bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 40
Ezekiel 40
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 41 →
1
NGOMNYAKA wamashumi mabini anesihlanu wokufuduswa kwetu, ekuqaleni kwomnyaka, ngoweshumi umhla wenyanga, ngomnyaka weshumi linesine emveni kwokuba isixeko sabetwa, ngokwa nguwo umhla lowo isandla sikayehova sibe sipezu kwam, waza wandizisa kona.
2
Emibonisweni katixo wandizisa elizweni lakwa‐Sirayeli, wandibeka pantsi entabeni ende kakulu, ebekupezu kwayo njengesakiwo sesixeko ngasesuyide.
3
Waza wandizisa kona; kekaloku nantsiya indoda, ekubonakala bekunjengokubonakala kwexina, inentsontelo yefelase esandleni sayo, nengcongolo yokulinganisa, eyema esangweni.
4
Yaza yateta kum indoda leyo, isiti: Nyana woluntu! kangela ngamehlo ako, uve ngendlebe zako, ubeke intliziyo yako kuko konke endiya kukubonisa; ngokuba kungenxa yokuboniswa kwako uzisiwe apa: kuxele konke okubonayo kwindlu ka‐Sirayeli.
5
Kekaloku nalu udonga ngapandle kwendlu ngokungqonga, nasesandleni salondoda ingcongolo yokulinganisa, izikubite zintandatu ngekubite nobubanzi besandla; yaza yalinganisa ububanzi besakiwo, ingcongolo inye, nobupakamo baso, ingcongolo inye.
6
Yandula yeza esangweni elibonana nempumalanga, yenyuka ngezinyukelo zalo, yalinganisa umnyango wesango, ingcongolo inye ububanzi bawo, kwa umnyango umnye, ingcongolo inye ububanzi bawo;
7
nendlwana, ingcongolo inye ubude bayo, nengcongolo inye ububanzi bayo; napakati kwazo indlwana, ikubite zintlanu; nomnyango wesango ngecala lentendelezo yesango ngapakati, incongolo inye.
8
Yalinganisa nentendelezo yesango ngapakati, ingcongolo inye.
9
Yandula yalinganisa intendelezo yesango, ikubite zisibozo; nezibonda zayo, ikubite zimbini; nentendelezo yesango ngapakati.
10
Nendlwana zesango ngasempumalanga, bezintatu ngelinye icala, bezintatu nangelinye icala; bezinomlinganiswa mnye zontatu; kanjalo izibonda bezinomlinganiswa mnye ngelicala nangeliya.
11
Yaza yalinganisa ububanzi bocango lwesango, ikubite zilishumi; ubude besango bebuzikubite zilishumi linesitatu.
12
Kwaye kuko pambi kwazo indlwana umda wekubite inye ngelinye icala, nomda wekubite inye ngelinye icala; ezondlwana ngazinye zibe zizikubite zintandatu ngelicala, nekubite zintandatu ngeliya.
13
Yandula yalinganisa isango kwa kuyo intungo yenye indlwana kwada kwakuyo intungo yenye; ububanzi bebuzikubite ezingamashumi mabini anantlanu, ucango lulunge nocango.
14
Yayizenza izibonda, ikubite ezingamashumi matandatu, kwada kwakuso isibonda sebala elingqonga isango.
15
Nangapambi kwesango lokungena, ngapambi kwentendelezo yesango lapakati, ikubite ezingamashumi mahlanu.
16
Kwaye kuko ifenstile ezivaliweyo kuzo indlwana, nakuzo izibonda zazo pakati kwesango ngokungqonga; nakuzo intendelezo kanjalo; kwako nefenstile ngento engqongayo ngapakati, napezu kwezibonda imiti yepalime.
17
Yaza yandizisa ebaleni langapandle; kekaloku nanzi inkambili, nesandlalwa samatye senzelwe ibala ngento engqongayo; bekuko inkambili ezingamashumi matatu pezu kwesandlalwa eso.
18
Kekaloku isandlalwa samatye besingecala lamasango, silunge nobude bamasango; sisesasezantsi isandlalwa samatye esi.
19
Yandula yalinganisa ububanzi kwa kuwo umpambili wesango lasezantsi, pambi kwebala lapakati ngapandle, ikulu lekubite, ngasempumalanga nangasenode.
20
Nesango lebala lapandle, elibonana nenode, yalinganisa ubude balo nobubanzi balo.
21
Nendlwana zalo, bezintatu ngelinye icala, bezintatu nangelinye icala; izibonda zalo nentendelezo zalo zibe zinjengomlinganiswa wesango lokuqala; zikubite ezingamashumi mahlanu ubude balo, nobubanzi zikubite ezingamashumi mabini anantlanu.
22
Ifenstile zalo, nentendelezo zalo, nemiti yepalime yalo, bezinjengomlinganiswa wesango elibonana nempumalanga; kwenyukelwa kulo ngezinyukelo zisixe̔nxe, intendelezo zalo zipambi kwazo.
23
Isango lelapakati ibala libe lilunge nesango ngasenode, nangasempumalanga; yaza yalinganisa kwa kulo elinye isango kwada kwakulo elinye isango ikulu lekubite.
24
Yandula yandihambisa ngasesuyide; kekaloku nali isango ngasesuyide; yaza yalinganisa izibonda zalo nentendelezo zalo, njengemilinganiswa leyo.
