bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 8
Ezekiel 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 9 →
1
KWAYE kute ngomnyaka wesitandatu, ngeyesitatu inyanga, ngowesihlanu umhla wenyanga, bendihleli endlwini yam, nabadala bo‐Juda behehleli pambi kwam, sandula isandla senkosi sikayehova sawa pezu kwam kona apo.
2
Ndaza ndakangela, kekaloku nankuya ukufana kwomntu, njengokubonakala kwomlilo: kwa sekubonakaleni kwesinqe sake nasezantsi, ubungumlilo; nasesinqeni sake napezulu, bekunjengokubonakala kwenkazimlo, njengobubengebenge bekashemali.
3
Wayesolula imfano yesandla, wandibamba ngesihlwita sentloko yam; waye umoya wandifunqula pakati kwomhlaba nezulu, wandizisa e‐Yerusaleme, emibonisweni katixo, elucangweni lwesango lapakati elibeka ngasenode, apo ibikona indawo yokuhlala yomfanekiso wobukwele, ovusayo ubukwele.
4
Kekaloku nabuya kona ubungcwalisa botixo wo‐Sirayeli, njengesibonakalo endasibonayo etafeni.
5
Wayesiti kum: Nyana woluntu! pakamisa ke amehlo ako ngasendleleni yasenode: ndaza ndapakamisa amehlo am ngasendleleni yasenode; kekaloku nanguya ngasenode, esangweni lesibingelo, lomfanekiso wobukwele emnyango.
6
Walekela wati kum: Nyana woluntu! uyabona na oko bakwenzayo, intshontsho ezinkulu indlu ka‐Sirayeli izenzayo apa, ukuba ndimke kude endaweni yam eyingcwele? kodwa buya ujike, wauya kubona intshontsho ezinkulu kwezi.
7
Wandula wandizisa elucangweni lwebala; ndaza ndakangela; kekaloku nasi isituba eludongeni.
8
Wayesiti kum: Nyana woluntu! yimba ke eludongeni: ndaza ndemba eludongeni; kekaloku nalu ucango.
9
Wandula wati kum: Ngena, ukangele intshontsho ezikohlakeleyo abazenzayo apa.
10
Ndaza ndangena, ndakangela; kekaloku nanzi imfano zonke zezinto ezinambuzelayo, nezezilo ezibi, nazo zonke izitixwana zendlu ka‐Sirayeli, ziba̔liwe pezu kwodonga ngento engqongayo ngamacala onke.
11
Kwaye kumi pambi kwazo amadoda angamashumi asixe̔nxe akubo abadala bendlu ka‐Sirayeli, no‐Yazaniya unyana ka‐Shafane emi pakati kwawo, amanye ngamanye enesiqu̔melo sawo esandleni sawo; kanjalo into eninzi yelifu lesiqu̔miso ibinyuka.
12
Waza wati kum: Ubonile na, nyana woluntu! oko abadala bendlu ka‐Sirayeli bakwenzayo ebumnyameni, abanye ngabanye ezinkambilini zobufanekiso babo? ngokuba besiti: Uyehova akasiboni; uyehova ulishiyile ilizwe.
13
Wati kanjalo kum: Buya ujike, wauya kubona intshontsho ezinkulu nakwezi, abazenzayo bona.
14
Wandula wandizisa elucangweni lwesango lendlu kayehova elingasenode; kekaloku nabaya kona abafazi behleli pantsi belilela u‐Tamuze.
15
Waza wati kum: Ubonile na, nyana woluntu! Buya ujike, wauya kubona intshontsho ezinkulu kuzo ezi.
16
Wandula wandizisa ebaleni lapakati lendlu kayehova; kekaloku nangaya elucangweni lwetempile kayehova, pakati kwentendelezo nesibingelo, amadoda angati angamashumi mabini anamahlanu, enemihlana yawo ngakuyo itempile kayehova, nobuso bawo ngasempumalanga, abebedesha ilanga ngasekupumeni kwalo.
17
Waza wati kum: Ubonile na, nyana woluntu! Yinto elula na kwindlu ka‐Juda ukuba kwenziwe izinto ezibuntshontsho abazenzayo apa? ngokuba bezalisile ilizwe ngobudlwengu, bebuyile ukundiqumbisa kanjalo; ewe, bona ke, bayabeka isebe empumlweni yabo.
18
Ngako nam ndiya kwenza ngobuṙalaṙume; iliso lam aliyi kuba nosizi, andiyi kuba nenceba kanjako; nakuba badanduluka ezindlebeni zam ngelizwi elikulu, andiyi kubapulapula noko.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48