bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 37
Ezekiel 37
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 36
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 38 →
1
SAYE sipezu kwam isandla sikayehova; wandipumisa ngo moya kayehova, wandibeka pantsi pakati kwetafa; lona ke lalizele ngamatambo.
2
Waza wandidlulisa ngakuwo ngendawo yonke engqongayo: kekaloku bona ke, ebemaninzi kakulu pezu kwobuso betafa; kanjalo bona ke, ebomile kakulu.
3
Wayesiti kum: Nyana woluntu! aya kupila na amatambo la? Ndaza ndati: Nkosi Yehova! wena uyazi.
4
Wabuya wati kum: Profitesha pezu kwamatambo la, uti kuwo: Nina matambo omileyo! yivani ilizwi likayehova.
5
Itsho inkosi e nguyehova kulamatambo ukuti: Bona ke, ndiya kungenisa kuni umoya, naniya kupila.
6
Ndandiya kubeka imisipa pezu kwenu, ndinyuse inyama pezu kwenu, ndinigubungele ngentlonze, ndibeke kuni umoya, naniya kupila ke; naye niya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
7
Ndaza ndaprofitesha njengokuba bendiyalelwa; kwasuka kwabako isandi ndakuprofitesha; kekaloku nanku ukungcangcazela, ati amatambo asondelana, itambo kwitambo lalo.
8
Ndakangela ke, kekaloku nantsi imisipa nenyama inyukile pezu kwawo, yati intlonze yawagubungela ngapezulu; kodwa umoya ubungeko kuwo.
9
Wandula wati kum: Profitesha kumoya, profitesha, nyana woluntu! uti kumoya: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Vela, wena moya! kuyo imimoya mine, upefumle pezu kwabo aba babuleweyo, baze bapile.
10
Ndaza ndaprofitesha njengokuba ebendiyalele; wandula umoya wangena kubo, bada bapila, bema pezu kwenyawo zabo, impi enkulu kakulu kunene.
11
Waza wati kum: Nyana woluntu! lamatambo ayiyo yonke indlu ka‐Sirayeli: bona ke, bati bona: Amatambo etu omile, netemba letu libubile; sinqamkile tina.
12
Ngako oko profitesha uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuvula amancw̔aba enu, ndininyuse kuwo amancw̔aba enu, bantu bam! ndinizise emhlabeni wakwa‐Sirayeli.
13
Naye niya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ekuvuleni kwam amancw̔aba enu, nasekuninyuseni kwam kuwo amancw̔aba enu, bantu bam!
14
Ndandiya kubeka kuni umoya wam, naniya kupila ke, ndoti kanjalo ndinimise emhlabeni wenu; naye niya kukwazi okokuba mna Yehova nditetile, ndenza nokwenza, utsho uyehova.
15
LABUYA leza kum ilizwi likayehova, lisiti:
16
Kanjalo wena, nyana woluntu! zitabatele intonga ibe nye, uba̔le pezu kwayo ukuti: Yeka‐Juda, neyosapo luka‐Sirayeli amakolwane ake; uze utabate enye intonga, uba̔le pezu kwayo ukuti: Yeka‐Josefe, — intonga ka‐Frayime, nayo yonke indlu ka‐Sirayeli amakolwane ake.
17
Uze uzihlanganise enye kwenye, zibe yintonga nye kuwe; zaziya kuba inye esandleni sako.
18
Naxeshekweni lutshoyo kuwe usapo lwabantu bako, lusiti: Akuyi kusixelela na ziyinina ezi kuwe?
19
Teta kulo, uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kutabata intonga ka‐Josefe esesandleni sika‐Frayime, nezizwe zo‐Sirayeli amakolwane ake, ndandiya kuzibeka kunye nayo, kunye nentonga ka‐Juda, ndizenze zibe yintonga nye, zaziya kuba inye esandleni sam.
20
Kanjalo intonga oba̔layo pezu kwazo ziya kuba sesandleni sako pambi kwamehlo alo.
21
Uze utete kulo, uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kutabata usapo luka‐Sirayeli kwa pakati kwabaheyideni, apo luye kona, ndilubute emacaleni onke, ndiluzise kowalo umhlaba.
22
Ndandiya kulwenza lube sisizwe sinye elizweni pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli; ukumkani emnye woba ngukumkani kulo lona lwonke; alusayi kuba sezizizwe zibini, kanjako aluyi kubuya lwahlulwe lube bubukumkani bubini napakade.
23
Lwaye lungayi kubuya luzinco̔lise ngezitixwana zalo, nangezinto zalo ezizondekileyo, nangazo zonke izigqito zalo; koko ndiya kulusindisa kuzo zonke indawo zokuhlala zalo, ezo lwonileyo kuzo, ndiluhlambulule: kwa njalo lona lwoba ngabantu kum, nam ndoba ngutixo kulo.
24
Isicaka sam u‐Davide soba ngukumkani pezu kwalo; umalusi emnye wobako kulo lona lwonke; nasezigwebeni zam luya kuhamba, nemimiso yam lwoyigcina, luyenze nokuyenza.
25
Lwaluya kuhlala elizweni endalinikayo kwisicaka sam ku‐Yakobi, elo babehleli kulo oyihlo benu; ewe luya kuhlala kulo, lona nabantwana balo, nabantwana babantwana balo kude kube ngunapakade; no‐Davide, isicaka sam, yena woba yinkosi yalo kude kube ngunapakade.
26
Kanjako ndolwenza nalo ucebano lwoxolo; lucebano olungunapakade oluya kubako nalo; ndandiya kulumisa, ndilwandise, ndiyibeke indawo yam eyingcwele pakati kwalo kude kube ngunapakade.
27
Netabanakele yam yona yoba pezu kwalo; ndandiya kuba ngutixo walo, luti lona lube ngabantu bam.
28
Baye abaheyideni beya kukwazi okokuba mna Yehova ndiyabangcwalisa o‐Sirayeli, nxa indawo yam eyingcwele iya kubako pakati kwabo kude kube ngunapakade.
← Chapter 36
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 38 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48