bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Isaiah 40
Isaiah 40
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 41 →
1
TUTUZELANI, tutuzelani abantu bam, utsho utixo wenu.
2
Tetani kamnandi kwi‐Yerusaleme, nishumayele kuyo, ukuba ukulwa kwayo kuzalisekile, ukuba inkohlakalo yayo ihlaulelwe; ukuba yamkele esandleni sikayehova ngokupindiweyo ngenxa yazo zonke izono zayo.
3
Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela kayehova; yenzelani utixo wetu umendo olungeleleneyo elubala.
4
Zonke izihlambo ziya kupakanyiswa, nazo zonke intaba nenduli ziya kutotyelwa pantsi; okuligoso kwotiwa ntse, nendawo ezibugongxo zoba butafa:
5
kwakuya kutyilwa ubungcwalisa bukayehova; luti uluntu lwonke lububone kwa kunye: ngokuba umlomo kayehova utshilo.
6
Ilizwi lati: Danduluka! Wayesiti: Ndiya kudanduluka nto nina? Lwonke uluntu luyinca, nabo bonke ubuhle balo bunjengembali yasendle;
7
inca iyoma, imbali iyabuna, ngokuba umoya kayehova uvutela pezu kwayo; ngenyaniso abantu bayinca.
8
Inca iyoma, imbali iyabuna; kanti ilizwi lotixo wetu liya kuma kude kube ngunapakade.
9
Nyukela entabeni ende, wena ushumayeza i‐Ziyone indaba ezilungileyo! pakamisa ngamandla ilizwi lako, wena ushumayeza i‐Yerusaleme indaba ezilungileyo! lipakamise, ungoyiki; yiti kwizixeko zakwa‐Juda: Nanku utixo wenu!
10
Bona ke, inkosi e nguyehova iya kuza inamandla, nengalo yayo yoyipatela ubukosi; bona ke, umvuzo wayo unayo, nenzuzo yayo isebusweni bayo.
11
Iya kwalusa umhlambi wayo njengomalusi; imvana iya kuzibuta ezingalweni zayo, izitwale esifubeni sayo; igushakazi ezanyisayo yozitundeza.
12
NGUBANINA olinganisileyo amanzi esigingqini sesandla sake; owenzele amazulu umlinganiso ngesoluko seminwe; obambileyo utuli lwomhlaba esilinganisweni; ozifakileyo intaba ezintweni zokulungelelanisa, nenduli ezintweni zokulinganisa?
13
Ngubanina owalatisileyo umoya kayehova; ote umhlaumbi, engumcebisi wake, wamazisa?
14
Ucebisene nobanina, ukuba amqondise, amfundise endleleni yobugwebo; umhlaumbi amfundise ukwazi, amazise indlela yokuqonda?
15
Bona ke, izizwe zinjengetontsi lasempandeni; zibalwa ngokuba njengotulana lwento yokulinganisa: bona ke, iziqiti uyazifunqula njengentwana encinanana.
16
I‐Lebanone ayanele ukwenza umlilo, nezilo zayo azanele idini lokutshiswa.
17
Zonke izizwe zinjengokungento pambi kwake; ziyabalwa nguye ngokuba zincinane kokungento nokungendawo.
18
Niya kufanisa utixo nobanina ke? kanjako yiyipina imfano eniya kuyilinganisa naye?
19
Uti umsebenzi awutyityishe umfanekiso, nencibi iwaleke ngegolide: nemixokolelwane yesilivere incibi iyayenza.
20
Olihlwempu kangaka ukuba akanamnikelo, uyanyula umti ongenakubola: uyazifunela umsebenzi olumkileyo, ukuze kumiswe umfanekiso ongayi kushukunyiswa.
21
Anazanga na? anivanga na? anixelelwanga na kwa sekuqaleni? aniqondanga na kwa sekusekweni kwomhlaba?
22
Nguye ohleliyo pezu kwesazinge somhlaba, obemi bawo banjengemicikwane; nguye owolulayo amazulu njengeqiya eshiceneyo, awatwabulule njengentente yokuhlala;
23
ozenza inkosana zibe yinto engeluto; abagwebi bomhlaba uyabenza njengokungendawo.
24
Cebetshu batyaliwe; cebetshu bahlwayelwe; cebetshu isipunzi sabo sendele emhlabeni; kwandule ukuti, ukuba uka avutele pezu kwabo, babune, luti uqwitela lumke nabo njengomququ.
25
Niya kundifanisa nobanina ke, endiya kufana naye? utsho oyingcwele.
26
Pakamisani ngapezulu amehlo enu, nibone, ngubanina ozidalileyo ezizinto; ovelisayo umkosi wazo ngenani; zonke ke uyazibiza ngegama; ngobuninzi bamandla ake, nobomelelo bake obukulu; akuko nanye engeko.
27
Kunganina ukuba utsho, Yakobi! nokuba utete, Sirayeli! ukuti: Indlela yam ifihlelwe uyehova; n okuti: Ugwetyelwa lwam lugqitile kutixo wam.
28
Akwazanga na? akuvanga na? utixo ongunapakade nguyehova, umdali wamancam omhlaba; akacubuki yena, akadinwa nokudinwa; ukuqonda kwake akunakupengululwa.
29
Ocubukileyo uyamnika amandla; nababutataka uyabandisela ubomelelo.
30
Abafana bocubuka badinwe, namadodana agqibele ukuwa;
31
kanti abo bakangela kuyehova bohlaziya amandla; baya kunyuka ngamapiko njengenkozi; bobaleka, bangadinwa; bohamba, bangacubuki.
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 41 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66