bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Isaiah 5
Isaiah 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 6 →
1
SENDIYA kuvuma ke kumtandwa wam iculo lesitandwa sam ngesitiya sake: Umtandwa wam wabenesitiya enkalweni etyebileyo.
2
Wasingongxa wagabula amatye aso, wasityala ngemiti yeveyine edumileyo; waka inqaba pakati kwaso, wembela isincinezelo seveyine kuso kanjalo: waza wakangela ukuba sivelise idreyive, koko savelisa idreyive ezimbi.
3
Nakaloku, bemi base‐Yerusaleme namadoda akwa‐Juda! zenigwebe pakati kwam nesitiya sam.
4
Ngekuba kusenziwa nto nina ngakumbi esitiyeni sam, endingayenzanga kuso? Yinina ke lento, ndakukangela ukuba sivelise idreyive, savelisa idreyive ezimbi?
5
Ngako kaloku, sendiya kunazisa oko ndiya kukwenza esitiyeni sam: ndiya kususa utango lwaso, soba lidlelo ke; ndiya kucita udonga lwaso, soba yindawo yokubuqwa ke.
6
Ndandiya kusenza intshabalalo; asiyi kunqunyulelwa, asiyi kuhlakulwa kanjako; kodwa imbobo nemitolo ziya kuhluma kuso; ndandiya kuyalela amafu ukuba anganisi imvula pezu kwaso.
7
Ngokuba isitiya sikayehova wemikosi siyindlu ka‐Sirayeli, namadoda akwa‐Juda esisityalwa soyolo lwake: wakangela ubugwebo, kanti nanku ukupalala kwegazi! wakangela ubulungisa, kanti nanku ukukala!
8
Kwoba nzima kubo abahlanganisa indlu nendlu, a babandakanyisa intsimi nentsimi, kude kungabiko indawo, nize nihlaliswe nedwa nina pakati kwelizwe!
9
Ezindlebeni zam uyehova wemikosi utyilile ukuti: Ngenyaniso izindlu ezininzi zoba zé, ezo zinkulu nezintle zoba zingenabemi.
10
Ngokuba ishumi lendima zesitiya ziya kuvelisa ibate inye, nehomere yembewu iya kuvelisa iyefa.
11
Kwoba nzima kubo abavuka kusasa, bakaulezele uselo olunamandla; abalibala nxa kuse kuhlwile, ide iveyine ibatshise!
12
Kuko uhadi nenebele, intambula nomlozi, neveyine, ezidlweni zabo; kanti ukwenza kukayehova abakugqali, nomsebenzi wezandla zake abawuboni.
13
Ngako oko abantu bam bayatinjwa, bengenakwazi nje; imiduna yabo inokulamba, nesihlwele sabo sitshile linxanwa.
14
Ngako oko ihadesi iyandisa inkanuko yayo, nomlomo wayo iyawakamisa ngento engenakulinganiswa; kwandule ukuhla amanene abo, nesihlwele sabo, nembutumbutu yabo, nalowo ugcobayo pakati kwabo.
15
Umntu omnyama wototyiswa, nendoda enkulu yototyelwa pantsi; namehlo abaqanqalazayo ototyelwa pantsi ke.
16
Kodwa uyehova wemikosi uya kupakanyiswa ngobugwebo, notixo oyingcwele uya kungcwaliswa ngobulungisa.
17
Imvana ziya kudla apo ziqu̔tyelwa kona, nendawo ezicitakeleyo zabatyebileyo imihlambi yasemzini yozigqiba.
18
Kwoba nzima kubo abar̔olayo inkohlakalo ngentambo zokungendawo, nesono njengokungati kungomqokozo wenqwelo!
19
Abati: Makanxame ke, makakaulezise umsebenzi wake, ukuze siwubone; malisondele icebo loyingcwele ka‐Sirayeli, lize nokuza, ukuba silazi!
20
Kwoba nzima kubo abati ngokukohlakeleyo kulungile, nangokulungileyo kukohlakele; ababeka ubumnyama endaweni yokukanya, nokukanya endaweni yobumnyama; ababeka ubuṙaṙa endaweni yobumnandi, nobumnandi endaweni yobuṙaṙa!
21
Kwoba nzima kubo abalumkileyo kwawabo amehlo, nabanokuqonda kokwabo ukubona!
22
Kwoba nzima kubo abanobuṙoti ukuba basele iveyine, nabangamadoda okwomelela ukuba bapitikeze uselo olunamandla:
23
abagwebela onetyala ngenxa yebaso, nokulunga kwabalungileyo bakuhlute kubo!
24
Ngako oko, njengokuba ilangatye lomlilo lisidla indiza, nesikota esitshayo sisiwa pantsi; kwa njalo ingcambo yabo yoba njengembozo, nentyatyambo yabo yonyuka njengotuli: ngokuba belahlile umteto kayehova wemikosi, nelizwi loyingcwele ka‐Sirayeli belidelile.
25
Ngenxa yoku iyavuta ingqumbo kayehova ngakubo abantu bake, nesandla sake usolulele pezu kwabo, wababeta; zada zangcangcazela intaba, nezidumbu zabo zaba njengenkunkuma pakati kwezitarate. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
26
Ngokuba eya kupakamisela izizwe ezikude ibanile, azilozele zivele ekupeleni kwomhlaba; bona ke, ziya kuza ngokunxama na ngokukauleza.
27
Akuyi kubako odiniweyo, akuyi kubako noku̔bekayo pakati kwabo; abayi kwozela, abayi kulala butongo; umbinqo wezinqe zabo awuyi kutukululwa, neṙwintsela lezihlangu zabo aliyi kuqaulwa:
28
abantolo zibukali, nazo zonke izipeta zabo zityediwe; impupu zamahashe abo zobalwa ngokuba njengelitye elilukuni, nengqengqeleko zabo ngokuba njengesaqwiti.
29
Ukukonya kwabo kwoba njengokwengonyamakazi; baya kukonya njengengonyama ezintsha; ewe, bovungama, babambe into yokuqwengwa; bobaleka nayo inqabile, kungeko oyihlangulayo.
30
Babeya kugquma ngakubo ngomhla lowo njengokugquma kwolwandle; kude kuti kwakukangelwa ngasemhlabeni, nabo ubumnyama obunzima, nokukanya kwenziwe mnyama ngamafu awo.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66