bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 12
Ezekiel 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 13 →
1
KANJAKO ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
2
Nyana woluntu! uyahlala pakati kwayo indlu enenkani; abanamehlo okubona, kanti ababoni; abanendlebe zokuva, kanti abeva; ngokuba beyindlu enenkani bona.
3
Ngako wena, nyana woluntu! zenzele impahla zokufuduka, uze ufuduke ngemini pambi kwamehlo abo; wauya kufuduka endaweni yako uye kwenye indawo pambi kwamehlo abo; kungati baya kugqala, nakuba beyindlu enenkani.
4
Wauya kuku̔pa impahla zako njengempahla zokufuduka ngemini pambi kwamehlo abo; nawe uya kupuma ngokuhlwa pambi kwamehlo abo njengokupuma kwabafudukayo.
5
Pambi kwamehlo abo zimbele eludongeni, upume nazo ngalo.
6
Pambi kwamehlo abo zityate egxalabeni, upume nazo kwakuti ṙatya; ubuso bako wobugubungela, ukuba ungaboni umhlaba: ngokuba ndikwenzile umqondiso kuyo indlu ka‐Sirayeli.
7
Ndenje njalo ke, njengokuba bendiyalelwe: impahla zam ndaziku̔pa njengempahla zokufuduka ngemini, nangokuhlwa ndazimbela eludongeni ngesandla sam; nxa kute ṙatya ndapuma nazo; pezu kwegxalaba ndazityata pambi kwamehlo abo.
8
Laye lisiza ilizwi likayehova kum kwakusa, lisiti:
9
Nyana woluntu! indlu ka‐Sirayeli, indlu enenkani, abatshongo na kuwe besiti: Wenza nto nina wena?
10
Yiti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Lomgwebo ungayo inkosi e‐Yerusaleme, nayo yonke indlu ka‐Sirayeli epakati kwabo.
11
Yiti: Ndingumqondiso mna kuni; njengokuba ndenje njalo, kuya kwenziwa njalo kubo; ngokufuduswa na ngokutinjwa baya kumka.
12
Nenkosi epakati kwabo yona iya kutyata egxalabeni nxa kute ṙatya, ipume ke; baya kumba eludongeni, ukuba kupunyiswe ngalo; ubuso bayo yobugubungela, ukuze ingawuboni umhlaba ngamehlo.
13
Notambo lwam ndolwaneka pezu kwayo, ize ibanjiswe emgibeni wam; ndandiya kuyizisa e‐Babilone, elizweni lama‐Kaledine; kodwa yona ayiyi kuyibona, noko iya kufela kona.
14
Nabo bonke abayingqongayo incedwe, nawo onke amabandla ayo, ndobacitela kuyo yonke imimoya; neṙele ndolir̔olela emva kwabo.
15
Babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, nxa ndibati sa pakati kwezizwe, na nxa ndibacita pakati kwamazwe.
16
Koko ndiya kusalisa kubo intwana encinane yabantu eṙeleni, nas endlaleni, nasesifeni esibubisayo; ukuze bashumayele zonke izinto zabo ezibuntshontsho pakati kwabaheyideni apo bafika kona; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
17
Kanjako ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
18
Nyana woluntu! sitye isonka sako ngokututumela, namanzi ako uwasele ngokungcangcazela nangesitukutezi.
19
Uze uti kubo abantu belizwe: Itsho inkosi e nguyehova ngabo abemi base‐Yerusaleme, na ngalo ilizwe lakwa‐Sirayeli, ukuti: Isonka sabo baya kusitya ngesitukutezi, namanzi abo bowasela ngokuti nqa, ukuze ilizwe layo lihlutwe ukuzala kwalo, ngenxa yobudlwengu babo bonke abahleli kulo.
20
Izixeko ezimiwayo ziya kwenzwa amanxuwa, nelizwe loba bugxwayiba; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
21
Labuya leza ilizwi likayehova kum, lisiti:
22
Nyana woluntu! uyinto nina lomzekeliso e ninawo elizweni lakwa‐Sirayeli, usiti: Imihla iyolulwa, nayo yonke imiboniso iti tshabalala?
23
Ngako oko yiti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndiya kupelisa lomzekeliso, bade bangabuyi bazekelise ngawo kwa‐Sirayeli. Kodwa teta kubo, uti: Imihla ikufupi, nendawo yayo yonke imiboniso.
24
Ngokuba kungasayi kuba seko namnye umboniso ongendawo, nokulaula okubutelezi, pakati kwendlu ka‐Sirayeli.
25
Ngokuba mna Yehova ndiya kuteta elozwi endiya kuteta lona, laliya kufezwa; alisayi kulityaziswa; ngokuba kwa semihleni yenu, ndlu enenkani! ndiya kuliteta ilizwi, ndilifeze, itsho inkosi e nguyehova.
26
Lalekela ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
27
Nyana woluntu! bona ke, indlu ka‐Sirayeli iti: Umboniso awubonayo ngowemihla emininzi; uyaprofitesha ngawo amaxesha akude.
28
Ngako oko uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Akusayi kulityaziswa amazwi am nalinye; elozwi ndilitetayo, liya kufezwa ke, itsho inkosi e nguyehova.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48