bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Isaiah 37
Isaiah 37
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 36
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 38 →
1
Kwaye kute, akuva u‐Hezekiya, wandula waṙazula ingubo zake, wazigubungela ngentlakantlaka, wangena endlwini kayehova.
2
Waza watuma u‐Eliyakime, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, nabadala bakubaperisite, begujungelwe ngentlakantlaka, ukuya ku‐Yisaya, unyana ka‐Amotse, umprofite.
3
Baye besiti kuye: Utsho u‐Hezekiya ukuti: Namhla ngumhla wobunzima, nesohlwayo, nogxeko; ngokuba abantwana beze endaweni yokutyoboza, kanti akuko amandla ukuzala.
4
Kungaba uyehova, utixo wako, uya kuva amazwi ka‐Rabeshake, otunyiweyo ngukumkani we‐Asiriya, inkosi yake, ukuza kutuka utixo opilileyo, awohlwayele amazwi awavileyo uyehova, utixo wako; ngako pakamisa umtandazo ngenxa yesisalela esikoyo.
5
Kwa njalo izicaka zokumkani u‐Hezekiya zeza ku‐Yisaya.
6
Waza u‐Yisaya wati kuzo: Niya kutsho enkosini yenu ngokuti: Utsho uyehova ukuti: Ungoyiki ngenxa yamazwi uwavileyo, lawo abafana bokumkani we‐Asiriya bandigxekile ngawo.
7
Bona ke, ndiya kubeka umoya kuye, waeya kuva iṙeto, abuyele elizweni lake; ndandiya kumenza awe ngesiṙele elizweni lake.
8
Wada wabuya u‐Rabeshake, wamfumana ukumkani we‐Asiriya esilwa ngakuyo i‐Libena: ngokuba ebevile ukuba undulukile e‐Lakishe.
9
Wayesiva ngaye u‐Tiraka ukumkani we‐Tiyopiya, kusitwa: Upumile ukuza kulwa nawe. Wati akuva, watuma izigidimi ukuya ku‐Hezekiya, esiti:
10
Niya kutsho ku‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, nisiti: Maungakohliswa ngutixo wako, lowo utemba kuye, esiti: i‐Yerusaleme ayiyi kunikelwa esandleni sokumkani we‐Asiriya.
11
Bona ke, ukuvile oko bakwenzileyo okumkani be‐Asiriya kuwo onke amazwe, ngokuwalahlela ekutshatyalalisweni; kekaloku wena uya kusindiswa ke na?
12
Otixo bentlanga, ezo bazitshabalalisile obawo, kebazisindisa na; i‐Gozane, ne‐Karane, ne‐Retsefe, nosapo lwase‐Hedeni, oluse‐Telasare?
13
Upina ke ukumkani we‐Hamati, nokumkani we‐Arapadi, nokumkani wesixeko se‐Sefarevayime, n e‐Hena, ne‐Hiva?
14
Waye u‐Hezekiya eyamkela incwadi leyo esandleni sezigidimi, wayilesesha, wenyuka waya endlwini kayehova; waza u‐Hezekiya wayaneka ebusweni bukayehova.
15
Watandaza u‐Hezekiya kuyehova, esiti:
16
Yehova wemikosi, Tixo wo‐Sirayeli, ohleli pakati kwazo ikerubime! unguwe wedwa o ngutixo wabo bonke ubukumkani bomhlaba; wenzile wena izulu nomhlaba.
17
Tobela, Yehova! indlebe yako, uve; vula, Yehova! amehlo ako, ubone; uze uweve onke amazwi ka‐Senakeribe, otumileyo ukutuka utixo opilileyo.
18
Ngenyaniso, Yehova! okumkani be‐Asiriya bacitakalisile zonke izizwe namazwe azo;
19
notixo bazo babalahlele emlilweni: ngokuba bengengabo otixo bona, koko bengumsebenzi wezandla zabantu, imiti namatye; ngako babatshabalalisile.
20
Ngako kaloku, Yehova, Tixo wetu! sisindise esandleni sake, ukuze bonke ubukumkani bomhlaba bazi ukuba wena u nguyehova, wena wedwa.
