bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Isaiah 29
Isaiah 29
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 30 →
1
KWOBA nzima kwi‐Ariyeli, kwi‐Ariyeli, kwisixeko u‐Davide ubehleli kuso! Yongezani umnyaka pezu kwomnyaka; imitendeleko mayizunguleze.
2
Noko ndoyixinezela i‐Ariyeli, kwakuya kubako ukulila nosizi; yoba yi‐Ariyeli kum okunene.
3
Ndokuṙaula ngento engqongayo; ndokuvingcela ngelali, ndizimise inqaba ngakuwe.
4
Uya kutotyelwa pantsi, uya kuteta usemhlabeni, kwoba kutobekile ukuteta kwako kuselutulini; ewe, ilizwi lako loba njengelowenzelana nomshologu livela emhlabeni, nokuteta kwako kwosebeza kuvela elutulini.
5
Kodwa isihlwele sentshaba zako soba njengotuli olucolekileyo, nesihlwele sezidlwengu njengomququ opepukayo; kwoza kubako ngebaqo, kamsinyane.
6
Uya kubetwa nguyehova wemikosi, ngodudumo, nangesingcangcazelo somhlaba, nentlokoma enkulu; ngesaqwiti noqwitela, nelangatye lomlilo odlayo.
7
Njengepupa, njeng omboniso wasebusuku, soba njalo isihlwele sazo zonke izizwe ezilweyo ngakuyo i‐Ariyeli; kwa zonke ezilwayo ngakuyo nangakuzo indawo zayo ezinqatyisiweyo, nabo bayixinezelayo.
8
Kwoba njengokuya onokulamba apupayo, kekaloku nanku esidla; kodwa akuvuka, umxe̔lo wake uzé: umhlaumbi njengokuya onxaniweyo apupayo, kekaloku nanku esela; kodwa akuvuka, nanku ecubukile, nomxe̔lo wake usakanuka. Soba njalo isihlwele sazo zonke izizwe ezilwayo ngasentabeni ye‐Ziyone.
9
Zilazilani, niti nqa; ziyoliseni, nimfamekiswe: banxilile, koko kungengayo iveyine; bayagexa, koko kungengabo utyalwa.
10
Ngokuba uyehova etulule pezu kwenu umoya wokwozela, wati vingci amehlo enu, abaprofite; nabazintloko zenu, ababoni, ubagubungele.
11
Umboniso wonke uba njengamazwi encwadi encanyatiselweyo kuni, eka inikwe kowaziyo ukuba̔la, kusitwa: Uze uleseshe oku; kanti uti: Ndikohliwe; ngokuba incanyatiselwe.
12
Umhlaumbi incwadi iyanikwa kulowo ongakwaziyo ukuba̔la, kusitwa: Uze uleseshe oku; kanti uti: Andikwazi ukuba̔la.
13
Ngako iti inkosi: Ngenxa yokuba ababantu bayasondela ngomlomo wabo, bandidumise ngenteto yabo, kanti intliziyo yabo bayikwelelisile kude kum, nokundoyika kwabo kufundisiwe ngomyalelo wabantu:
14
ngoko, bona ke, ndopinda ukwenza ngokungummangaliso pakati kwababantu, ngokumangalisa nangokuti nqa; ngokuba ubulumko bamalumko abo buya kububa, nengqondo yezazi zabo iya kufihleka.
15
Kwoba nzima kubo abangongxayo ukufihla iqinga labo kuyehova, abazenzo zisebumnyameni, abatshoyo ukuti: Ngubanina osibonayo? nokuti: Ngubanina osaziyo?
16
Hai ubugwenxa benu! Kanene umbumbi uya kubalwa njengodongwe na? into eyenziweyo iya kutsho na ngomenzi wayo ukuti: Akandenzanga? nento edaliweyo iya kutsho na ngomdali wayo ukuti: Akanakuqonda?
17
Asi lilo ixeshana elisencinane na, ide i‐Lebanone iguqulwe ibe yintsimi ecu̔mileyo, iti intsimi ecu̔mileyo ibalwe ngokuba lihlati?
18
Ngalomhla izitulu ziya kuva amazwi encwadi, ati amehlo emfama, ekululwe ekusiteni nasebumnyameni, abone.
19
Abalulamileyo baya kwandisa uvuyo kuyehova; namahlwempu pakati kwabantu aya kugcoba koyingcwele ka‐Sirayeli.
20
Ngokuba isidlwengu sipelile; umgxeki ugqityiwe; nabo bonke abalindi benkohlakalo banqanyulwe:
21
abanika umntu ityala ngelizwi, batiyela lowo owohlwayayo esangweni, bamshenxisa olungileyo kungeko nto.
22
Ngoko, utsho uyehova kwindlu ka‐Yakobi, lowo owamkululayo u‐Abrahame, ukuti: u‐Yakobi kaloku akayi kudana, nobuso bake kaloku abuyi kuba mhlope.
23
Koko akubona abantwana bake, umsebenzi wezandla zam, pakati kwabo, bolenza ngcwele igama lam; baya kumenza ngcwele oyingcwele ka‐Yakobi, notixo ka‐Sirayeli baya kumoyika.
24
Abo balahlekileyo ngomoya baya kukwazi ukuqonda, nabo beyayo baya kufunda imfundo.
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 30 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66