bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 16
Ezekiel 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 17 →
1
LALEKELA ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
2
Nyana woluntu! yazisa i‐Yerusaleme izinto zayo ezibuntshontsho,
3
uti: Itsho inkosi e nguyehova kuyo i‐Yerusaleme ukuti: Ukuvela kwako nokuzalwa kwako bekukulo ilizwe laba‐Kanane; uyihlo ebengum‐Amori, nonyoko ebengum‐Hetekazi.
4
Nokuzalwa kwako, emhleni ubuzalwa ngawo, ubunganqanyulwa inkaba, ubungahlanjwa ngamanzi ukuba kucocwe; ubungake umvumvuzelwe ngetyuwa, ubungake usongelwe eziqoqweni kanjako.
5
Bekungeko iliso elinosizi pezu kwako, ukuba likwenzele enye kwezi zinto, ukuba libe nenceba ngakuwe; koko ubulahlelwa endle ngokudelwa kwobomi bako, emhleni ubuzalwa ngawo.
6
Ndaza ndadlula ngakuwe, ndakubona ugqusha egazini lako; ndaye ndisiti kuwe usegazini lako: Pila; ewe, ndati kuwe usegazini lako: Pila.
7
Ndakwenza amawakawaka njengokuhluma kwezindle; wada wanda, waba mkulu, wangena ekuhonjweni kakulu; amabele ako abonxa, nenwele zako zakula; kanti ubuzé, ubuhlubulukile.
8
Ndati ndakudlula ngakuwe, ndakukangela; kekaloku bona ke, ixesha lako belilixesha lotando; ndaza ndandlala isondo lengubo yam pezu kwako, ndabugubungela ubuzé bako, ndakufungela, ndangena elucebanweni nawe, itsho inkosi e nguyehova, waza waba ngowam.
9
Ndaza ndakuhlamba ngamanzi, ndahlanza igazi lako kuwe, ndakutambisa ngeoli.
10
Ndakuvatisa ngencawe etungiweyo ngamabala ngamabala, ndakunika izihlangu zezintsu zamacelesi, ndakubopela ngeqiya eshiceneyo, ndakugubungela ngesilike.
11
Ndakuhomba ngezihombo, ndafaka izacolo pezu kwezandla zako, nesambalo entanyeni yako.
12
Ndafaka umsesane empumlweni yako, namacici ezindlebeni zako, nesitsaba esihle entlokweni yako.
13
Kwa njalo ubuhonjwa ngegolide nangesilivere; nokuvata kwako bekuyiqiya eshiceneyo, nesilike, nencawe etungiweyo ngamabala ngamabala; wabusidla umgubo ocolekileyo, nobusi, neoli; wabunobunzwakazi obukulu kunene, wahambiseka wada waba bubukumkani.
14
Laye udumo lwako lupuma pakati kwezizwe ngenxa yobunzwakazi bako; ngokuba bube bufezekile ngenkazimlo yam, endandiyibekile pezu kwako, itsho inkosi e nguyehova.
15
Kodwa ubutembela kubo ubunzwakazi bako, wenza umbulo ngenxa yodumo lwako; ewe watulula imibulo yako pezu kwosukuba edlula; bube bubobake.
16
Waza watabata ezingutyeni zako, wazenzela indawo ezipakamileyo ezinamabala ngamabala, wenza umbulo pezu kwazo: bekungezanga okunjalo, akuyi kubako kanjako.
17
Wabutabata impahla zako ezintle, ezegolide yam nezesilivere yam, ezo ndazinikayo kuwe, wazenzela imifanekiso yamadoda, wenza umbulo nayo.
18
Watabata nengubo zako ezitungiweyo ngamabala ngamabala, wayigubungela; neoli yam nesiqu̔miso sam wazibeka pambi kwayo.
19
Nokutya kwam endakunikayo kuwe, umgubo ecolekileyo, neoli, nobusi, endakudlisayo, kwa kona ukubekile pambi kwayo kube livumba elimnandi: kwaye kunjalo ke, itsho inkosi e nguyehova.
20
Kanjako watabata onyana bako nentombi zako, obundizalele bona, wababingela kuyo ukudliwa. Yinto encinane na imibulo yako,
21
ukuba ubabulele abantwana bam, nokuba ubanikele, ngokubadlulisa emlilweni pambi kwayo?
