwe egxalabeni labo.
26
Eli licebo elicetyiweyo ngawo wonke umhlaba; nesi sisandla esoluliweyo pezu kwazo zonke izizwe.
27
Ngokuba nguyehova wemikosi ocebileyo, ngubanina ongatshabalalisayo? sisandla sake esoluliweyo, ngubanina ongasinqandayo?
28
NGOMNYAKA wokufa kwokumkani u‐Ahazi, kwabako lomgwebo wokuti:
29
Ungavuyi, wena Filistiya yonke! ukuba intonga ekubetileyo yapukile: ngokuba engcanjeni yenyoka kuya kupuma ibasiliske, nesiqa̔mo sayo soba yinyoka ebumliloṙa epapazelayo.
30
Andule amazibulo amahlwempu adle, nabasweleyo balale pantsi ngokunqaba; kodwa ingcambo yako ndoyibubisa ngendlala, nesisalela sako siya kubulawa.
31
Lila, lisango! kala, sixeko! unyibilikile, wena Filistiya yonke! ngokuba kuvela enode umsi, kungeko oyedwa emihlambini yake.
32
Kuze kupendulwe nto nina kwizigidimi zesizwe? Kukuba uyehova umisile i‐Ziyone, nokuba ababandezelwa babantu bake bopepela kuyo.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66