bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 18
Ezekiel 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 19 →
1
LABUYA ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
2
Niti nina, ukuba nizekelisa pezu kwelizwe lakwa‐Sirayeli ngalomzekeliso wokuti: Oyise bazityile idreyive ezimuncu, nabantwana amazinyo abo atelezisiwe?
3
Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, anisayi kuba nisazekelisa ngalomzekeliso kwa‐Sirayeli!
4
Bona ke, yonke imipefumlo yeyam: njengompefumlo woyise, kwa njalo umpefumlo wonyana ungowam; umpefumlo owonayo wona uya kufa.
5
Ngako umntu nxa alungile, esenza okufanelekileyo nokulungileyo;
6
o ngadlanga pezu kwentaba, namehlo ake akawapakamiselanga kwizitixwana zendlu ka‐Sirayeli, nomfazi wommelwane wake akamnco̔lisanga, nenkazana esesifeni sayo akasondelanga kuyo;
7
ongabandezelanga mntu, isibanjiselwa sake setyala usibuyisile, impango akayipanganga, isonka sake usinikile kolambileyo, nohamba zé umambesile ngengubo;
8
o ngabolekanga ngenxa yenzuzo enkulu, nokwanda okuninzi akakutabatanga, isandla sake usinqandile ebumenemeneni, ubugwebo obuyinyaniso ubenzile pakati kwomnye nomnye;
9
o hambile emimisweni yam, nezigwebo zam uzigcinile, ukwenza ngenene: ulungile yena, uya kubudla ubomi ngenyaniso, itsho inkosi e nguyehova.
10
Ukuba uzele unyana, olinyangaza, opalaza igazi, owenza okufana nenye kwezi zinto,
11
nazo zonke eziya akazenzi, koko adlile pezu kwentaba, nomfazi wommelwane wake umnco̔lisile,
12
ihlwempu nosweleyo ubabandezele, impango uyipangile, isibanjiselwa akasibuyisanga, namehlo ake uwapakamisele kwizitixwana, into ebuntshontsho uyenzile,
13
ubolekile ngenxa yenzuzo enkulu, nokwanda okuninzi uwutabatile; uya kudla ubomi ke na? akayi kudla ubomi: zonke ezizinto ezibuntshontsho uzenzile; uya kufa ngenyaniso; igazi lake loba pezu kwake.
14
Ukuba, bona ke, uzele unyana, ozibonayo zonke izono zoyise, ezo azenzileyo; oti akubona, angenzi njengazo;
15
o ngadlanga pezu kwentaba, namehlo ake akawapakamiselanga kwizitixwana zendlu ka‐Sirayeli, nomfazi wommelwane wake akamnco̔lisanga;
16
ongabandezelanga mntu, isibambiso akasamkelanga, impango akayipanganga, isonka sake usinikile kolambileyo, nohamba zé umambesile ngengubo;
17
o buyisile isandla sake kolihlwempu, inzuzo enkulu nokwanda okuninzi akakutabatanga, izigwebo zam uzenzile, na semimisweni yam uhambile; lowo akayi kufa ngenxa yenkohlakalo yoyise; uya kudla ubomi ngenyaniso.
18
Uyise, ngokokuba wabandezela ngobukali, wapanga umzalwana wake ngobudlwengu, nokungalungileyo wakwenza pakati kwabantu bake, yena, bona ke, uya kufa ngenkohlakalo yake.
19
Noko niti: Yinina? unyana akatwali ityala loyise na? Nxa unyana enzile okufanelekileyo nokulungileyo, yonke imimiso yam uyigcinile, wayenza nokuyenza, uya kudla ubomi ngenyaniso.
20
Umpefumlo owonayo wona uya kufa: unyana akayi kutwala ityala loyise, kanjalo uyise akayi kutwala ityala lonyana; ukulunga kwolungileyo kwoba pezu kwake, nokukohlakala kwokohlakeleyo kwoba pezu kwake.
21
Kodwa okohlakeleyo nxa aguqukayo kuzo zonke izono zake azenzileyo, ayigcine yonke imimiso yam, akwenze okufanelekileyo nokulungileyo, uya kudla ubomi ngenyaniso, akayi kufa.
22
Zonke izigqito zake azenzileyo, aziyi kumkunjulelwa: ngokulunga kwake akwenzileyo uya kudla ubomi.
23
Ndika nditande na ukufa kwokohlakeleyo? itsho inkosi e nguyehova; andi tandi na ukuba aguquke endleleni yake, adle ubomi?
24
Kodwa olungileyo akuguquka ekulungeni kwake, enze ubumenemene, esenza ngazo zonke izinto ezibuntshontsho azenzayo okohlakeleyo, woka adle ubomi na? Konke ukulunga kwake akwenzileyo akuyi kukunjulwa; ngesigqito sake agqitileyo ngaso, nangesono sake onileyo ngaso, kwa ngazo uya kufa.
25
Noko niti: Indlela yenkosi ayilungelelene. Yivani ke, ndlu ka‐Sirayeli! indlela yam asi yiyo elungeleleneyo na? indlela zenu asi zizo ezingalungeleleneyo na?
26
Olungileyo akuguquka ekulungeni kwake, enze ubumenemene, ade afele kona; ngobumenemene bake abenzileyo uya kufa.
27
Nokohlakeleyo akuguquka ekukohlakaleni kwake akwenzileyo, enze okufanelekileyo nokulungileyo, yena uya kulondoloza umpefumlo wake ebomini.
28
Ukuba uya kugqala, aguquke kuzo zonke izigqito zake azenzileyo, uya kudla ubomi ngenyaniso, akayi kufa.
29
Noko, iti indlu ka‐Sirayeli: Indlela yenkosi ayilungelelene. Indlela zam asi zizo ezilungeleleneyo na, ndlu ka‐Sirayeli? indlela zenu asi zizo ezingalungeleleneyo na?
30
Ngako oko ndiya kunigweba, ndlu ka‐Sirayeli! abanye ngabanye njengendlela zabo, itsho inkosi e nguyehova. Guqukani, niziguqule kuzo zonke izigqito zenu, ize inkohlakalo ingabi sisiku̔bekiso kuni.
31
Lahlani kuni zonke izigqito zenu, enigqitileyo ngazo; nize nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha: ngokuba kunganina ukuba niya kufa, ndlu ka‐Sirayeli?
32
Ngokuba ndingakutandi ukufa kwalowo ufayo, itsho inkosi e nguyehova: ngako ziguquleni, nibudle ubomi.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48