21
Waza u‐Yisaya unyana ka‐Amotse watuma ku‐Hezekiya, esiti: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Okokuba utandazile kum ngaye u‐Senakeribe, ukumkani we‐Asiriya, —
22
lilo eli ilizwi alitetileyo uyehova pezu kwake: Intombi ipela, intombi yase‐Ziyone, iyakudela, iyakuhleka; intombi yase‐Yerusaleme iyahlunguzela intloko ngakuwe.
23
Ngubanina omtukileyo, nomgxekileyo? kungakubanina ulipakamisile ilizwi, namehlo ako uwanyusile ngapezulu? ngakuye oyingcwele ka‐Sirayeli.
24
Ngazo izicaka zako uyitukile inkosi, wati: Ngobuninzi benqwelo zam ndiqolile indawo ezipezulu zentaba, amatambeka e‐Lebanone; sendiya kugaula isedare zayo ezinde, nemiberoshe yayo edlulisileyo; ndofikela eyokupela indawo yayo yapezulu, ihlati layo elicu̔mileyo.
25
Ndimbele ndasela amanzi ke; nangomzantsi wenyawo zam ndiyomisile yonke imilambo yase‐Jipete.
26
Akuvanga na, ukuba kudala ndikwenzile oku, ukuba emihleni yamatanci ndakuqinga? kaloku ndikuzisile kubako, ukuba kucitakaliswe izixeko ezinqatyisiweyo zibe zimfumba ezitshabaleleyo.
27
Ngako abemi bazo bebenamandla amancinane; babete qege, badana nokudana; babe njeng enca yasendle, na njeng otyani obuluhlaza, njeng esikota pezu kwezindlu, na njeng embabala kungekadutyulwa.
28
Kodwa ukuhlala kwako, nokupuma kwako, nokungena kwako, ndiyakwazi, kwa nokujala kwako ngakum.
29
Ngenxa yokuba ukujala kwako ngakum, nokur̔atsha kwako, kunyukele ezindlebeni zam, ndiya kufaka igwegwe lam empumlweni yako, nomkala wam emlonyeni wako, ndize ndikubuyise ngalondlela ubusiza ngayo.
30
Kanjalo oku kwoba ngumqondiso kuwe: Kuya kutyiwa lomnyaka okuhlumayo ngokwako; nangomnyaka wesibini okupumayo ngokunjalo; nangomnyaka wesitatu hlwayelani, nivune nokuvuna, tyalani nemiyezo, nesiqa̔mo sayo nisidle.
31
Boti abasindileyo bendlu ka‐Juda, abo baseleyo, babuye bendelise ingcambo ngapantsi, bahlanze isiqa̔mo ngapezulu.
32
Ngokuba kuya kupuma e‐Yerusaleme isisalela, nasentabeni ye‐Ziyone abo basindileyo: ubukwele bukayehova wemikosi bokwenza oku.
33
Ngako oko, utsho uyehova ngaye ukumkani we‐Asiriya ukuti: Akayi kungena kwesisixeko, akayi kulutolela kona utolo kanjako; akayi kuza pambi kwaso nekaka, akayi kuyiposela indulana ngakuso kananjalo.
34
Londlela ubesiza ngayo, uya kubuya kwa ngayo, nakuso esisixeko akayi kungena, utsho uyehova.
35
Ngokuba ndiya kukusela isixeko esi, ndisisindise, ngenxa yokwam, nangenxa ka‐Davide isicaka sam.
36
Yaza yapuma ingelosi kayehova, yabulala emnqubeni wama‐Asiriya ikulu linamashumi asibozo enesihlanu lamawaka: kwati kwakuvukwa kusasa ngomnye umhla, nanga onke eyimizimba efileyo.
37
Wandula u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya wanduluka, wahamba, wabuya, waya wahlala e‐Nineve.
38
Kwada kwati, nxa abezitoba endlwini ka‐Niseroki utixo wake, basuka u‐Adrameleki no‐Sharetsere onyana bake bambulala ngesiṙele; bati bona basindela ezweni le‐Ararate: waza u‐Esare‐hadoni unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 36
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 38 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66