bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezekiel 29
Ezekiel 29
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 30 →
1
NGOMNYAKA weshumi, ngeyeshumi inyanga, ngoweshumi linesibini umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova kum, lisiti:
2
Nyana woluntu! beka ubuso bako ngakuye u‐Faro ukumkani we‐Jipete, uprofiteshe ngakuye, nangakuyo i‐Jipete yonke.
3
Teta, uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, Faro, kumkani we‐Jipete! longwenya inkulu elala pantsi pakati kwemilambo yayo; ete: Ngowam umlambo wam, ndiwenzele mna.
4
Koko ndiya kufaka amaqeṙu emihlatini yako, ndenze zonke intlanzi zemilambo yako ziti nama ezinkwetwini zako; ndiya kukunyusa kwa pakati kwemilambo yako, ziti zonke intlanzi zemilambo yako zinamatele ezinkwetwini zako.
5
Ndandiya kukulahlela entlango, wena nazo zonke intlanzi zemilambo yako; pezu kwobuso bezindle uya kuwa; akuyi kuhlanganiswa, akuyi kubutwa nokubutwa: ndikunikile ube kukutya emaṙamncweni omhlaba nasezintakeni zezulu.
6
Baye bonke abemi base‐Jipete beya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ngenxa yokuba bebengumsimelelo wengcongolo kwindlu ka‐Sirayeli.
7
Nxa bakubambayo ngesandla sako, watyunyuzwa, wabacandela igxalaba lonke; naxeshekweni bayama pezu kwako, wapuka, wenza zonke izinqe zabo zime.
8
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwako iṙele, ndinqamle kuwe abantu nezilo.
9
Ilizwe le‐Jipete loba yingcitakalo nobugxwayiba; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova; ngenxa yokuba ete: Umlambo ngowam, ndiwenzile mna.
10
Ngako oko, bona ke, ndingakuwe, nangakuyo imilambo yako; nelizwe le‐Jipete ndiya kulenza libe bugxwayiba lipela, n engcitakalo, kwa kuyo i‐Migidole kude kube se‐Sevene, nakude kube semdeni wase‐Tiyopiya.
11
Akuyi kucanda kulo unyawo lwomntu, akuyi kucanda kulo nonyawo lwesilo; lalingayi kumiwa iminyaka engamashumi mane.
12
Ndandiya kulenza ilizwe le‐Jipete libe yingcitakalo pakati kwamazwe acitakeleyo, nezixeko zayo, pakati kwezixeko ezenzwe bunxuwa, zoba yingcitakalo iminyaka engamashumi mane: nama‐Jipete ndiya kuwati sa pakati kwentlanga, ndiwacite pakati kwamazwe.
13
Noko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ekupeleni kweminyaka imashumi mane, ndiya kubuta ama‐Jipete ezizweni apo abetelwe sa kona.
14
Ndandiya kubuyisa ukutinjwa kwama‐Jipete, ndiwabuyisele elizweni le‐Patrose, elizweni lokuzalwa kwawo; aeya kubako kona ebubukumkani obutobekileyo.
15
Boba butobekile kubo bonke ubukumkani; kanjalo abusayi kubuya buzipakamise pezu kwentlanga: ngokuba ndiya kuwancipisa, ukuze angapati ubukosi pezu kwentlanga.
16
Baye bungayi kubuya bube litemba lendlu ka‐Sirayeli, elikumbuza ityala, ngokubeka kwabo emva kwawo; aeya kukwazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova.
17
KWAYE kute ngomnyaka wamashumi mabini anesixe̔nze, ngeyokuqala inyanga, ngowokuqala umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova kum, lisiti:
18
Nyana woluntu! u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone wayikonzisa impi yake inkonzo enkulu ngakuyo i‐Tire; zonke intloko zenziwa bunqai, nawo onke amagxalaba obulwa; kanti umvuzo ubungeko kuye, nakuyo impi yake, uvela kwi‐Tire, ngenxa yenkonzo abeyikonza ngakuyo.
19
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunika u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ilizwe le‐Jipete; oya kususa isihlwele salo, atimbe amaxoba alo, apange impango yalo; lona loba ngumvuzo wempi yake.
20
Ngenxa yomsebenzi wake abekonza ngawo ngakuyo, ndimnikile ilizwe le‐Jipete, ngokuba bewenzele mna, itsho inkosi e nguyehova.
21
Ngomhla lowo ndiya kuhlumisa upondo lwendlu ka‐Sirayeli; nakuwe ndiya kunika ukuvulwa kwomlomo pakati kwabo; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 30 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48