22
Nakunye nazo zonke izenzo zako ezibuntshontsho nemibulo yako, akukumbulanga imihla yobutsha bako, ngexesha lobuzé bako nokuhlubuluka kwako, wakugqusha egazini lako.
23
Kwaza kwati, emva kwako konke ukukohlakala kwako, (ubunzima, ubunzima bube kuwe! itsho inkosi e nguyehova,)
24
wabuzakela indlwana yombulo, wazenzela indawo epakamileyo kuzo zonke izitarate.
25
Kuwo onke amancam endlela uyakile indawo yako epakamileyo, wabenza ubunzwakazi bako buzondwe; nenyawo zako uzivulele bonke abadlulayo, nemibulo yako uyandisile.
26
Kanjalo uwenzile umbulo nama‐Jipete abamelwane bako, angabakulu ngenyama: nemibulo yako uyandisile, ukuba undiqumbise.
27
Ngako, bona ke, ndisolule isandla sam pezu kwako, ndipungule isabelwa sako, ndikunikele entandweni yabo bakutiyayo, intombi zama‐Filistiya, ezidanileyo ngenxa yendlela yako ebutshinitshini.
28
Wenze umbulo nama‐Asiriya nawo, ngenxa yokuba ubungenakuncanyiswa; ewe, wenzile umbulo nawo, kanti ubungancanyiswa noko.
29
Uwandisile umbulo wako nasezweni le‐Kanane kwada kwase‐Kaledine; kodwa ubungancanyiswa nakoku.
30
Injanina ukuba butataka intliziyo yako, itsho inkosi e nguyehova; ekubeni uzenza zonke ezi zinto, ukwenza kwomṙexezikazi osileyo;
31
ekubeni uyaka indlwana yombulo yako encameni yendlela zonke, nendawo yako epakamileyo uyenza kuzo zonke izitarate; ungabanga njengompinyiswa, ngokugxeka umvuzo!
32
Ubungumfazi oṙexezayo, o wamkela abasemzini nxa apantsi kwendoda yake.
33
Kubo bonke abapinyiswa kupiwa amabaso; kodwa wena uyawapa amabaso ako kubo bonke abatandi bako; uyabasela bona, ukuba beze kuwe bevela emacaleni onke ngenxa yemibulo yako.
34
Kanjako kuko kuwe okupambene nabafazi, ekubeni uwenza umbulo, nxa kungalandelwa ukwenza umbulo, nasekubeni uwunika umvuzo, nxa umvuzo unganikwa kuwe; kwa njalo ke unokupambana.
35
Ngako oko, mpinyiswa! yiva ilizwi likayehova.
36
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokokuba kutululwe intsila yako, nokuba kutyiliwe ubuzé bako, ngemibulo yako kunye nabatandi bako, nakunye nazo zonke izitixwana zezinto zako ezibuntshontsho, nangegazi labantwana bako, obubanika kuzo;
37
ngako oko, bona ke, ndiya kuhlanganisa bonke abatandi bako, obumnandi kubo, kwa bonke abo ubatandileyo, kunye nabo bonke ubatiyileyo; ndobahlanganisa ke ngakuwe ngento engqongayo, ndibatyilele ubuzé bako, bade babone bonke ubuzé bako.
38
Ndandiya kukugweba ngokugwetywa kwabaṙexezikazi nabapalaza igazi; ewe, ndokunika igazi lobuṙalaṙume nobukwele.
39
Ndandiya kukunikela esandleni sabo, babeya kucita indlwana yombulo yako, bawise pantsi indawo zako ezipakamileyo; bokuhluba izivato zako, basuse impahla zako ezintle, bakushiye uzé uhlubulukile.
40
Babeya kunyusa ngakuwe umhlambi, bakugibisele ngamatye, bakuhlahle ngamaṙele abo.
41
Baya kutshisa izindlu zako ngomlilo, benze imigwebo pezu kwako pambi kwamehlo abafazi abaninzi: ndandiya kukwenza uyeke ukuba ngumpinyiswa; kanjalo nomvuzo akuyi kubuya uwunike.
42
Kwa njalo ubuṙalaṙume bam ngakuwe ndiya kubupumza, buti ubukwele bam bumke kuwe; ndoba nditi tu, ndingabuyi ndiqumbe.
