bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Isaiah 3
Isaiah 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 4 →
1
Ngokuba bona ke, inkosi, uyehova wemikosi, iya kususa e‐Yerusaleme nakwa‐Juda isixaso nomsimelelo; sonke isixaso sesonka, naso sonke isixaso samanzi:
2
iṙoti nendoda yokulwa; umgwebi nomprofite; kwa umlauli nomdala;
3
inkosi yamashumi mahlanu nomntu obekekileyo; kwa umcebisi, nolumkileyo ngobuncibi, neciko lokunyanga.
4
Ndandiya kunika abafana babe zinkosi zabo, nabantwana baya kupata pezu kwabo.
5
Abantu baya kubandezelana, kwa abanye ngabanye ummelwane wabo; umfana uya kwenza nger̔atshi ngakomdala, nodelekileyo ngakulowo ubekwayo.
6
Nxa omnye umntu aya kubamba omnye osendlwini kayise, ati: Unengubo; pata wena pezu kwetu; nokukwonakala makube ngapantsi kwesandla sako:
7
uya kupakamisa ilizwi, kwa ngalomini, esiti: Andiyi kuba ngumpilisi; ngokuba endlwini yam kungeko isonka, kungeko nangubo; musa ukundimisela umpati wabantu.
8
Ngokuba i‐Yerusaleme iku̔bekile, no‐Juda bawile; ngokokuba ulwimi lwabo nezenzo zabo zingakuye uyehova, ukucapukisa amehlo obungcwalisa bake.
9
Ukubonakala kwobuso babo buyanqi̔na ngakubo; nesono sabo bayasixela njenge‐Sodome; abasisitelisi. Kwoba nzima kubo! ngokuba bezenzele ingozi.
10
Yitshoni kolungileyo ukuti: Kwoba mnandi; ngokuba isixakato sezenzo zabo beya kusidla.
11
Kwoba nzima kokohlakeleyo! kwoba kubi; ngokuba umvuzo wezandla zake uya kwenziwa kuye.
12
Abantu bam, abantwana bangababandezeli babo, nabafazi bayabapata ngobukosi. Bantu bam! abakapi benu bayanilahlekisa, nendlela yabahambi benu bayayitshabalalisa.
13
Uyehova uzimisile ukupika, umi ukugweba abantu.
14
Uyehova uya kungena ekugwebeni ngakubo abadala babantu bake nenkosana zabo; ngokuba nina nidlile isitiya semiti yeveyine; ukupangwa kwehlwempu kusezindlwini zenu.
15
Niti nina ukuba nibatyumza abantu bam, nokuba nibusila ubuso bamahlwempu? itsho inkosi, uyehova wemikosi.
16
Uti kanjalo uyehova: Ngenxa yokuba intombi zase‐Ziyone ziqanqalaza, zihamba ngentamo ezolulweyo nangamehlo angxeleshayo, zimana zipatsa ekuhambeni, zikenceza ngenyawo zazo;
17
kukona inkosi iya kubeta ukakai lwentombi zase‐Ziyone ngobunqai, nobuhloni bazo iya kubuhluba.
18
Ngomhla lowo inkosi iya kususa izihombo zezacolo zamaqata, nezihlita ezipotiweyo, nezambalo eziyinyangaṙa,
19
amajikazi, newatsha, nezigqubutelo,
20
iminqwazi, netyatanga zokunyatelisa, namagqesha, namahlala okujoja, nezinyango,
21
imisesane yeminwe, nemisesane yempumlo,
22
izambato ezicikiziweyo, nezivato zapezulu, nengubo zokutiwa tyu, nezidla,
23
izikangeliselo, nehempe zeqiya eshiceneyo, nenkontsho, nezilengalenga.
24
Kwakuya kuti, endaweni yevumba elimnandi kwobako intshontsho; nasendaweni yombinqo kwobako inyilingo; nasendaweni yempote kwobako ubunqai; nasendaweni yengubo yokunameka kwobako isibinqo sentlakantlaka; kwobako isitshiswa endaweni yobunzwakazi.
25
Amadoda ako aya kuwa ngesiṙele, namagoṙa ako ekulweni.
26
Amasango ayo aya kugula alile, iti yona ihlale zé emhlabeni.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66