25
Kwaye kuko ifenstile kulo nakuzo intendelezo zalo ngokungqonga, njengefenstile ezo: ubude bebuzikubite ezingamashumi mahlanu, nobubanzi bebuzikubite ezimashumi mabini anantlanu.
26
Ukunyukelwa kwalo bekungezinyukelo zisixe̔nxe, nentendelezo zalo bezipambi kwazo; laye linemiti yepalime, omnye ngelicala nomnye ngeliya icala, pezu kwezibonda zalo.
27
Bekuko nesango kwelapakati ibala ngasesuyide; yaza yalinganisa kwa kulo elinye isango kwada kwakulo elinye isango ikulu lekubite.
28
Yandula yandizisa ebaleni lapakati ngesango lasesuyide; yaza yalinganisa isango lasesuyide, njengemilinganiswa leyo.
29
Indlwana zalo, nezibonda zalo, nentendelezo zalo, zibe zinjengemilinganiswa leyo; kwaye kuko ifenstile kulo nakuzo intendelezo zalo ngokungqonga: ubude bebuzikubite ezingamashumi mahlanu, nobubanzi bebuzikubite ezimashumi mabini anantlanu.
30
Kwaye kuko intendelezo ngento engqongayo; ubude bebuzikubite ezimashumi mabini anantlanu, nobubanzi bebuzikubite zintlanu.
31
Intendelezo zalo bezingakulo ibala langapandle; kanjalo imiti yepalime ibipezu kwezibonda zalo; nokunyukelwa kwalo bekungezinyukelo zisibozo.
32
Yandula yandizisa ebaleni lapakati ngasempumalanga; yaza yalinganisa isango njengemilinganiswa leyo.
33
Indlwana zalo, nezibonda zalo, nentendelezo zalo, zibe zinjengemilinganiswa leyo; kwaye kuko ifenstile kulo nakuzo intendelezo zalo ngokungqonga: ubude bebuzikubite ezingamashumi mahlanu, nobubanzi bebuzikubite ezimashumi mabini anantlanu.
34
Intendelezo zalo bezingakulo ibala langapandle; kanjalo imiti yepalime ibipezu kwezibonda zalo, ngelicala nangeliya; nokunyukelwa kwalo bekungezinyukelo zisibozo.
35
Yandula yandizisa esangweni lasenode, yalinganisa njengemilinganiswa leyo.
36
Indlwana zalo, izibonda zalo, nentendelezo zalo, nefenstile ezikulo ngokungqonga; ubude bebuzikubite ezingamashumi mahlanu, nobubanzi bebuzikubite ezimashumi mabini anantlanu.
37
Izibonda zalo bezingakulo ibala langapandle: kanjalo imiti yepalime ibipezu kwezibonda zalo, ngelicala nangeliya; nokunyukelwa kwalo bekungezinyukelo zisibozo.
38
Kwaye kuko inkambili nengcango zazo ngakuzo izibonda zamasango; kona apo bekuhlanzwa idini lokutshiswa.
39
Nasentendelezweni yesango bekuko itafile zimbini ngelicala, netafile zimbini ngeliya icala, kuze kuxe̔lwe pezu kwazo idini lokutshiswa, nedini lesono, nedini letyala.
40
Nasecaleni langapandle, ekunyukeni ukuya elucangweni lwesango lasenode, bekuko itafile zimbini; nakwelinye icala, ebelisentendelezweni yesango, bekuko itafile zimbini.
41
Bekuko itafile zine ngelicala, netafile zine ngeliya, ngasecaleni lesango; itafile zisibozo ebekuxe̔lwa pezu kwazo.
42
Netafile zone zedini lokutshiswa bezizezamatye aqandulweyo, ubude buyikubite inye nesiqingata sekubite, nobubanzi buyikubite inye nesiqingata sekubite, nobupakamo buyikubite inye: napezu kwazo kwaye kubekwa impahla ebekuxe̔lwa ngazo idini lokutshiswa nombingo.
43
Kanjalo amabaxa, epuma ububanzi besandla, ebeqinisiwe ngapakati ngento engqongayo; napezu kwetafile bekuko inyama yomnikelo.
44
Nangapandle kwesango lapakati bekuko inkambili zabaculi ebaleni lapakati, elibe lingasecaleni lesango lasenode; zabonana nesuyide; kwako enye ngasecaleni lesango lasempumalanga, ibonana nenode.
45
Yaza yateta kum, isiti: Lenkambili, ebonana nesuyide, yeyabaperisite, abagcini besigcinelo sendlu.
46
Nenkambili ebonana nenode yeyabaperisite, abagcini besigcinelo sesibingelo; aba bangonyana baka‐Tsadoki, abati kulo usapo luka‐Levi basondele kuyehova ukuza kumkonza.
47
Yaza yalinganisa ibala; ubude bebuzikubite zilikulu, nobubanzi bebuzikubite zilikulu, linamacala mane; saye isibingelo sipambi kwendlu.
48
Yandula yandizisa entendelezweni yendlu, yalinganisa izibonda zentendelezo, ikubite zintlanu ngelinye icala, nekubite zintlanu ngelinye icala; nobubanzi besango, bebuzikubite zintatu ngelicala, nekubite zintatu ngeliya.
49
Ubude bentendelezo bebuzikubite ezimashumi mabini, nobubanzi bebuzikubite ezilishumi linanye; kwaye kungezinyukelo ekube kunyukelwa kuyo; bekuko nentsika ngasezibondeni, enye ngelicala, nenye ngeliya.
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 41 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48