bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Isaiah 9
Isaiah 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 10 →
1
Kodwa akuyi kumana kusibekelelwa, apo isitukutezi besi fudula sikona: njengokuba ebete ngexesha lapambili wangenisa ilizwe lakwa‐Zebulone nelizwe lakwa‐Nefatali ekudelweni, woti ke kamva awenze abe nokubekwa — awendlela yaselwandle, pesheya kwe‐Yoredane, i‐Galili yabaheyideni.
2
Abantu ababehamba ebumnyameni, babonile ukukanya okukulu; abo babehleli ezweni letunzi lokufa, ukukanya kukazimlile pezu kwabo.
3
Usandisile isizwe, esi vuyo ubungalwenzanga lukulu: bayavuya ebusweni bako njengokuba kuvuywa ngexesha lokuvuna; njengokuba begcoba abantu ekwabeni kwabo amaxoba.
4
Ngokuba iyokwe yomtwalo wabo, nentonga yegxalaba labo, uswazi lwombandezeli wabo, uzapule, njengasemini yama‐Midiyane.
5
Ngokuba zonke izihlangu zabaxo̔bileyo ngazo ekulweni, nengubo eziqengqiweyo egazini, ziya kutshiswa; zoba kukutya kwawo umlilo.
6
Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikiwe unyana; ubukosi boba pezu kwegxalaba lake, negama lake lobizwa ngokuba ngummangaliso, umcebisi, utixo ongusomandla, uyise wonapakade, inkosi yoxolo.
7
Ukwanda kwobukosi bake nokwoxolo lwabo akuyi kuba nakupela, pezu kweterone ka‐Davide, napezu kwobukumkani bake; ukuba buqiniswe, nokuba busekelwe, ngobugwebo nangobulungisa, kwa kaloku nje nakude kube ngunapakade. Ubukwele bukayehova wemikosi bokwenza oku.
8
INKOSI iku̔pile ilizwi ngako‐Yakobi, lehla ngako‐Sirayeli;
9
babeya kulazi bonke abantu abo, kwa o‐Frayime nabemi base‐Samariya, abati nger̔atshi nangobukulu bentliziyo:
10
Izitene ziwile, kanti siya kwaka ngamatye aqandulweyo; imikiwane igauliwe, kanti sohlaziya ngesedare.
11
Ngokuba uyehova eya kuvusa ababandezeli baka‐Retsine ngakubo, nentshaba zabo wozitelekisa;
12
ama‐Siriya ngecala lapambili, nama‐Filistiya ngelasemva; babeya kubadla o‐Sirayeli ngomlomo owakamileyo. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
13
Ngokuba ababantu bengabuyelanga kulowo owababetayo, noyehova wemikosi abamfunanga.
14
Ngako uyehova wonqumla ko‐Sirayeli intloko nomsila, isebe nomkanzi, emhleni mnye.
15
Omdala nobekwayo, nguye oyintloko; nomprofite ofundisa ubuxoki, nguye ongumsila.
16
Ngokuba abakapi bababantu bebalahlekisa; nabo bakatshwayo ngabo bati tshabalala.
17
Ngako oko inkosi ayiyi kuvuya pezu kwamadodana abo, nenkedama zabo nabahlolokazi babo ayiyi kuba nanceba ngakubo; ngokuba bonke ngabanye bengabaginwa nabenzi bokungalungileyo, nayo yonke imilomo iteta ubugeza. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
18
Ngokuba inkohlakalo itshisa njengomlilo; imbobo nemitolo yozigqiba; iya kuvutisa indada zehlati, eziya kuqengqekela pezulu ekunyukeni kwomsi.
19
Ngokuṙala kukayehova wemikosi ilizwe liyatshiswa, nabantu boba njengokutya kwomlilo; omnye akayi kuba nazibele ngakwomnye.
20
Baya kusika ngasekunene, balambe noko; baya kutya ngasekohlo, bangahluti noko; abanye ngabanye baya kuyidla inyama yengalo zabo.
21
O‐Manase bodla o‐Frayime, no‐Frayime o‐Manase; bona kunye bomelana no‐Juda. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66