43
Ngenxa yokuba ungakumbulanga imihla yobutsha bako, koko undicapukisile ngazo zonke ezi zinto, ngako nam, bona ke, ndiya kubuyekeza indlela yako pezu kwentloko yako, itsho inkosi e nguyehova; waungayi kukwenza okuhlazekileyo ngapezu kwazo zonke izinto zako ezibuntshontsho.
44
Bona ke, bonke abazekelisayo baya kuzekelisa pezu kwako, ngokuti: Njengokuba enjalo unina, injalo intombi yake.
45
Uyintombi yonyoko wena, obedela indoda yake nabantwana bake; kanjalo ungudade wodade bako wena, abadela amadoda abo nabantwana babo; unyoko ebengum‐Hetekazi, noyihlo ebengum‐Amori.
46
Udade wako omkulu yi‐Samariya, yona nentombi zayo, ehlala ngasekohlo kwako: nodade wako omncinane kuwe, ohlala ngasekunene kwako, yi‐Sodome nentombi zayo.
47
Kodwa ngendlela zazo akuhambanga, nanjengezinto zazo ezibuntshontsho akwenzanga; oko bekuyinto encinane kodwa; waza wonakaliswa ngapezu kwazo kuzo zonke indlela zako.
48
Ndihleli nje, itsho inkosi e nguyehova, i‐Sodome udade wako ayenzanga, yona nentombi zayo, njengokuba wenzile wena nentombi zako.
49
Bona ke, bubo obu ubono be‐Sodome udade wako: ir̔atshi, ukudikwa sisonka, nokwonwaba okunqabileyo bekuko kuyo nakuzo intombi zayo; isandla samahlwempu nabasweleyo ayasomeleza.
50
Zaye ziqanqalaza, zenza into ebuntshontsho pambi kwam; ndaza ndazisusa njengoko ndabonayo.
51
Nayo i‐Samariya isiqingata sezono zako ayisenzanga; koko uzandisile izinto zako ezibuntshontsho ngapezu kwabo, waugwebele odade bako ngazo zonke izinto zako ezibuntshontsho ozenzileyo.
52
Nawe, litwale ihlazo lako, ogwebileyo odade bako ngazo izono zako, ozenzileyo ngendawo ebuntshontsho ngapezu kwabo; bakugqitisile ngokulunga: ewe yiba udanile nawe, ulitwale ihlazo lako, ekubeni ubagwebele odade bako.
53
Ndandiya kubuyisa ukutinjwa kwazo, ukutinjwa kwe‐Sodome nentombi zayo, nokutinjwa kwe‐Samariya nentombi zayo, nokutinjwa kwabatinjwa bako pakati kwazo;
54
ukuze ulitwale ihlazo lako, udaniswe ngenxa yako konke ukwenzileyo, ekuzitutuzeleni kwako.
55
Baye odade bako, i‐Sodome nentombi zayo, beya kubuyela kokwapambili ukumila kwabo, nayo i‐Samariya nentombi zayo ziya kubuyela kokwapambili ukumila kwazo, nawe nentombi zako niya kubuyela kokwapambili ukumila kwenu.
56
Nangona i‐Sodome, udade wako, ibingavakali emlonyeni wako, ngomhla wer̔atshi lako;
57
ingekatyilwanga inkohlakalo yako, njengasexesheni lokugxeka kwentombi zase‐Siriya, nazo zonke eziyingqongayo, intombi zama‐Filistiya, ezikucekisayo ngokungqonga.
58
Ubutshinitshini bako, nezinto zako ezibuntshontsho, uzitwele, utsho uyehova.
59
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Sendiya kwenza ngakuwe, njengokuba wenje njalo wena, osidelileyo isifungo, ngokwapula ucebano.
60
Noko, ndiya kukumbula ucebano lwam nawe emihleni yobutsha bako, ndikuqinisele ucebano olungunapakade.
61
Wauya kukumbula indlela zako, udaniswe, nxa uya kwamkela odade bako, abakulu bako nabancinane bako; ndandiya kubanika kuwe babe zintombi zako, — kungengalo ucebano lwako kodwa.
62
Ngokuba ndiya kumisa ucebano lwam nawe, wauya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova:
63
ukuze ukumbule, udane, ungabi sabuya uvule umlomo wako ngenxa yehlazo lako, ndakuxolela konke ukwenzileyo, itsho inkosi e nguyehova.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48