bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 33
Ezekiel 33
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 34 →
1
LABUYA leza kum ilizwi likayehova, lisiti:
2
Nyana woluntu! teta nalo usapo lwabantu bako, uti kulo: Nxa ndizisayo iṙele pezu kwelizwe, bati abantu belizwe batabate indoda yasemideni yabo, bayimise ibe ngumlindi wabo;
3
ide ibone iṙele lisiza pezu kwelizwe, ivutele ngexilongo, iyale abantu;
4
andule eve ovayo intlokoma yexilongo, kanti akayaleki; ukuba liyeza iṙele, limsuse, igazi lake loba pezu kweyake intloko.
5
Intlokoma yexilongo wabeyiva, kanti wabengayaleki; igazi lake loba pezu kwake: kodwa lowo uyalekayo wowusindisa umpefumlo wake.
6
Naxeshekweni umlindi abona iṙele lisiza, kanti akavuteli ngexilongo, bati abantu bangayalwa; ukuba liyeza iṙele, lisuse omnye wakubo, lowo uyasuswa usetyaleni lake, kodwa igazi lake ndolibiza esandleni somlindi.
7
Nawe, nyana woluntu! ndikwenzile umlindi kwindlu ka‐Sirayeli; wauya kuva ilizwi ngomlomo wam, ubayale kwa kum.
8
Ndakuti kokohlakeleyo: Wena ukohlakeleyo! uya kufa ngenyaniso; ukuba akuteti ukumyala okohlakeleyo aguquke endleleni yake, lowo okohlakeleyo uya kufa etyaleni lake, negazi lake ndolibiza esandleni sako.
9
Kodwa nxa umyala okohlakeleyo ngendlela yake ukuba aguquke kuyo, kanti akaguquki endleleni yake; uya kufa yena etyaleni lake, nawe uhlangule umpefumlo wako.
10
Ngako wena, nyana woluntu! yiti kwindlu ka‐Sirayeli: Kungokunje nitshoyo, nisiti: Nxa izigqito zetu nezono zetu zipezu kwetu, siti tina singcungcuteke kuzo, sesiya kuti nina ke ukubudla ubomi?
11
Yiti kubo: Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, anditandi ukufa kwokohlakeleyo, koko nditanda ukuguquka kwokohlakeleyo endleleni yake, ukuba adle ubomi: guqukani, guqukani kuzo indlela zenu ezikohlakeleyo: ngokuba kunganina ukuba niya kufa, ndlu ka‐Sirayeli!
12
Ngako wena, nyana woluntu! yiti kulo usapo lwabantu bako: Ukulunga kwolungileyo akuyi kumhlangula ngomhla wesigqito sake; nokukohlakala kwokohlakeleyo, akayi kuwa ngako ngomhla aguqukayo ekukohlakaleni kwake; kanjalo olungileyo akayi kuba nako ukudla ubomi ngako ukulunga kwake, ngomhla wokwona kwake.
13
Ndakuti ngolungileyo: Uya kubudla ubomi ngenyaniso; ukuba uyatembela ekulungeni kwake, enze ubumenemene, konke ukulunga kwake akuyi kukunjulwa; kodwa ngobumenemene bake abenzileyo, kwa ngabo uya kufa.
14
Kanjako ndakuti kokohlakeleyo: Uya kufa ngenyaniso: ukuba uyaguquka esonweni sake, enze okufanelekileyo nokulungileyo:
15
ukuba okohlakeleyo uyabuyisa isibanjiselwa, abuyekezele okupangiweyo, ahambe emimisweni yobomi engenzi ubumenemene; uya kubudla ubomi ngenyaniso, akayi kufa.
16
Zonke izono zake azenzileyo, aziyi kumkunjulelwa; okufanelekileyo nokulungileyo ukwenzile, uya kubudla ubomi ngenyaniso.
17
Noko, usapo lwabantu bako luti: Indlela yenkosi ayilungelelene. Kanti bona, indlela yabo ayilungelelene.
18
Nxa olungileyo aguquka ekulungeni kwake, enze ubumenemene, uya kufa kwa ngabo.
19
Naxeshekweni okohlakeleyo aguquka ekukohlakaleni kwake, enze okufanelekileyo nokulungileyo, ngako oku yena uya kubudla ubomi.
20
Noko niti: Indlela yenkosi ayilungelelene. Abanye ngabanye njengendlela zabo ndiya kunigweba, ndlu ka‐Sirayeli!
21
KWABEKUTE ngomnyaka weshumi elinesibini wokutinjwa kwetu, ngeyeshumi inyanga, ngowesihlanu umhla wenyanga, kweza kufika kum osindileyo e‐Yerusaleme, esiti: Isixeko sibetiwe.
22
Saye isandla sikayehova sibe sipezu kwam ngokuhlwa, engekafiki lowo usindileyo; nomlomo wam wabewuvulile wada wafika kum ngokusa; kwa njalo umlomo wam wavulwa, ndabendingabi sesisidenge.
23
Laza ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
24
Nyana woluntu! abemi bezondawo zicitakeleyo ezisemhlabeni wakwa‐Sirayeli batsho besiti: u‐Abrahame wabemnye, waza walifuya ilizwe; kanti tina sibaninzi, ilizwe linikiwe kuti libe yimfuyo.
25
Ngako oko yiti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Inyama inegazi niyayidla, namehlo enu niyawapakamisela kwizitixwana zenu, negazi niyalipalaza; seniya kufuya ilizwe na?
26
Nimi pezu kweṙele lenu, niyenza into ebuntshontsho, nabanye ngabanye umfazi wommelwane wabo niyamnco̔lisa; seniya kufuya ilizwe na?
27
Yitsho kubo, ukuti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndihleli nje mna, abo basezindaweni ezicitakeleyo bowa ngeṙele, nalowo osezindleni ndiya kumnika kumaṙamncwa adliwe, nabo basezinqatyeni nasemiqolombeni baya kufa ngesifo esibubisayo.
28
Ndandiya kulenza ilizwe libe yingcitakalo nentshabalalo, liti ir̔atshi lamandla alo lipele; kanjako intaba zakwa‐Sirayeli zoba bugxwayiba, kuze kungabiko ocanda kuzo.
29
Baya kwandula bakwazi okokuba mna ndi nguyehova, ndakulenza ilizwe libe yingcitakalo nentshabalalo, ngenxa yazo zonke izinto ezibuntshontsho zabo, abazenzileyo.
30
Nawe, nyana woluntu! usapo lwabantu bako luyancokola ngawe ngasezindongeni naseminyangweni yezindlu; omnye uyateta kwomnye, umntu kummelwane wake, esiti: Manize ke, nive liyinina ilizwi elivela kuyehova.
31
Bandule beze kuwe njengokuza kwabantu, bahlale pantsi ebusweni bako njeng abantu bam, beve amazwi ako, kodwa abawenzi; ngokuba bona ngomlomo wabo besenza njengabatandayo kakulu, kanti intliziyo yabo iyahamba emva kwenzuzo yabo ekohlakeleyo.
32
Nawe, bona ke, unjengengoma yabatandi kubo, olizwi limnandi, nolungisa ukubeta isiculiso; ngokuba besiva amazwi ako, kodwa abawenzi.
33
Ekufikeni kwoku, (nanku kusiza,) baya kwandula bakwazi okokuba umprofite ebepakati kwabo.
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 34 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48