bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Isaiah 51
Isaiah 51
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 50
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 52 →
1
PULAPULANI kum, nina baputumayo ubulungisa, nina bafunayo uyehova! kangelani elulwalweni apo nibazelwe kona, nasesigingqini somnxuma apo nimbelwe kona.
2
Kangelani ku‐Abrahame uyihlo wenu, naku‐Sara onizeleyo: ngokuba bendimbiza engoyedwa, ndaza ndamtamsanqela, ndamandisa.
3
Ngokuba uyehova eya kuba nenceba pezu kwe‐Ziyone; woba nenceba pezu kwazo zonke indawo zayo ezicitakeleyo; waeya kwenza intlango yayo njengayo i‐Hedeni, nobala lwayo njengomyezo kayehova; umgcobo novuyo luya kufunyanwa kuyo, umbulelo nelizwi lokucula.
4
Bekelani kum, bantu bam! ndinikeleni indlebe, sizwe sam! ngokuba umteto uya kupuma kum, nommiselo wam ndowumisa ube sisikanyiso ebantwini.
5
Ubulungisa bam bukufupi; usindiso lwam lupumile; ingalo zam ziya kugweba abantu; iziqiti zokangela kum, zitembe engalweni yam.
6
Pakamisani amehlo enu ngasezulwini, nibeke nasemhlabeni ngapantsi; ngokuba izulu liya kuti shwaka njengomsi, nomhlaba uya kuguga njengengubo, nabemi bawo baya kufa njengokunjalo: kodwa usindiso lwam lwobako kude kube ngunapakade, nobulungisa bam abusayi kutshatyalaliswa.
7
Pulapulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, abantu umteto wam usezintliziyweni zabo! ningoyiki ukugxeka kwabantu, kanjalo ningetuswa zizituko zabo.
8
Ngokuba inundu liya kubadla njengengubo, nempetu iya kubadla njengoboya: kodwa ubulungisa bam bobako kude kube ngunapakade, nosindiso lwam kwizizukulwana ngezizukulwana.
9
Vuka, vuka, yambata amandla, ngalo kayehova! vuka, njengasemihleni yamatanci, njenga sezizukulwaneni zakudala. Akukwa yiyo na eyisikileyo i‐Rahabi, eyenzela ingwenya inxeba?
10
Akukwa yiyo na eyomisayo ulwandle, amanzi ayo inzulu enkulu; eyenzayo amazantsi olwandle abe yindlela yokuwela kwabakululweyo?
11
Kwa njalo abahlaulelweyo bakayehova baya kubuya, beze e‐Ziyone ngokucula; uvuyo olungunapakade lwoba pezu kwentloko zabo; baya kuzuza umgcobo novuyo; kwobaleka usizi nokugula.
12
Mna, mna ndinguye onitutuzelayo: ungubanina wena, ukuba umoyike umntu, oya kufa, nonyana womntu, oya kwenzelwa ngejeng enca;
13
ukuba ulibale uyehova umenzi wako, owawolulayo amazulu, wabeka ukuseka kwomhlaba; ukuba ube nokunkwantya futi imihla yonke, ngenxa yobuṙalaṙume bomncinezeli, njengokungati usel’ elungile ukutshabalalisa? Bupina pofu ubuṙalaṙume bomncinezeli?
14
Kamsinyane umbanjwa otobayo uya kuvulelwa; akayi kufa esihogweni; akayi kuswela isonka sake kanjako.
15
Ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wako, ozolisayo ulwandle, nxa amaza alo agqumayo: nguyehova wemikosi igama lake.
16
Ndandibekile amazwi am emlonyeni wako, nangesitunzi sesandla sam ndikugubungele; ukumisa amazulu, nokubeka ukuseka kwomhlaba, nokuti kwi‐Ziyone: Ungabantu bam.
17
Zivuse, zivuse, pakama, Yerusaleme! wena uselileyo esandleni sikayehova kwindebe yobuṙalaṙume bake; intlenga zendebe yesizunguzane uziselile, uzifunxile.
18
Ayinamnye oyikapayo kubo bonke onyana ibazeleyo; akuko namnye oyibamba ngesandla kubo bonke onyana ibakulisileyo.
19
Ezi zinto zombini zikuhlele; ngubanina oya kukuku̔za? ucitakalo notshabalalo, indlala nesiṙele: ndiya kukututuzela ngo banina?
20
Onyana bako bawile; balele encameni yezitarate zonke, njengembabala elutanjeni; bazele bubuṙalaṙume bukayehova, kukutetisa kwotixo wako.
21
Ngoko, yiva ke oku, wena ubandezelweyo! wena unxilileyo, koko kungengayo iveyine!
22
Itsho inkosi yako, uyehova, utixo wako, umteteleli wabantu bake, ukuti: Bona ke, ndiyisusile esandleni sako indebe yesizunguzane, intlenga zendebe yobuṙalaṙume bam; akusayi kupinda ukusela kuyo.
23
Kodwa ndoyibeka esandleni sabancinezeli bako, abate kuwe: Toba pantsi, ukuba sidlule pezu kwako; waza wawubeka umhlana wako ube njengomhlaba, nanjengesitarate kwabadlulayo.
← Chapter 50
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 52 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66