bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Isaiah 34
Isaiah 34
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 35 →
1
SONDELANI, nina zizwe! nize nive; nina zintlanga! pulapulani: mauve umhlaba, nokuzala kwawo; ilizwe, nako konke ukuvelisa kwalo.
2
Ngokuba umsindo kayehova upezu kwazo zonke izizwe, nobuṙalaṙume bake pezu kwayo yonke imikosi yazo: uzilahlele ekutshatyalalisweni; uzinikele ekubulaweni.
3
Abahlatyiweyo bazo baya kulahlwa, nezidumbu zabo kuya kunyuka ukunuka kwazo; ziti intaba zinyibilike ngegazi labo.
4
Wonke umkosi wezulu wonyibilikiswa, namazulu aya kusongwa njengencwadi; ewe, wonke umkosi wawo wovutuluka, njengokuvutuluka kwegqabi emtini weveyine, nanjengokwelishwabeneyo emkiwaneni.
5
Ngokuba isiṙele sam siya kunxiliswa emazulwini; bona ke, pezu kwe‐Edome siya kuhla, napezu kwabantu bokulahlela kwam ekutshatyalalisweni, kuze kugwetywe.
6
Isiṙele sikayehova sizele ligazi; lityetyisiwe ngenqata; ngegazi lemvana nelebokwe, ngenqata lezintso zenkunzi zegusha: ngokuba uyehova enombingo e‐Botsera, noxe̔lo olukulu ezweni le‐Edome.
7
Kwakuya kuhla inyati kunye nazo, nenkabi kunye nenkunzi; ilizwe lazo lonyelwa ngegazi, notuli lwazo luya kutyetyiswa ngenqata.
8
Ngokuba ngumhla wempindezelo kayehova, umnyaka wokubuyekeza, ekupikeni kwe‐Ziyone.
9
Imilanjana yayo yoguqulwa ibe litywina, notuli lwayo lube yisufure; ewe, ilizwe layo loba litywina elivutayo.
10
Aliyi kucinywa nasebusuku nasemini; umsi walo uya kunyuka kude kube ngunapakade; kwisizukulwana ngesizukulwana loba bugxwayiba; kude kube ngunapakade kanapakade akuko mntu oya kucanda kulo.
11
Incwangube nencanda zolifuya; isikova nonomyai baya kuma kulo; ngokuba eya kwolula pezu kwalo intambo yocitakalo, namatye obuzé.
12
Imiduna yalo, akuko namnye kona abangawubizayo ebukumkanini; inkosana zalo aziseko nanye.
13
Ameva aya kupuma ezingxandeni zalo, amaṙau namakakakaka ezinqatyeni zalo; loba likaya lencu̔ka, n endawo yokuhlala yenciniba.
14
Amaṙamncwa asentlango aya kuhlangana nempungutye; imbuzi elixonti yobiza kumlingane wayo; isihuluhulu naso siya kuhlala kona ngokwonwaba, sizifumanele indawo yokupumla.
15
Kona apo inyoka ejubayo iya kuyenza indlu yayo, izale amaqanda, iwaqandulele, ifukamele ngesitunzi sayo; nakona apo amaxalangakazi ohlanganisana, elinye ngelinye linomlingane walo.
16
Funani encwadini kayehova, nileseshe: ayiyi kuba ingeko nanye kwezi; ayiyi kuswela umlingane wayo nanye imazi: ngokuba umlomo wam wona uyalele, nomoya wake yena uzihlanganisile.
17
Kanjalo yena uzenzele iqashiso, nesandla sake sizabele lona ngentambo; zolifuya kude kube ngunapakade; kwisizukulwana ngesizukulwana ziya kuhlala kulo.
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 35 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66