bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 44
Ezekiel 44
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 43
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 45 →
1
YANDULA yandibuyisa ngendlela yesango langapandle leyingcwele indawo, elibeka ngasempumalanga; laye lona livaliwe.
2
Waza uyehova wati kum: Isango eli loba livaliwe, aliyi kuvulwa, kanjalo akuyi kungena mntu ngalo; ngokuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, engenile ngalo; ngako loba livaliwe.
3
Lelenkosi; inkosi inguye oya kuhlala kulo, ize isidle isonka ebusweni bukayehova; ngendlela yentendelezo yesango iya kungena, nangendlela yayo iya kupuma.
4
Yaza yandizisa ngendlela yesango lasenode ngapambi kwendlu; ndaza ndakangela; kekaloku bona ke, ubungcwalisa bukayehova bebuzalisile indlu; ndaza ndawa ebusweni bam.
5
Waye uyehova esiti kum: Nyana woluntu! bekela intliziyo yako, ubone ngamehlo ako, uve ngendlebe zako, konke endiya kukuteta kuwe ngayo yonke imimiselo yendlu kayehova, nangayo yonke imiteto yayo; uze ubeke intliziyo yako ngasendaweni yokungena yendlu, kunye nazo zonke indawo zokupuma zeyingcwele indawo.
6
Wauya kuti kwabanenkani, kwindlu ka‐Sirayeli: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Makunanele ngenxa yazo zonke izinto ezibuntshontsho zenu, ndlu ka‐Sirayeli!
7
ekubeni nibangenisile abasemzini, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo nangenyama, babe kuyo eyingcwele indawo yam, ukuza kuyinco̔lisa indlu yam; nakunikela isonka sam, inqata negazi, baza bona balwapula ucebano lwam, ngapezu kwazo zonke izinto ezibuntshontsho zenu.
8
Kanjalo anisigcinanga isigcinelo sezinto zam ezingcwele; koko nimisele abagcini besigcinelo sam ngokwenu.
9
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Osukuba engowasemzini, ongalukileyo ngentliziyo, ongalukileyo nangenyama, akayi kungena kweyingcwele indawo yam, kubo bonke abasemzini abapakati kwosapo luka‐Sirayeli.
10
Naba‐Levi abakwelela kude kum, bakuti o‐Sirayeli balahleka, abalahlekayo kum emva kwezitixwana zabo, bona baya kutwala ityala labo.
11
Boba ngabakonzi noko kweyingcwele indawo yam, bengabalindi emasangweni endlu, nabakonzi kuyo indlu: baya kuxe̔lela abantu idini lokutshiswa nombingo, beme ebusweni babo ukukonza kubo.
12
Ngenxa yokuba bebekonza kubo pambi kwezitixwana zabo, baba sisiku̔bekiselo setyala kwindlu ka‐Sirayeli; ngako oko ndipakamisile isandla sam ngakubo, itsho inkosi e nguyehova, babeya kutwala ityala labo.
13
Baye bengayi kusondela kum, ukuza kundikonza ngobuperisite, nokusondela kuzo zonke izinto ezingcwele zam, kweyingcwele yezingcwele indawo; koko beya kutwala ihlazo labo, nezinto ezibuntshontsho zabo abazenzileyo.
14
Kodwa ndiya kubenza abagcini besigcinelo sendlu, ngayo yonke inkonzo yayo, nangako konke okuya kwenziwa kuyo.
15
Kanti abaperisite, aba‐Levi, onyana baka‐Tsadoki, abagcinayo isigcinelo seyingcwele indawo yam, lwakuti usapo luka‐Sirayeli lwalahleka kum, bona baya kusondela kum ukuza kundikonza; babeya kuma ebusweni bam, ukuba banikele inqata negazi kum, itsho inkosi e nguyehova.
16
Aba baya kungena kweyingcwele indawo yam, kanjalo aba baya kusondela etafileni yam ukuza kukonza kum, babeya kugcina isigcinelo sam.
17
Kwakuya kuti, bakungena emasangweni alo ibala lapakati, izivato zeqiya baya kuzambata; akuyi kuza pezu kwabo nento yoboya, nxa bakonzayo emasangweni elapakati ibala, nangapakati.
18
Inkontsho zeqiya zoba pezu kwentloko zabo, nebrukwe zeqiya zoba pezu kwezinqe zabo; abayi kubinqa ngento ebilisayo.
19
Naxeshekweni bapumela ebaleni langapandle, ebaleni langapandle ebantwini, baya kususa izivato zabo ababekonza ngazo, bazibeke ezinkambilini ezingcwele, bazambate izivato zimbi; abayi kubangcwalisa abantu zinezivato zabo.
20
Nentloko zabo abayi kuziguya kanye, nezihlwita zayo abayi kuzilengalengisa; baya kugugula kodwa intloko zabo.
21
Neveyine akuyi kuyisela namnye umperisite, bakungena ebaleni lapakati.
22
Kanjalo umhlolokazi, nalowo olahliweyo, abayi kubazeka babe ngabafazi babo: kodwa intombi zipela kuyo inzalo yendlu ka‐Sirayeli, umhlaumbi umhlolokazi oya kuba ngumhlolokazi womperisite, bangabazeka.
23
Nabantu bam baya kubabonisa pakati kwokungcwele nokungengcwele, babazise pakati kwokunco̔lileyo nokucocekileyo.
24
Nasekupikweni bona baya kuma ukugweba; ngezigwebo zam baya kukugweba; nemiteto yam, nemimiso yam, kuzo zonke intlanganiso zam, baya kuyigcina; nesabata zam baya kuzenza ngcwele.
25
Abayi kuza ngakuye namnye umntu ofileyo ukuzinco̔lisa; kodwa uyise, nonina, nonyana, nentombi, n omninawe, nodade ongenayo indoda, bangazinco̔lisela bona.
26
Nasemva kwokuhlanjululwa kwake, uya kubalelwa imihla ibe sixe̔nxe.
27
Nasemhleni aya kungena kweyingcwele indawo, ebaleni lapakati, ukuya kukonza kweyingcwele indawo, uya kunikela idini lesono lake, itsho inkosi e nguyehova.
28
Oku kwoba lilifa kubo: mna ndililifa labo; naye ningayi kubanika nanye imfuyo kwa‐Sirayeli; mna ndiyimfuyo yabo.
29
Baya kudla umnikelo wokudla, nedini lesono, nedini letyala; nako konke okwahlukanisiweyo kwa‐Sirayeli kwoba kokwabo.
30
Kanjalo isiqalo sazo zonke ilibo zako konke, nayo yonke iminikelo yokufunqufunqulwa yako konke, kuyo yonke iminikelo yokufunqufunqulwa yenu, yoba yeyabaperisite; nesiqalo sentlama yenu niya kusinika kuye umperisite, kuze kuhliswe itamsanqa pezu kwendlu yako.
31
Konke okusisidumbu, umhlaumbi okuqwengiweyo, nokuba kuyintaka, nokuba kusisilo, abaperisite abayi kukutya.
← Chapter 43
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 45 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48