bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Isaiah 30
Isaiah 30
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 31 →
1
KWOBA nzima elusatsheni olunenkani, utsho uyehova, olwenzayo icebo, kodwa akuveli kum, olutulula iminikelo yokusela, kodwa akuveli kumoya wam; ukuze lwongeze isono pezu kwesono:
2
oluhambayo ukuya kuhlela e‐Jipete, lungabuzanga emlonyeni wam; ukuba lusabele emandleni ka‐Faro, nokuba lupepele esitunzini se‐Jipete.
3
Ngako amandla ka‐Faro oba kukudana kwenu, nokupepela esitunzini se‐Jipete kwoba kukumata kwenu.
4
Ngokuba inkosana zabo zibe zise‐Tsohane, nezitunywa zabo zifikele e‐Hanese.
5
Bonke badanile pezu kwabantu abangebancedeyo; abangengabokusiza nabokunceda, koko bengabokudanisa nabokuhlazisa.
6
Umtwalo wezilo zasesuyide: ezweni lobunzima noxinezeko, ekuvela kulo ingonyamakazi nengonyama enamandla, inyushu nenyoka ebumliloṙa epapazelayo, bayatwala ubutyebi babo pezu kwemihlana yamaqwaṙashana, nendyebo zabo pezu kwamalunda enkamela, ukuya ebantwini abangayi kubanceda.
7
Ngokuba i‐Jipete uncedo lwayo lwoba yinto ebunkungu nokungendawo; kukona ndibizile yona ngokuti: yi‐Rahabi ehlala ingenzi nto.
8
Yiza kaloku, uba̔le oku ecwecweni pambi kwabo, ukuqingqe nasencwadini, kuze kubeko ngemihla yasemva, ngonapakade kude kube ngunapakade:
9
Okokuba bona bangabantu abanenkani, usapo oluxokayo, usapo olungavumi ukupulapula umteto kayehova;
10
abati kubaboni: Ningaboni; nakubaprofite: Ningasibonisi izinto ezilungileyo; siteteleni izinto ezibutelezi; siboniseni izinto ezikohlisayo:
11
pambukani endleleni, tyekani emzileni; yenzani oyingcwele ka‐Sirayeli ayeke ukabako ebusweni betu.
12
Ngako oko utsho oyingcwele ka‐Sirayeli ukuti: Ngenxa yokuba nilahlile elilizwi, natembela ekubandezeleni nakokugwenxa, naza nayama pezu kwako:
13
ngoko lenkohlakalo yoba kuni njengotanda luza kuwa, lupuma ngapandle eludongeni olude, olukuqekezwa kuzayo kamsinyane, ngebaqo.
14
Waeya kuluqekeza njengokuqekezwa kwompanda wababumbi otyumkileyo; akayi kuba nalusizi; kuze kungafunyanwa, ekutyumkeni kwawo, necepe lokutabata umlilo eziko, nokwongula amanzi ecibini.
15
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova, oyingcwele ka‐Sirayeli, ukuti: Ngokuguquka nangokupumla niya kusindiswa; ngokwonwaba nangetemba kwobako amandla enu; kodwa beningavumi.
16
Koko benisitsho ukuti: Hai! sesiya kubaleka pezu kwamahashe; ngako oko niya kubaleka; nokuti: Sokwela pezu kwanamendu; ngako oko abo banisukelayo boba namendu.
17
Iwaka linye ngokutetisa kwomnye, ngokutetisa kwabahlanu niya kubaleka; nide nisale njengesibonda pezu kwengcopo yentaba, nanjengebanile pezu kwenduli.
18
Kwa ngoko uyehova uya kulinda, ukuba anipate ngofefe, nangoko uya kupakama, ukuba abe nenceba ngakuni; ngokuba uyehova e ngutixo wobugwebo: banetamsanqa ke bonke abamlindayo yena.
19
Ngokuba abantu base‐Ziyone beya kuhlala e‐Yerusaleme; akusayi kumana ulila; woba nofefe kuwe ngokwenene ngelizwi lesikalo sako; woti akuliva, akupendule.
20
Nakuba inkosi ininika isonka sobunzima namanzi embandezelo, abafundisi bako abasayi kuzimela noko, kodwa amehlo ako obabona abafundisi bako;
21
nendlebe zako ziya kuliva ilizwi emva kwako, lisiti: Nantsi indlela, hambani kuyo; nxa nijika ngasekunene, nanxa nijika ngasekohlo.
22
Naniya kubala ukuba sinco̔lile isalekwa semifanekiso yenu yesilivere eqingqiweyo, nesigubungelo semifanekiso yenu yegolide etyityishiweyo; uya kuzilahla njengeqiya enco̔lileyo; uya kuti kuso: Yiti be!
23
Uya kwandula anike imvula yembewu yako, oya kuhlwayela umhlaba ngayo; nesonka semveliso yomhlaba, esiya kuba sesicu̔mileyo nesityebileyo: ngalomhla inkomo zako zodla emadlelweni abanzi.
24
Inkabi nazo, namaqwaṙashana, ezilimayo umhlaba, zotya ukutya okunetyuwa, okweliweyo ngomnyazi nangento yokwela.
25
Kwakuya kubako pezu kwazo zonke intaba ezinde, napezu kwazo zonke induli ezipakamileyo, imilanjana n emisinga yamanzi, ngomhla wokubulala okukulu, ekuweni kwazo inqaba.
26
Kwandule ukukanya kwenyanga kube njengokukanya kwelanga, nokukanya kwelanga kube ngokusixe̔nxe, njengokukanya kwemini ezisixe̔nxe, emhleni uyehova abopayo isapuko sabantu bake, nenkeba lokubetwa kwabo alipolise.
27
Bona ke, igama likayehova livela kwa kude, isitsha ingqumbo yake, kunzima ukuqu̔ma kwayo: umlomo wake uzele ngumsindo, nolwimi lwake lunjengomlilo odlayo.
28
Umoya wake unjengomsinga okukulayo, ofikela kwa sentanyeni; ukuze azihluze izizwe ngentluzo yokungendawo; nomkala wokulahlekisa woba semihlatini yabantu.
29
Noba neculo njengasebusuku bokwenziwa kwomtendeleko oyingcwele, novuyo lwentliziyo njengolwohambayo ngomlozi, ukuya entabeni kayehova, kwilityekazi lo‐Sirayeli.
30
Kanjalo uyehova uya kuvakalisa ilizwi lake elibungcwalisa, nokuhla kwengalo yake wokubonakalisa, ngokuṙala kwengqumbo, na nge langatye lomlilo odlayo, ng omvumbi, nezipango, nezico̔to.
31
Ngokuba ngelizwi likayehova um‐Asiriya eya kwapulwa; uya kumbeta ngomnqai.
32
Zonke izidlulo zentonga emisiweyo, aya kuyibeka uyehova pezu kwake, zoba nentambula nehadi: nangokulwa okubupitipiti uya kulwa ngakubo.
33
Ngokuba i‐Tofete ilungiselelwe kwa kudala; ewe, yona ilungiselwe ukumkani; yenziwe enzulu ebanzi; igoqo layo lingumlilo nento eninzi yenkuni; ukupefumla kukayehova, njengomsinga wesufure, kwolipemba.
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 31 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66