bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 1
Ezekiel 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 2 →
1
KWAYE kute ngowamashumi matatu umnyaka, ngeyesine inyanga, ngowesihlanu umhla wenyanga, nxa bendipakati kwabatinjwa ngasemlanjeni we‐Kebare, avuleka amazulu, ndaza ndabona imiboniso katixo.
2
Ngowesihlanu umhla wenyanga, (lowo ubungumnyaka wesihlanu wokutinjwa kwokumkani u‐Yoyakine,)
3
leza ngenyaniso ilizwi likayehova ku‐Hezekile, unyana ka‐Buzi, umperisite, elizweni lama‐Kaledine, ngasemlanjeni we‐Kebare; saye sipezu kwake kona isandla sikayehova.
4
Ndaza ndakangela; kekaloku nalu uquta luvela enode, ilifu elikulu, nomlilo uzibambela, nenkazimlo ilingqonga, napakati kwawo njengobubengebenge bekashemali, pakati kwomlilo.
5
Napakati kwawo kwavela ukufana kwezidalwa ezipilileyo ezine; kuko oku ukubonakala kwazo: zibe zinokufana kwomntu.
6
Kwaye kuko ubuso bune kwezinye ngezinye, namapiko emane kuzo zonke ngezinye.
7
Nenyawo zazo zazizinyawo ezite ntse; nomzantsi wenyawo zazo wona ubunjengawo umzantsi wonyawo lwetole; zaye zibengezela njengobubengebenge bexina egudisiweyo.
8
Zanezandla zomntu ngapantsi kwamapiko azo, ngasemacaleni azo omane; zazibe zinobuso bazo namapiko azo zona zone.
9
Amapiko azo abebandakanyiwe elinye nelinye; bezingajiki ekuhambeni kwazo; zahamba ezinye ngezinye ngokuti ngqo.
10
Nokufana kwobuso bazo, bekuko ubuso bomntu nobuso bengonyama ngecala lokunene kuzo zone; nobuso benkabi ngecala lokohlo kuzo zone; nobuso bokozi kuzo zone.
11
Bebunjalo ubuso bazo, namapiko azo wona abe ahlukene ngapezulu; amabini ezinye ngezinye abebandakanyana, namabini abegubungela imizimba yazo.
12
Zaye zihamba ezinye ngezinye ngokuti ngqo; apo abeza kuya kona umoya, zaya zona; bezingajiki ekuhambeni kwazo.
13
Nokufana kwezidalwa ezipilileyo, ukubonakala kwazo bekunjengamalahle omlilo esitsha, njengokubonakala kwezibane; wona ubuhambahamba pakati kwezidalwa ezipilileyo; waye umlilo ubunenkazimlo, nakuwo umlilo wapuma umbane.
14
Zati izidalwa ezipilileyo zabaleka zabuya njengokubonakala kwemibane.
15
Nxa bendikangela izidalwa ezipilileyo ezo, nantsi ivili inye pezu kwomhlaba ngasecaleni lezidalwa ezipilileyo, inobuso bayo bobune.
16
Ukubonakala kwevili nesetyenzwa lazo, bekunjengobubengebenge belitye letareshishe; kwakuko ukufana kunye kuzo zone; nokubonakala kwazo, nesetyenzwa lazo, bekunjengokungati kuko ivili pakati kwevili.
17
Zaye zihamba ngamacala azo omane ekuhambeni kwazo; bezingajiki zakuhamba.
18
Nezazinge zazo, zibe zide, zibe zinokwoyikeka kanjalo; ezozazinge zazo zibe zizele ngamehlo ngokungqonga kuzo zone.
19
Nasekuhambeni kwezidalwa ezipilileyo, zahamba ivili ezo ngasecaleni lazo; naxeshekweni izidalwa ezipilileyo bezifunqulwa emhlabeni, ivili zafunqulwa nazo.
20
Apo abeza kuya kona umoya, zaya zona, kwa lapo abeza kuya kona umoya; zaye ivili zifunqulwa kunye nazo; ngokuba umoya wezidalwa ezipilileyo ubukuzo ivili.
21
Zakuhamba ezo, zahamba zona; zakuma ezo, zema zona; naxeshekweni ezo bezifunqulwa emhlabeni, ivili zafunqulwa kunye nazo; ngokuba umoya wezidalwa ezipilileyo ubukuzo ivili.
22
Napezu kwentloko zezidalwa ezipilileyo bekuko ukufana kwesibakabaka, njengobubengebenge bekrisitale eyoyikekileyo, solukile pezu kwentloko zazo pezulu.
23
Nangapantsi kwesibakabaka eso amapiko azo ebepakamile, elinye ngakulo elinye: ezinye ngezinye bezinamabini egubungela imizimba yazo ngelicala, nezinye ngezinye bezinamabini eyigubungela ngeliya icala.
24
Ndeva intlokoma yamapiko azo, njengentlokoma yamanzi amaninzi, njengelizwi lonamandla onke, ekuhambeni kwazo; intlokoma yesipitipiti, njengentlokoma yomkosi: ekumeni kwazo, zahlisa pantsi amapiko azo.
25
Kwaye kuvela ilizwi kwa pezulu kwesibakabaka, esibe sipezu kwentloko zazo, nxa zemayo zahlisa pantsi amapiko azo.
26
Napezulu kwesibakabaka, esibe sipezu kwentloko zazo, njengokubonakala kwelitye lesafire, bekuko ukufana kweterone; napezu kwokufana kweterone, bekuko ukufana njengokubonakala kwomntu pezu kwayo ngapezulu.
27
Ndaza ndabona njengobubengebenge bekashemali, njengokubonakala kwomlilo pakati kwako ngokungqonga; kwa kuko ukubonakala kwesinqe sake napezulu, nakuko ukubonakala kwesinqe sake nasezantsi, ndabona njengokungati kukubonakala kwomlilo, obunenkazimlo ngokungqonga.
28
Njengokubonakala kwomnyama oselifini ngomhla wemvula, bekunjalo ukubonakala kwenkazimlo engqongayo. Kuko oku ukubonakala kwako ukufana kwobungcwalisa bukayehova. Ndati ndakubona, ndawa ngobuso bam; ndaza ndeva ilizwi lobeteta.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48